Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 106


Icandelo 106

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Novemba 25, 1834. Esi sityhilelo sijoliswe kuWarren A. Cowdery, umkhuluwa kaOliver Cowdery.

1–3, UWarren A. Cowdery ubizwa njengegosa elongameleyo lasekhaya; 4–5, UkuBuya kweSibini akuyi kubaphangela abantwana bokukhanya njengesela; 6–8, Iintsikelelo ezinkulu zilandela ukusebenza okuthembekileyo eBandleni.

1 Yintando yam okokuba isicaka sam uWarren A. Cowdery onyulwe aze amiselwe abe ngumbingeleli omkhulu owongamele ibandla lam, emhlabeni awaseFreedom neengingqi ezingqongileyo;

2 Kwaye ashumayele ivangeli yam yanaphakade, aze aphakamise ilizwi lakhe aze alumkise abantu, ingabi kuphela endaweni eyiyeyakhe, kodwa kwiikhawunti ezikufuphi;

3 Kwaye anikele ixesha lakhe lonke kolu bizo lukhulu nolungcwele, ngoku endilunika yena, aefuna ngenkuthalo bubukumkani bezulu nobulungisa babo, nazo zonke izinto ezi ziya kongezelelwa apho kubo; kuba cumsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.

4 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, aukuza kweNkosi bkusondele, kwaye kuphangela ihlabathi cnjengesela ebusuku—

5 Ke ngoko, bhinqani izinqe zenu, ukuze nibe ngabantwana abokukhanya, kwaye loo mhla awusayi bkuniphangela njengesela.

6 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, kwakukho uvuyo emazulwini xa isicaka sam uWarren waqubuda kwintonga yam yobukhosi, waza wazahlula ebuqhingeni babantu;

7 Ke ngoko, sisikelelekile isicaka sam uWarren, kuba ndiya kuba nenceba kuye; kwaye, nangona aenekratshi lentliziyo, ndiya kumphakamisa njengokuba eya kuzithoba phambi kwam.

8 Kwaye ndiya kumnika aubabalo nokuqiniseka apho anokuma khona; kwaye ukuba uqhubekeka elingqina elinyanisekileyo nokuba lukhanyiso ebandleni ndimlungiselele isithsaba bkwiindawo zokuhlala zikaBawo. Nkqu kunjalo. Amen.