Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 80


Icandelo 80

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisya kuStephen Burnett, eHiram, eOhio, Matshi 7, 1832.

1–5, UStephen Burnett noEden Smith babizelwa ukushumayela nakweyiphi na indawo abayikhethayo.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuwe sicaka sam Stephen Burnett: Yiya wena, yiya wena elizweni uze aushumayele ivangeli kuzo zonke izidalwa eziza phantsi kwesandi selizwi lakho.

2 Kwaye njengokuba unqwenela umlingane, ndiya kukunika isicaka sam uEden Smith.

3 Ngako oko, yiya wena uze ushumayele ivangeli yam, nokokuba kusemantla okanye emazantsi, empumalanga okanye entshonalanga, akunamsebenzi, kuba akunako ukulahleka.

4 Ke ngoko, bhengeza izinto ozivileyo, kwaye inene kholelwa, kwaye awazi ziyinene.

5 Qaphela, le yintando yalowo aukubizileyo, uMkhululi wakho, nkqu uYesu Krestu. Amen.