Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 96


Icandelo 96

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, sibonisa uhlobo lwesixeko okanye isiteyki seZiyon eKirtland, eOhio, Juni 4, 1833, njengomzekelo kwabaNgcwele eKirtland. Ithuba yayilelenkomfa yababingeleli abakhulu, nesihloko esikhulu soqwalaselo sasiseso sokuthengiswa kwemihlaba ethile, eyaziwa njengefama kaFrench, eyiyeyebango leBandla kufutshane neKirtland. Ukususela ekubeni inkomfa yayingavumelani ngomele ukuthabatha ulawulo lwefama, bonke bavumelana ekubuzeni iNkosi ngokunxulumene nomba.

1, ISteyki saseKirtland seZiyon simele ukomelezwa; 2–5, Ibhishophu iya kwabela amafa abaNgcwele; 6–9, UJohn Johnson uza kuba lilungu locwangco olumanyeneyo.

1 Qaphelani, ndithi kuni, nabu ubulumko, ngabo eninokwazi ukuba ningenza kanjani ngokunxulumene nalo mba, kuba kufanelekile kum okokuba esi asteyki endisisekele ukomelela kweZiyon simele ukwenziwa somelele.

2 Ke ngoko, vumelani isicaka sam uNewel K. Whitney athabathe ulawulo lwendawo ethiyiweyo phakathi kwenu, phezu kwalapho ndiyile ukwakha indlu yam engcwele.

3 Kwaye kwakhona, mayahlulahlulwe ibe ziziza, ngokobulumko, ngokwenzuzo yabo bafuna amafa, njengoko kuya kubonelelwa kwiqumrhu phakathi kwenu.

4 Ke ngoko, nikani inyameko okokuba niyawenza lo mba, kwaye naloo nxalenye ifanele ukuzuzelwa aumyalelo wam, ngokwenjongo yokuzisa ngaphambili ilizwi lam ebantwaneni babantu.

5 Kuba qaphelani, inene ndithi kuni, oku kufaneleke ngokugqithileyo kum, okokuba ilizwi libe liya phambili ebantwaneni babantu, ngokwenjongo yokoyisela iintliziyo zabantwana babantu ekulungiseleleni nina. Nkqu kunjalo. Amen.

6 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, bubulumko nokufaneleka kum, okokuba isicaka sam uJohn Johnson omnikelo wakhe endiwamkeleyo, nemithandazo yakhe endiyivileyo, kuye ndinikela isithembiso sobomi obungunaphakade njengokuba eyigcina imiyalelo yam ukususela ngoku kuye phambili—

7 Kuba uyinzala akaJoseph nomxhamli weentsikelelo zesithembiso esenziwa kooyise—

8 Inene ndithi kuni, kufanelekile kum ukuba abe nokuba lilungu locwangco, ukuze abe nokuncedisa ekuziseni ngaphambili ilizwi lam ebantwaneni babantu.

9 Ke ngoko niya kumisela kule ntsikelelo, kwaye uya kufuna ngenkuthalo ukuthabatha imisebenzi yezikhundla eziphezu kwendlu ebiziweyo phakathi kwenu, ukuze abe nokuhlala apho ngaphakathi. Nkqu kunjalo. Amen.