Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 23


Icandelo 23

Uthotho lwezityhilelo ezihlanu zinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eManchester, eNew York, Aprili 1830, sisiya kuOliver Cowdery, Hyrum Smith, Samuel H. Smith, Joseph Smith Omkhulu; noJoseph Knight Omkhulu. Njengesiphumo somnqweno onyanisekileyo kwinxenye yabantu abahlanu abaxeliweyo befuna ukwazi imisebenzi yabo ngokunxulumene neziqu zabo, uMprofeti wabuza eNkosini waza wafumana isityhilelo ngomntu ngamnye.

1–7, Aba bafundi basekuqaleni babizelwa ukushumayela, ukukhuthaza, nokomeleza iBandla.

1 Qaphela, ndithetha kuwe, Oliver, amazwi ambalwa. Qaphela, wena usikelelwe, kwaye ungekho ngaphantsi kwesigwebo. Kodwa lumkela aikratshi, hleze wena ungene bekuhendweni.

2 Yenza ubizo lwakho lwaziwe ebandleni, kananjalo phambi kwehlabathi, kwaye intliziyo yakho iya kuvulekela ukushumayela inyaniso ukususela ngoku nangonaphakade. Amen.

3 Qaphela, ndithetha kuwe, Hyrum, amazwi ambalwa; kuba nawe kanjalo awukho phantsi kwesigwebo, kwaye intliziyo yakho ivulekile, kwaye ulwimi lwakho lukhululekile; kwaye ubizo lwakho kukukhuthaza, anokomeleza ibandla uqhubekeka. Ngako oko umsebenzi wakho usebandleni ngonaphakade, kwaye oku kungenxa yosapho lwakho. Amen.

4 Qaphela, ndithetha amazwi ambalwa kuwe, aSamuel; kuba nawe awukho phantsi kwesigwebo, kwaye ubizo lwakho kukukhuthaza nokomeleza ibandla; kwaye wena awukathi ngoku ubizelwe ukushumayela phambi kwehlabathi. Amen.

5 Qaphela, ndithetha amazwi ambalwa kuwe, Joseph; kuba nawe kanjalo awukho phantsi kwesigwebo, kwaye ubizo lwakho kukukhuthaza, nokomeleza ibandla; kwaye lo ngumsebenzi wakho ukususela ngoku nangonaphakade. Amen.

6 Qaphela, ndibonakalisa kuwe, Joseph Knight, ngala mazwi, okokuba umele ukuthatha aumnqamlezo wakho, apho kuwo umele bukuthandaza cngelizwi elivakalayo phambi kwehlabathi nakanjalo njengasemfihlakalweni, nakusapho lwakho, naphakathi kwabahlobo bakho, nakuzo zonke iindawo.

7 Kwaye, qaphelani, ngumsebenzi wenu aukuzimanya nebandla eliyinyani, kwaye ninikwe ulwimi lwenu inkuthazo ngokuqhubekeka, ukuze nibe nokuzuza umvuzo womsebenzi. Amen.