Uncedo lweZifundo
Vuko


Vuko

Ukudibana kwakhona komzimba womoya nomzimba wenyama namathambo emva kokufa. Emva kovuko, umoya nomzimba azinakuze ziphinde zohlulwe, nomntu uya kuba nokungafi. Wonke umntu ozalwa emhlabeni uya kuvuka ngenxa yokuba uYesu Krestu wakoyisa ukufa (Ⅰ Kor. 15:20–22).

UYesu Krestu waba ngumntu wokuqala ukuvuka kulo mhlaba (Izenzo 26:23; Kol. 1:18; Isityh. 1:5). ITestamente eNtsha inika ubungqina obubanzi bokokuba uYesu wavuka nomzimba Wakhe wasenyameni: ingcwaba Lakhe lalize, Yena wadla intlanzi nobusi, Yena waba nomzimba wenyama namathambo, abantu bamchukumisa, neengelosi zathi Yena uvukile (Marko 16:1–6; Luka 24:1–12, 36–43; Yoh. 20:1–18). Isityhilelo semihla yokugqibela siqinisekisa ubukho boVuko lukaKrestu nololuntu lonke (Alma 11:40–45; 40; 3 Nif. 11:1–17; I&M 76; Moses 7:62).

Bonke abantu abayi kuvukela ebuqaqawulini obufanayo (Ⅰ Kor. 15:39–42; I&M 76:89–98), nokuba bonke bengayi kuvuka ngexesha elifanayo (Ⅰ Kor. 15:22–23; Alma 40:8; I&M 76:64–65, 85; 88:96–102). AbaNgcwele abaninzi babevuswe emva koVuko lukaKrestu (Mat. 27:52). Amalungisa aya kuvuka phambi kwabakhohlakeleyo kwaye baya kuza phambili eluVukweni lokuqala (Ⅰ Tes. 4:16); aboni abangaguqukiyo baya kuza phambili eluvukweni lokugqibela (Isityh. 20:5–13; I&M 76:85).