Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 91


Icandelo 91

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Matshi 9, 1833. UMprofeti ngeli xesha wayezibophelele eluguqulweni lweTestamente eNdala. Efike kuloo nxenye yemibhalo yamandulo ebizwa ngokuba yiApokrifa, wabuza eNkosini waza wafumana lo myalelo.

1–3, IApokrifa iguqulelwe phantse ngokuchanekileyo kodwa iqulethe ukufakelelwa ngezandla zabantu okuninzi okungeyiyo inyani; 4–6, Inceda abo bakhanyiselwe nguMoya.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuni ngokunxulumene aneApokrifa—Kukho izinto ezininzi eziqulathwe kuyo eziyinyani, kwaye iguqulelwe phantse ngokuchanekileyo;

2 Kukho izinto ezininzi eziqulathwe kuyo ezingeyiyo inyani, ezizizifakelelo ngezandla zabantu.

3 Inene, ndithi kuni, okokuba akufuneki ukuba iApokrifa iguqulelwe.

4 Ke ngoko, lowo uyifundayo, makavunyelwe aaqonde, kuba uMoya ubonakalisa inyaniso;

5 Kwaye lowo ukhanyiselweyo angoMoya uya kuzuza uncedo apho kuwo;

6 Kwaye lowo ungafumani ngoMoya, akanako ukuncedakala. Ke ngoko akufuneki okokuba iguqulelwe. Amen.