Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 129


Icandelo 129

Imiyalelo enikwe nguJoseph Smith uMprofeti, eNauvoo, eIllinois, Februwari 9, 1843, esenza kwazeke izitshixo ezithathu ezikhulu ngayo indlela elungileyo yolungiselelo lweengelosi noomoya babe nokwahluleka.

1–3, Kukho yomibini imizimba evukileyo neyomoya ezulwini; 4–9, Izitshixo zinikwe ngazo izithunywa ezivela ngentla kwesigqumathelo zinako ukwaziswa.

1 Kukho iintlobo ezimbini zeziqu azezulu, ezizezi: bIingelosi, eziziziqu cezivukileyo, ezinemizimba yenyama namathambo—

2 Kuba umzekelo, uYesu wathi: Ndibambe kwaye ubone, kuba umoya awunayo ainyama namathambo, njengoko undibona ndinazo.

3 Okwesibini: aoomoya bbabantu abalungileyo benziwa bagqibelela, abo bangavukanga, kodwa badla ilifa ubuqaqawuli obufanayo.

4 Xa isithunywa sisiza sisithi sinomyalezo ovela kuThixo, sinike isandla sakho kwaye usicele sixhawule izandla kunye nawe.

5 Ukuba sakube siyingelosi siya kukwenza njalo, kwaye uya kusiva isandla sayo.

6 Ukuba sakube singumoya womntu olungileyo owenziwe wagqibelela siya kuza sisebuqaqawulini baso; kuba oko kuphela kwendlela esinako ngayo ukubonakala—

7 Sicele sixhawule izandla kunye nawe, kodwa asiyi kushukuma, kuba kuphikisana nomyalelo wezulu ukuba umntu olungileyo akhohlise; kodwa sisaya kuwuhambisa umyalezo waso.

8 Ukuba mayibe angumtyholi enjengengelosi yokukhanya, xa nimcela axhawule izandla uya kuninika isandla sakhe, kwaye aniyi kuva nto; ninganako ke ngoko ukumbona.

9 Ezi zizitshixo ezithathu ezikhulu ngazo eninako ukwazi nokokuba naluphina ulungiselelo luvela kuThixo.