Uncedo lweZifundo
Nyelisa, Sinyeliso


Nyelisa, Sinyeliso

Kukuthetha ngokungenantlonipho okanye ngokungenanzolo ngoThixo okanye izinto ezingcwalisiweyo.

UYesu watyholwa amaxesha aliqela ngamaYuda ngokuthetha ngokunyelisa ngenxa yokubanga ilungelo lokuxolela izono (Mat. 9:2–3; Luka 5:20–21), ngokuba wazibiza Yena ngokuthi unguNyana kaThixo (Yoh. 10:22–36; 19:7), nangenxa yokuba wathi Baya kumbona Yena ehleli ngasekunene kwamandla kwaye esiza emafini asezulwini (Mat. 26:64–65). Ezi zityholo ngezaziyinene ukuba akathanga ngenene Yena ukuko konke oko Yena wakutshoyo. Isityholo esaziswa ngokuchasene Naye ngamangqina abubuxoki etyaleni phambi kombingeleli omkhulu (Mat. 26:59–61) owaye sisinyeliso ngokuchasene netempile kaThixo. Isinyeliso esichasene noMoya oyiNgcwele, esimkhanyelayo uKrestu emva kokwamkela ulwazi olugqibeleleyo Lwakhe, sisono esingaxolelwayo (Mat. 12:31–32; Marko 3:28–29; I&M 132:27).