Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 97


Icandelo 97

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Agasti 2, 1833. Esi sityhilelo siphathelele ingakumbi nemicimbi yabaNgcwele eZiyon, eJackson Khawunti, eMissouri, kuphendulwa isicelo soMprofeti eNkosini ngokwazi. Amalungu eBandla eMissouri ngeli xesha ayephantsi kwentshutshiso emandla kwaye, ngoJulayi 23 1833, anyanzeliswa ukutyikitya isivumelwano sokushiya iJackson Khawunti.

1–2, Abaninzi babaNgcwele eZiyon (Jackson Khawunti, eMissouri) basikelelwe ngenxa yokuthembeka kwabo; 3–5, UParley P. Pratt unconywa ngenxa yemisebenzi yakhe esikolweni eZiyon; 6–9, Abo bayiqwalaselayo iminqophiso yabo bamkelwe yiNkosi; 10–17, Indlu imele ukwakhiwa eZiyon apho abanyulu ezintliziyweni baya kubona uThixo; 18–21, IZiyon ingabanyulu entliziyweni; 22–28, IZiyon iya kuphuncuka kwisibetho seNkosi ukuba ithembekile.

1 Inene ndithi kuni bahlobo bam, ndithetha kuni ngelizwi lam, nkqu ngelizwi loMoya wam, ukuze ndibe nokubonisa kuni intando yam ngokunxulumene nabazalwana benu kumhlaba aweZiyon, abaninzi babo bathobeke ngokwenene kwaye bafuna ngenkuthalo ukufunda ubulumko nokufumana inyaniso.

2 Inene, inene ndithi kuni, basikelelekile abanjalo, kuba baya kuzuza; kuba mna, iNkosi, ndibonisa inceba kubo bonke aabanobulali, naphezu kwabo bonke endiya kuthanda, ukuze ndibe ndilungisile xa ndiya kubazisa emgwebeni.

3 Qaphelani, ndithi kuni, ngokunxulumene anesikolo eZiyon, mna, iNkosi, ndikholisekile okokuba makubekho isikolo eZiyon, kananjalo kunye nesicaka sam buParley P. Pratt, kuba ehleli kum.

4 Kwaye njengokuba eqhubeka ekuhlaleni kum uya kuqhubeka ekongameleni isikolo kumhlaba weZiyon ndibe ndiya kunikela eminye imiyalelo.

5 Kwaye ndiya kumsikelela ngeentsikelelo eziphindaphindiweyo, ekucaciseni zonke izibhalo neemfihlelo ekuhlaziyekeni kwesikolo, nokwebandla eZiyon.

6 Kwaye kwintsalela yesikolo, mna, iNkosi, ndiyathanda ukubonisa inceba; nangona kunjalo kukho abo bamele aukukhalinyelwa, kwaye imisebenzi yabo iya kwenziwa yazeke.

7 aIzembe selibekwe engcanjini yemithi; kwaye yonke imithi engavelisi bsiqhamo sihle iya igawulelwa phantsi ize iphoswe emlilweni. Mna, iNkosi, ndikuthethile.

8 Inene ndithi kuni, bonke phakathi kwabo bazaziyo aiintliziyo zabo ukuba bzinyanisekile, kwaye zaphukile, kwaye oomoya babo batyumkile, kwaye cbayathanda ukuqwalasela iminqophiso yabo dngokuncama—ewe, lonke idini mna, iNkosi, endiya kuliyalela—ebamkelekile kum.

9 Kuba mna, iNkosi, ndiya kubenza bazise ngaphambili njengomthi kanye oxakathe iziqhamo otyalwe emhlabeni olungileyo, ngasemjelweni onyulu, ovelisa isiqhamo esixabiseke ngakumbi.

10 Inene ndithi kuni, okokuba yintando yam ukuba aindlu imele ukwakhelwa kum kumhlaba weZiyon, bnjengomfuziselo endiwunike nina.

11 Ewe, mayakhiwe ngokukhawuleza, ngezishumi zabantu bam.

12 Qaphelani, ezi azizishumi nedini mna, iNkosi, endilifunayo ezandleni zabo, ukuze kube nokubakho bindlu eyakhelwe usindiso lweZiyon kum—

13 Indawo yokunika aimibulelo yabo bonke abangcwele, nendawo yemiyalelo yabo bonke ababizelwe kumsebenzi wobufundisi kuwo onke amaqela amabizo neeofisi;

14 Ukuze babe nokugqityeleliswa aekuqondeni kobufundisi babo, kwinkcazo eyingcingane, emgaqweni, nakwimfundiso, kuzo zonke izinto eziphathelele bkubukumkani bukaThixo emhlabeni, cizitshixo zobukumkani obunikelwe phezu kwenu.

15 Kwaye njengokuba abantu bam besakhela indlu kum egameni leNkosi, baze bangayekeli nayo nayiphina into aengcolileyo ukuba ingene kuyo, ukuze ingangcoliswa, bubuqaqawuli bam buya kuphumla phezu kwayo;

16 Ewe, anobuso bam buya kuba lapho, kuba ndiya kuza kuyo, kwaye bonke babahlambulukileyo entliziyweni baya kuya kuyo baya kumbona uThixo

17 Kodwa ukuba ingcolisiwe andiyi kuza kuyo, nobuqaqawuli bam abuyi kuba lapho; kuba andiyi kuya kwiitempile ezingangcwelanga.

18 Kwaye, ngoku, qaphelani, ukuba iZiyon yenza ezi zinto iya akuphumelela, ize izaneke ize ibe nobuqaqawuli kakhulu, kakhulukazi, nangokukhwankqisa kakhulu.

19 Kwaye aizizwe zomhlaba ziya kumbeka, kwaye ziya kuthi: Ngokuqinisekileyo biZiyon sisixeko sikaThixo wethu, kwaye ngokuqinisekileyo iZiyon ayinako ukuwa, ingenako ukushukunyiselwa ngaphandle kwendawo yayo, kuba uThixo ulapho, nesandla seNkosi silapho;

20 Kwaye ufungile ngamandla okomelela kwakhe ukuba lusindiso lwakhe anophondo lwayo oluphakamileyo.

21 Ke ngoko, inene, itsho njalo iNkosi, vumelani iZiyon igcobe, kuba le ayiZiyon—abahlambulukileyo entliziyweni; ke ngoko, vumelani iZiyon igcobe, ekubeni bonke abakhohlakeleyo beya kulila.

22 Kuba qaphelani, kwaye yabonani, aimpindezelo iza ngokukhawuleza phezu kwabangahloneli thixo njengesaqhwithi; kwaye ngubani oya kusiphepha?

23 aIsibetho seNkosi siya kudlula ngobusuku nangemini, kwaye nengxelo yaso iya kukhathaza bonke abantu; ewe, asiyi kumiswa ide iNkosi ize;

24 Kuba ukucaphuka kweNkosi kuphenjiwe ngokuchasene namasikizi abo nayo yonke imisebenzi yabo ekhohlakeleyo.

25 Nangona kunjalo, iZiyon iya akuphuncuka ukuba iqwalasela ukwenza zonke izinto naziphina endiyiyaleleyo.

26 Kodwa ukuba ayiqapheli kwenza nantoni na endiyiyalele yona, ndiya akuyindwendwela ngokunxulumene nemisebenzi yayo, ngeembandezelo ezibulilungu, bngeendyikitya zokufa, ngezibetho, ngekrele, cngempindezelo, dngomlilo otshisayo.

27 Nangona kunjalo, mayifundwe esi sihlandlo ezindlebeni zakhe, okokuba mna, iNkosi, ndiwamkele umnikelo wayo; nokokuba ayiphindi yone aakukho nanye yezi zinto eya kuza phezu kwayo;

28 Kwaye ndiya akuyisikelela ngeentsikelelo, ndize ndiphindaphinde uphindaphindo lweentsikelelo phezu kwayo, naphezu kwesizukulwana sayo ngonaphakade kanaphakade, itsho iNkosi yenu uThixo. Amen.