Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 123


Icandelo 123

Umsebenzi wabaNgcwele ngokunxulumene nabatshutshisi babo, njengoko kubhalwe nguJoseph Smith uMprofeti ngexesha esentolongweni eLiberty, eMissouri. Eli candelo lisisicatshulwa esivela kwileta eya eBandleni ebhalwe ngoMatshi 20, 1839 (bona kwisihloko secandelo 121).

1–6, AbaNgcwele bamele ukuqokelela baze bapapashe ingxelo yeembandezelo zabo neentshutshiso; 7–10, Umoya ofanayo omise izivumo zokholo ezibubuxoki kanjalo ukhokelela kwintshutshiso yabaNgcwele; 11–17, Abaninzi phakathi kwazo zonke iinkolo baseza kuzuza inyaniso.

1 Kwaye kwakhona, besinokucebisa ingcamango yenu ngokufaneleka kwabo bonke abangcwele ekuhlanganiseni ulwazi lwawo onke amanqaku, neembandezelo nempatho-mbi ebekwe phezu kwabo ngabantu besi Siteyiti;

2 Kananjalo zonke iipropati nobungakanani bomonakalo abawufumeneyo, zombini okwezimo nokungxwelerheka kwabantu abathile, kwakunye nepropati uqobo;

3 Kananjalo namagama abo bonke abantu ababenesandla kwiingcinezelo zabo, kangangoko benako ukuwafumana baze bawazi.

4 Kwaye mhlawumbi ikomiti inako ukunyulwa ekufumaneni ezi zinto, nokuthatha iingxelo neengxelo ezifungelweyo; kananjalo ekuqokeleleni upapasho olunezigxeko olungumarhe;

5 Kwaye konke okukwiimagazini, nokukwiintyilalwazi, nazo zonke iimbali ezigxekayo ezipapashiweyo, kwaye kukho imibhalo, kwaye ngayo, kwaye zizisa lonke uluhlu lwezinto zobundlavini obukhohlakele kakhulu nonkwalambiso olukhohlakele nolunobugebenga oluthe lwenziwa phezu kwaba bantu—

6 Ukuze singabi nakupapasha kuphela kulo lonke ihlabathi, kodwa siwase kwiintloko zoburhulumente kulo lonke ibala labo elimnyama nelikhohlakeleyo, njengomzamo wokugqibela odityaniselwe kuthi nguBawo wethu oseZulwini, phambi kokuba sibe nako ukubanga ngokuzeleyo nokugqibeleleyo eso sithembiso esiya kumbizela ngaphambili esuka akwindawo yakhe efihlakeleyo; kananjalo ukuze isizwe sonke sibe nokushiywa ngaphandle kwesizathu phambi kokuba abenako ukuthumela ngaphambili amandla engalo yakhe enamandlakazi.

7 Ngumsebenzi obalulekileyo esiwutyala uThixo, kwiingelosi, ngawo esiya kuziswa ekumeni, kananjalo eziqwini zethu, emakhosikazini ethu nabantwana, ababenziwe baqubuda phantsi ngentlungu, usizi, nokukhathala, phantsi kwesandla esona sigwebayo sokubulala, imbandezelo, nengcinezelo, ezixhaswe zaza zakhuthazwa kwaye zaxhaswa yimpembelelo yaloo moya othe njalo watsala ngamandla izivumo zokholo loobawo, abafumene ilifa lobuxoki, phezu kweentliziyo zabantwana, waza wazalisa ihlabathi ngesiphithiphithi, kwaye ubukhula usomelela ngakumbi nangakumbi, kwaye ngoku usesona sizathu sikhulu sako konke ukonakala, kwaye aumhlaba wonke uncwina phantsi kobunzima benkohlakalo yawo.

8 aYidyokhwe yentsimbi, yimbophelelo eyomeleleyo; bazizikhonkxi kanye, namatyathanga, namakhamandela, neziqamangelo zesihogo.

9 Ke ngoko ngumsebenzi obalulekileyo esiwutyalayo, ingekuko kuphela emakhosikazini wethu nabantwana, kodwa kubahlolokazi nabangenayise, ababayeni noyise abathe ababulawa phantsi kwesandla sawo sentsimbi;

10 Zenzo ezo zimnyama nezenza mnyama ngokwaneleyo ekubeni zenze isihogo ngokwaso singcangcazele, size sime sothukile, kwaye simpatshampatsha, nezandla kanye zo-mtyholi zingcangcazele zize zibe nedumbe.

11 Kananjalo ngumsebenzi obalulekileyo esiwutyala sonke isizukulwana esikhulayo, nakubo bonke abahlambulukileyo ezintliziyweni—

12 Kuba basebaninzi emhlabeni phakathi kwazo zonke iinkolo, amaqela, neemvaba, aabamfanyekiswe bubuqhetseba babantu obuza kancinane, ngabo balindele ukukhohlisa, nabo kuphela bagcinwe bengayazi inyaniso ngenxa yokuba babazi apho bangayifumana khona—

13 Ke ngoko, kuba simele sichithe kwaye sidinise ubomi bethu ekuziseni ekukhanyeni zonke izinto aezifihlakeleyo zobumnyama, ngazo esazi zona; kwaye zibonakaliswa ngokwenene ezulwini—

14 Ezi zimele ngoko ukukhathalelwa ngenyameko enkulu.

15 Makungabikho mntu ozibalela njengezinto ezincinane; kuba kuninzi okulele kwixesha elizayo, ngokunxulumene nabangcwele, okuxhomekeke kwezi zinto.

16 Niyazi, bazalwana, okokuba inqanawa enkulu kakhulu aincedakala kakhulu ngevili elincinane kakhulu lokuqhuba ngexesha loqhwithela, ngokugcinwa isebenzana nomoya namaza.

17 Ke ngoko, bazalwana abathandekayo, masenzeni izinto zonke angokuchwayita ezilele emandleni ethu; kwaye ngoko sibe nokuma ngokuzolileyo, ngokuqiniseka kokugqibela, ekuboneni busindiso lukaThixo, nokuba ingalo yakhe ibe nokutyhilwa.