Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 73


Icandelo 73

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, eHiram, eOhio, Januwari 10, 1832. Ukususela kwinxenye esentsha kaDisemba owanduleleyo, uMprofeti noSidney babexakekele ekushumayeleni, kwaye ngale ndlela okuninzi kwaphumelela ekuthothiseni iimvakalelo ezingemnandanga ebezinyukile ngokuchasene neBandla (bona isihloko secandelo 71).

1–2, Abadala bamele ukuqhubeka beshumayela; 3–6, UJoseph Smith noSidney Rigdon bamele ukuqhubeka beguqulela iBhayibhile ide ibe igqityiwe.

1 Kuba inene, itsho njalo iNkosi, kufanelekile kum okukuba aabanye bamele ukuqhubeka beshumayela ivangeli, nakuvuselelo emabandleni kwiingingqi ezingqongileyo, kude kube yinkomfa;

2 Kwaye ngoko, qaphelani, kuya kwenziwa kwazeke kubo, angelizwi lenkomfa, imisebenzi yabo eliqela.

3 Ngoku, inene ndithi kuni zicaka zam, Joseph Smith, Omnci., noSidney Rigdon, itsho iNkosi, akufanelekile bukuguqulela kwakhona;

4 Kwaye, kangangoko kunokwenzeka, ukushumayela kwingingqi ezingqongileyo kude kube yinkomfa; nasemva koko kufanelekile ukuqhuba umsebenzi woguqulelo ude ube ugqityiwe.

5 Kwaye oku kuze kube ngumzekelo ebadaleni bade baziswe ngakumbi, nkqu njengoko kubhaliwe.

6 Ngoku andininiki okungakumbi ngeli xesha. aBhinqani izinqe zenu kwaye niqiqe. Nkqu kunjalo. Amen.