Uncedo lweZifundo
Eliyasi


Eliyasi

Kukho ukusetyenziswa okuliqela kwegama okanye itayitile uEliyasi kwizibhalo:

Eliya

UEliyasi kwiTestamente eNtsha (wesiGrike) uyimo kaEliya (ngesiHebhere), njengakuMat. 17:3–4, Luka 4:25–26, and Yak. 5:17. Kule mizekelo, uEliyasi wayengumprofeti wakudali uEliya obufundisi bakhe bubhalwe kooKumkani bo-1 nobe-2.

Umanduleli

UEliyasi kanjalo ligama lomnye ongumanduleli. Umzekelo, uYohane uMbhaptizi wayenguEliyasi ngokuba wayethunywe ukuba alungiselele indlela uYesu (Mat. 17:12–13).

Umbuyiseli

Igama uEliyasi kanjalo uthe wasetyenziswa kwabanye abathi baneemishini ezizodwa emabazizalisekise, njengoYohane uMtyhili (I&M 77:14) noGabriyeli (Luka 1:11–20; I&M 27:6–7; 110:12).

Yindoda kwixesha lokuzihlanganisela lika-Abraham

Umprofeti ekwakusithiwa nguIsayasi okanye uEsayasi owayephila ngokucacileyo ngemihla ka-Abraham (I&M 84:11–13; 110:12).