Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 71


Icandelo 71

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, eHiram, eOhio, Disemba 1, 1831. UMprofeti uqhubekile eguqulela iBhayibhile noSidney Rigdon njengonobhala wakhe kwade kwafunyanwa esi sityhilelo, ngexesha elo sasisabekelwe ecaleni okwethutyana ukuze bancedeke ekuzalisekiseni umyalelo onikwe kulo mba. Abazalwana babemele ukuya ngaphambili bashumayele ukwenzela ukudambisa iimvakalelo ezinobutshaba ezazikhulile ngokuchasene neBandla njengesiphumo sopapasho lweeleta ezazibhalwe nguEzra Booth, owayethe wakreqa.

1–4, UJoseph Smith noSidney Rigdon bathunyelwa ngaphambili babhengeze ivangeli; 5–11, Iintshaba zabaNgcwele ziya koyiswa.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi kuni zicaka zam Joseph Smith, Omnci., anoSidney Rigdon, okokuba ixesha inene lifikile elokuba kuyimfuneko kum ukuba nibe nivula imilomo yenu bekubhengezeni ivangeli yam, izinto zobukumkani, nicacisa ciimfihlelo zoko kuphuma ezibhalweni, ngokunxulumene naloo nxalenye yoMoya namandla aya kunikwa nina, nkqu njengoko ndiya kuthanda.

2 Inene ndithi kuni, bhengezani elizweni ezingingqini ezingqongileyo, nasebandleni njalo, kangangethuba lexesha, nkqu kube kuya kwenziwa kwazeke kuni.

3 Inene lo ngumsebenzi wexesha, endiwunika nina.

4 Ngako oko, sebenzani esidiliyeni sam. Bizani abemi bomhlaba, nize ninike ubungqina, kwaye nilungiselele indlela imiyalelo nezityhilelo ezisezayo.

5 Ngoku, qaphelani obu bubulumko; lowo ufundayo, mvumeleni aaqonde kananjalo bamkele;

6 Kuba kulowo wamkelayo kuya kunikwa akakhulu ngakumbi, nkqu amandla.

7 Ngako oko, abhidanisani iintshaba zenu; zibizeni bzidibane nani kunye esidlangalaleni nangasese; nanjengokuba nithembekile ihlazo lazo liya kwenziwa libonakale.

8 Ngako oko, zivumeleni zizise ngaphambili izizathu zazo ezomeleleyo ngokuchasene neNkosi.

9 Inene, itsho njalo iNkosi kuni—akukho asixhobo esenzelwe ukuchasa nina esiya kuphumelela;

10 Kwaye ukuba nawuphina umntu ophakamisa ilizwi lakhe ngokuchasene nani uya kubhidaniswa ngexesha lam elifanelekileyo.

11 Ngako oko, gcinani imiyalelo yam; iyinene kwaye ithembekile. Nkqu kunjalo. Amen.