Izibhalo
INtshayelelo


INtshayelelo

IMfundiso neMinqophiso yingqokelela yezityhilelo ezinyulu nezibhengezo eziphenjelelweyo ezanikelwa ukumisa nokulawula ubukumkani bukaThixo emhlabeni ngemihla yokugqibela. Nangona obona buninzi bamacandelo bujoliswe kumalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, imiyalezo, izilumkiso, kwaye iziyalo zezokunceda lonke uluntu kwaye ziqulathe isimemo kubo bonke abantu kwiindawo zonke ukuze beve ilizwi leNkosi uYesu Krestu, ethetha kubo ngokulungiselela kwabo kwasenyameni nosindiso lwabo lwanaphakade.

Obona buninzi bezityhilelo kule ngqokelela babufunyenwe ngoJoseph Smith Omnci., umprofeti wokuqala nomongameli weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ezinye zaphuma ngabanye babalandeli bakhe kuBumongameli (bona kwizihloko ze I&M 135, 136, nele-138, neZibhengezo eziseMthethweni 1 nese-2).

Incwadi yeMfundiso neMinqophiso ngomnye wemisebenzi esemgangathweni yeBandla ikhatshwa yiBhayibhile eNgcwele, iNcwadi kaMormoni, nePerile yeXabiso eLikhulu. Nokuba, iMfundiso neMinqophiso zizodwa ngenxa yokuba azilulo uguqulelo loxwebhu lwamandulo, kodwa zizezesiqalo samaxesha angoku kwaye zinikwe nguThixo ngabaprofeti Bakhe abakhethiweyo bobuyiselo lomsebenzi Wakhe ongcwele nommiselo lobukumkani bukaThixo emhlabeni kule mihla. Kwizityhilelo, oyedwa uva ilizwi elithambileyo kodwa lomelele leNkosi uYesu Krestu, ithetha ngokutsha kwixesha lokuzaliseka kwamaxesha; nomsebenzi oqalisiweyo kuzo lulungiselelo lokuBuya Kwayo okweSibini, ekuzalisekisweni nakwimvisiswano kunye namazwi abo bonke abaprofeti abangcwele ukususela ihlabathi laqalekayo.

UJoseph Smith Omnci. wazalwa ngoDisemba 23, 1805, eSharon, eWindsor Khawunti, eVermont. Ebutsheni bobomi bakhe, wafudukela nosapho lwakhe kwindawo namhlanje eyiManchester, entshonalanga yaseNew York. Kwakungethuba awayehlala apho eManchester kwintwasahlobo ye-1820, xa wayeneminyaka elishumi elinesine ubudala, waba namava ombono wakhe wokuqala, kuwo watyelelwa ubuqu nguThixo, uBawo waNaphakade, noNyana Wakhe uYesu Krestu. Waxelelwa kulo mbono okokuba iBandla likaYesu Krestu eliyinene elalimiselwe ngamaxesha eTestamente eNtsha, nelalilungiselelwe ukuzalisekiswa kwevangeli, lalingasekho emhlabeni. Ezinye iimbonakaliso ezinyulu ezalandela kuzo ufundiswe ziingelosi ezininzi; kwabonakaliswa kuye ukuba uThixo wayenomsebenzi okhethekileyo olungiselelwe yena amakawenze emhlabeni nokokuba ngaye iBandla likaYesu Krestu laliza kubuyiselwa emhlabeni.

Ekuhambeni kwexesha, uJoseph Smith wancedwa luncedo olunyulu ukuguqula nokupapasha iNcwadi kaMormoni. Kwesi sithuba yena no-Oliver Cowdery bamiselwa kuBubingeleli buka-Aron nguYohane uMbhaptizi ngoMeyi 1829 (bona I&M 13), kwaye kamsinya emva koko kanjalo bamiselwa kuBubingeleli bukaMelkitsedeke nguMpostile wamandulo uPetros, uYakobi, noYohane (bona I&M 27:12). Eminye imimiselo yalandela kuyo ekwakunikezelwa izitshixo phezu kwayo nguMoses, uEliya, uEliyasi, nabaprofeti abaninzi bamandulo (bona I&M 110; 128:18, 21). Le mimiselo ngenyaniso, yayilubuyiselo lwegunya elinyulu ebantwini emhlabeni. NgoAprili 6, 1830, phantsi kolawulo lasezulwini, uMprofeti uJoseph Smith waseka iBandla, kwaye njalo iBandla likaYesu Krestu eliyinene kwakhona ngelinye ixesha liyasebenza njengeziko phakathi kwabantu, linegunya lokufundisa ivangeli nokusebenzisa imimiselo yosindiso. (Bona I&M 20; nePerile yeXabiso eLikhulu, iMbali—kaJoseph Smith 1.)

Ezi zityhilelo zinyulu zifunyenwe ekuphendulweni umthandazo, ngamaxesha entswelo, kwaye zaphuma kwiimeko zobomi benyani ziquka abantu benyani. UMprofeti namadlelane akhe bafuna isikhokelo esinyulu, kwaye ezi zityhilelo zingqina okokuba basifumana. Kwizityhilelo, omnye ubona ubuyiselo nokukhululwa kwevangeli kaYesu Krestu nokungeniswa ngaphakathi kwexesha lokuzihlanganisela likaThixo lokuzalisekiswa kwamaxesha. Nemfuduko yangasentshonalanga yeBandla ivela eNew York nasePennsylvania ukuya eOhio, ukuya eMissouri, ukuya eIllinois, nasekugqibeleni eGreat Basin yeAmerika esentshonalanga nemizabalazo enamandlakazi yabaNgcwele ekuzameni ukwakha iZiyon emhlabeni emaxesheni angoku kanjalo iyabonakaliswa ukuya phambili kwezi zityhilelo.

Amacandelo aliqela angaphambili aquka imiba ephathelele kuguqulelo nopapasho lweNcwadi kaMormoni (bona amacandelo 3, 5, 10, 17, ne-19). Amanye amacandelo amva abonisa umsebenzi woMprofeti uJoseph Smith ekwenzeni uguqulelo oluphenjelelweyo lweBhayibhile, ekubeni amacandelo amaninzi emfundiso enkulu ayefunyenwe (bona, umzekelo, amacandelo 37, 45, 73, 76, 77, 86, 91, nele-132, ngalinye lawo linonxibelelwano oluthile oluthe ngqo kuguqulelo lweBhayibhile).

Kwizityhilelo, iimfundiso zevangeli zenziwe zazeka ngeenkcazelo ngemiba abalulekileyo enjalo njengendalo yentloko yobuThixo, imvelaphi yomntu, isisiqinisekiso ngoSathana, injongo yokuba nokufa, imfuneko yokuthobela, imfuneko yokuguquka, imisebenzi kaMoya oyiNgcwele, imimiselo nezenzo eziphathelele elusindweni, okomhlaba okuya kwenzeka, iimeko zexesha elizayo zomntu emva koVuko noMgwebo, ukuba ngunaphakade kolwalamano lomtshato, nendalo yanaphakade yosapho. Ngokunjalo, nokuya kusombululeka kohlobo lokulawula lweBandla kuboniswe ngobizo lweebhishophu, uBumongameli boKuqala, neQumrhu labaLishumi elineSibini, nabangamaShumi aSixhenxe nesiseko samanye amagosa ongamelayo neekhoram. Ekugqibeleni, ubungqina obunikwe ngoYesu Krestu—ubunyulu Bakhe, ubukhosi Bakhe, ukugqibelela Kwakhe, uthando Lwakhe, namandla Akhe akhululayo—benza le ncwadi ibe nexabiso elikhulu elusatsheni loluntu ne “xabisa eBandleni ubutyebi boMhlaba wonke” (bona isihloko seI&M 70).

Izityhilelo ekuqaleni zazibhalwe ngoonobhala bakaJoseph Smith namalungu eBandla besabelana omnye nomnye ngenzondelelo ngeekopi ezibhalwe ngesandla. Ekudaleni irekhodi esisigxina ngakumbi, oonobhala kamsinyane bakopela ezi zityhilelo kwiincwadi ezirekhodiweyo eziyimibhalo-ngqangi, ezasetyenziswa ziinkokeli zeBandla ekulungiseleleni izityhilelo ekubeni zishicilelwe. UJoseph nabaNgcwele bakuqala bazilolonga izityhilelo njengoko benza njalo kwiBandla: beyekela, izinto ezitshintsha-tshintshayo, zilawulwe lucokisiso ngesityhilelo esongezelelweyo. Kanjalo baqaphela ukuba iziphoso zathi zaba nokwenzeka kwinkqubo yokukopa izityhilelo nasekuzilungiseleleni upapasho. Kungoko, inkomfa yeBandla yacela uJoseph Smith ngowe-1831 ekubeni “alungise iziphoso okanye iimpazamo anokuthi azifumane ngoMoya oyiNgcwele.”

Emva kokuba izityhilelo zathi zahlolwa kwakhona kwaye zalungiswa, amalungu eBandla eMissouri aqalisa ukushicilela incwadi egama lithi A Book of Commandments for the Government of the Church of Christ, (Incwadi yeMiyalelo yoLawulo lweBandla likaKrestu) eyayiqulathe uninzi lwezityhilelo zokuqala zoMprofeti. Inzame yokuqala yokupapasha izityhilelo yaphela nje, xa iqela lezaphuli-mthetho latshabalalisa iofisi yoshicilelo yabaNgcwele eJackson Khawunti, ngoJulayi 20, 1833.

Emva kokuva ngokutshatyalaliswa kweofisi yoshicilelo yaseMissouri, uJoseph Smith nezinye iinkokeli zeBandla baqalisa amalungiselelo okupapasha izityhilelo eKirtland, eOhio. Kwakhona balungisa iziphoso, bacacisa indlela yokuthetha, nokunakana uphuhliso kwimfundiso yeBandla nombutho. UJoseph Smith wongamela uhlelo lweziqendwana zezinye izityhilelo ezilungiselela upapasho ngowe-1835 njenge Doctrine and Covenants of the Church of the Latter Day Saints (Mfundiso neMinqophiso yeBandla labaNgcwele beMihla yokuGqibela). UJoseph Smith wagunyazisa olunye uhlelo lweMfundiso neMinqophiso, olwapapashwa kanye emva kweenyanga zofelo-lukholo loMprofeti ngowe-1844.

AbaNgcwele beMihla yokuGqibela bakuqala babezixabise kakhulu izityhilelo kwaye bezikhangela njengemiyalezo evela kuThixo. Ngelinye ithuba ngowe-1831, abadala abaliqela beBandla banika ubungqina obundilisekileyo bokuba iNkosi yathi yangqina emiphefumlweni yabo ukunyaniseka kwezityhilelo. Obu bungqina bapapashwa kuhlelo lweMfundiso neMinqophiso ngowe-1835 njengobungqina obubhaliweyo baBapostile abaLishumi elineSibini:

Ubungqina
baBapostile abaLishumi elineSibini Enyanisweni
yeNcwadi yeMfundiso neMinqophiso

Ubungqina baMangqina ngeNcwadi yeMiyalelo yeNkosi, imiyalelo leyo yayinika iBandla Layo ngoJoseph Smith, Omnci., owayonyulelwe le njongo ngelizwi leBandla:

Ke ngoko, siziva sikhululekile ukunika ubungqina kulo lonke ihlabathi loluntu, kuzo zonke izidalwa eziphezu kobuso bomhlaba, ukuba iNkosi inike ubungqina emiphefumlweni yethu, ngoMoya oyiNgcwele othululelwe ngaphambili phezu kwethu, ukuze le miyalelo inikwe ngempembelelo kaThixo, ize incede bonke abantu kwaye iyinene kakhulu.

Sinika obu bungqina ehlabathini, iNkosi ingumncedi wethu; kwaye kungobabalo lukaThixo uYise, noNyana Wakhe, uYesu Krestu, okokuba sivunyelwe ukuba neli lungelo lilodwa lokunika obu bungqina ehlabathini, esigcoba ngokugqithisileyo kulo, sithandaza iNkosi rhoqo okokuba abantwana babantu babe nokuncedakala ngabo.

Amagama abaLishumi elineSibini aye:

  • Thomas B. Marsh

  • David W. Patten

  • Brigham Young

  • Heber C. Kimball

  • Orson Hyde

  • William E. McLellin

  • Parley P. Pratt

  • Luke S. Johnson

  • William Smith

  • Orson Pratt

  • John F. Boynton

  • Lyman E. Johnson

Okulandela iintlelo zeMfundiso neMinqophiso, izityhilelo ezongezelelweyo okanye eminye imiba yerekhodi zongezelelwe, njengoko zifunyanwe kwaye njengoko zamkelwe ziintlanganiso ezinobuchule okanye iinkomfa zeBandla. Uhlelo lowe-1876 olwalulungiswe nguMdala Orson Pratt phantsi kolawulo lukaBrigham Young, lwacwangcisa izityhilelo ngokokuzimisa ngokweziganeko namaxesha azo waza wanika izihloko ezitsha ezineentshayelelo zembali.

Kuqalwa ngohlelo lowe-1835, uthotho lwezifundo ezisixhenxe lwemfundiso engoThixo kanjalo zabandakanywa; ezi zabizwa Lectures on Faith (Iimfundiso ngoKholo). Ezi zazithe zalungiselelwa usetyenziso kwiSikolo saBaprofeti eKirtland, eOhio, ukususela ngowe-1834 ukuya kowe-1835. Nangona ziluncedo kwimfundiso nomyalelo, ezi mfundiso zithe zashiyelelwa kwiMfundiso neMinqophiso ukusuka kuhlelo lowe-1921 ngenxa yokuba zazinganikwanga okanye zaziswe njengezityhilelo eBandleni lilonke.

Ngowe-1981 uhlelo lwesiNgesi lweMfundiso neMinqophiso, amaxwebhu amthathu aye bandakanyiwa okukuqala. La ngamacandelo 137 ne 138, enza kwazeke iziseko zosindiso lwabafileyo: neSibhengezo esiseMthethweni 2, kwaziswa okokuba onke amadoda afanelekileyo angamalungu eBandla anokumiselwa kububingeleli kungajongwe buhlanga okanye bala.

Uhlelo ngalunye olutsha lweMfundiso neMinqophiso lulungise iziphoso zangaphambili nolwazi olutsha olongeziweyo, ingakumbi iziqephu eziyimbali yezihloko zamacandelo. Uhlelo lwanamhla lusaqhubekeka lucokisisa imihla namagama eendawo luze lwenze nezinye izilungiso. Olu tshintsha-tshintsho luthe lwenziwa ukwenzela amanqaku angqinelane ngokuchaneke ngaphezulu kulwazi oluyimbali. Ezinye iimpawu zolu hlelo lwakutsha nje zibandakanya uqwalaselo kwakhona lweemaphu ezibonisa iindawo ezibalulekileyo zelizwe apho izityhilelo zafunyanelwa khona, kudibanisa neefoto eziphuculiweyo zeendawo eziyimbali zeBandla, izalathiso ezalatha kwezinye iindawo , izihloko zamacandelo, nezishwankathelo zemixholo, konke oku kuyilelwe ukunceda abafundi banqonde kwaye bagcobe kumyalezo weNkosi njengoko unikiwe kwiMfundiso neMinqophiso. Ulwazi lwezihloko zamacandelo luthatyathwe kwiMbalo-ngaqangi weMbhali yeBandla epapashiweyo History of the Church (neMbali yeBandla) (ngokuhlanganisiweyo lujongwa kwizihloko njengembali kaJoseph Smith) eJoseph Smith Papers (Maphepha kaJoseph Smith).