Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 108


Icandelo 108

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Disemba 26, 1835. Eli candelo lafunyanwa ngesicelo sikaLyman Sherman, obemiselwe ngaphambili waba ngowamashumi asixhenxe nalowo weza kuMprofeti nesicelo sesityhilelo esenza kwazeke umsebenzi wakhe.

1–3, ULyman Sherman uxolelwe izono zakhe; 4–5, Uza kubalwa kunye nabadala abakhokelayo beBandla; 6–8, Ubizelwa ukushumayela ivangeli nokomeleza abazalwana bakhe.

1 Inene itsho njalo iNkosi kuwe, sicaka sam Lyman: Izono zakho zixolelwe, ngenxa yokuba uthobele ilizwi lam ngokunyukela apha ngale ntsasa ufumane icebiso lalowo ndimonyulileyo.

2 Ke ngoko, amawuphumle umphefumlo wakho ngokunxulumene nokuma kwakho ngokwasemoyeni, ube ungasakuphindi ukuchasana nelizwi lam.

3 Kwaye phakama uze ulumke ngakumbi ukususela ngoku ekuqwalaseleni izifungo zakho, ozenzileyo waza wazenza, kwaye uya kusikelelwa ngentsikelelo enkulu ngokugqithileyo.

4 Linda ngomonde kude kube ayintlanganiso endilisekileyo eya kubizwa zizicaka zam, ngoko ke uya kukhunjulwa kunye nabadala bam bokuqala, uze ufumane ilungelo ngomiselo kunye nentsalela yabadala bam endibakhethileyo.

5 Qaphelani, esi asisithembiso sikaBawo kuwe ukuba uqhubekeka uthembekile.

6 Kwaye siya kuzalisekiswa phezu kwakho ngaloo mhla oya kuba nelungelo alokushumayela ivangeli yam naphina apho ndiya kukuthumela khona, ukususela ngoku nokususela kweloo xesha.

7 Ke ngoko, ayomeleza abazalwana bakho kuyo yonke incoko yakho, kuyo yonke imithandazo yakho, kuzo zonke iimvuselelo zakho, nakuzo zonke izenzo zakho.

8 Kwaye qaphelani, kwaye yabona, ndikunye nawe ukukusikelela anokukukhulula ngonaphakade. Amen.