Uncedo lweZifundo
Umhla weSabatha


Umhla weSabatha

Ngumhla ongcwele wokuphumla nokunqula obekelwe ecaleni qho ngeveki. Emva kokuba uThixo wadala zonke izinto, waphumla ngomhla wesixhenxe Kwaye wayalela ukuba usuku olunye qho ngeveki lube ngumhla wokuphumla ukunceda abantu bakhumbule Yena (Eks. 20:8–11).

Phambi koVuko lukaKrestu, amalungu eBandla ayeqwalasela umhla wokugqibela weveki njengeSabatha, njengoko ayesenza amaYuda. Emva koVuko, amalungu eBandla, nokokuba ngamaYuda okanye iiNtlanga, aqwalasela umhla wokuqala weveki (umhla weNkosi) ukukhumbula uVuko lweNkosi. IBandla namhlanje liqhubeka liqwalasela usuku olunye qho ngeveki njengomhla ongcwele wesabatha ekunqulwa uThixo ngalo lize liphumle emisebenzini yehlabathi.

ISabatha ikhumbuza abantu imfuno yabo yokondliwa ngokwasemoyeni nomsebenzi wabo wokuthobela uThixo. Xa isizwe sikhula ekungakhathaleni ekuqwalaseleni iSabatha, yonke imiba yobomi iyachaphazeleka kwaye ubomi benkolo buba nokonakala (Neh. 13:15–18; Yer. 17:21–27).