Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 1


IMfundiso neMinqophiso

Icandelo 1

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, Novemba 1, 1831, ngethuba lenkomfa ekhethekileyo yabadala beBandla, eyabanjelwa eHiram, eOhio. Izityhilelo ezininzi zathi zafunyanwa zivela eNkosini phambi kweli xesha, kwaye ingqokelela yazo ikwimo yencwadi elungiselelwe upapasho yayisesinye sezihloko ezaziphambili ezadluliselwe enkomfeni. Eli candelo liqulathe intshayelelo yeNkosi kwiimfundiso, iminqophiso, nemiyalelo enikwe kweli xesha lokuzihlanganisela likaThixo.

1–7, Ilizwi lesilumkiso liya kubo bonke abantu; 8–16, Ukreqo nenkohlakalo zandulela ukuBuya kweSibini; 17–23, UJoseph Smith ubizelwe ukubuyisela emhlabeni iinyaniso namandla eNkosi; 24–33, INcwadi kaMormoni iziswa phambili neBandla eliyinyani liyasekwa; 34–36, Uxolo luya kuthatyathwa emhlabeni; 37–39, Phengululani le miyalelo.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, litsho ilizwi lalowo uhleli phezulu, nalowo amehlo akhe aphezu kwabo bonke abantu; ewe, inene ndithi: Phulaphulani nina bantu abasuka kude; nani abo baphezu kweziqithi zolwandle, mamelani kunye.

2 Kuba inene ilizwi leNkosi likubo bonke abantu, akukho namnye uya kusinda; kwaye akukho liso lingayi kubona, nandlebe ingayi kuva, nantliziyo ingayi kugqojozwa.

3 Kwaye abaqhankqalazayo baya koselwa ngosizi olukhulu; kuba ubutshinga babo buya kukhwazwa phezu kwamaphahla ezindlu, nezenzo zabo zangasese ziya kutyhilwa.

4 Kwaye ilizwi lesilumnkiso liya kuba kubo bonke abantu, ngemilomo yabafundi bam, abo ndibanyulileyo kule mihla yokugqibela.

5 Kwaye baya kuya phambili kwaye akukho namnye uya kubamisa, kuba mna iNkosi ndithe ndabayalela.

6 Qaphelani, eli ligunya lam, negunya lezicaka zam, nentshayelelo yam kwincwadi yemiyalelo yam, endithe ndabanika bayipapashe kuni, Owu bemi bomhlaba.

7 Ngako oko, yoyikani ningcangcazele, Owu nina bantu, kuba oko iNkosi ithe yakumisela kubo kuya kuzalisekiswa.

8 Kwaye inene ndithi kuni, abo baya phambili, bephethe ezi ndaba kubo abemi bomhlaba, kubo amandla anikiwe okutywina kunye emhlabeni nasezulwini, abangakholelwayo nabaqhankqalazayo;

9 Ewe, inene, ukubatywinela phezulu kuwo umhla xa ingqumbo kaThixo iya kugalelwa phezu kwabokhohlakeleyo ngaphandle komlinganiselo—

10 Kuwo umhla xa iNkosi iya kuza ihlawule umntu ngamnye ngokwemisebenzi yakhe, ize ilinganisele elowo umntu ngokomlinganiselo athe walinganisela abazalwana bakhe ngawo.

11 Ngako oko ilizwi leNkosi liya kuzo iziphelo zomhlaba, ukuze abo baya kuliva balive:

12 Zilungiseleleni, zilungiseleleni oko kuzayo, kuba iNkosi ikufuphi;

13 Kwaye umsindo weNkosi uphenjiwe, nekrele layo lisele lahlutha ezulwini, laye liya kuwela phezu kwabemi bomhlaba.

14 Kwaye ingalo yeNkosi iya kutyhilwa; nomhla uyeza abaya kuthi abo bangayi kulimamela ilizwi leNkosi, nokuba lilizwi lezicaka zayo, nokuba bangawaniki nyameko amazwi abaprofeti nabapostile, baya kusikelwa ngaphandle basuke phakathi kwabantu;

15 Kuba bahilizile kwimimiselo yam, baze bayophula iminqophiso yam yanaphakade;

16 Abayifuni iNkosi iseke ubulungisa bayo, kodwa elowo umntu uhamba endleleni eyiyakhe, nasemva komfanekiso kathixo ongowakhe, omfanekiso wakhe unemfano yehlabathi, nentsobi yawo iyileyo yesithixo, esonakalayo kwaye siya kutshabalala eBhabhilon, nkqu yona iBhabhilon enkulu, eya kuwa.

17 Ngako oko, mna iNkosi, ndiyazi intlekele eya kuza phezu kwabemi bomhlaba, ndabiza isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ndaye ndathetha kuye ndivela ezulwini, ndaze ndamnika imiyalelo;

18 Kananjalo ndinike imiyalelo kwabanye, okokuba babhengeze ezi zinto ehlabathini; nokokuba konke oku kube nokuzaliseka, oko kwakubhalwe ngabaprofeti—

19 Izinto ezibuthathaka zehlabathi ziya kuza ngaphambili zophule ezomeleleyo nezinamandla, ukuze umntu angabinako ukucebisa umzalwana wakhe, nakungathembeli kwingalo yenyama—

20 Kodwa okokuba elowo umntu abenokuthetha egameni likaThixo iNkosi, nkqu uMsindisi wehlabathi;

21 Okokuba ukholo kanjalo lubenokwanda emhlabeni;

22 Okokuba umnqophiso wam wanaphakade ube nokusekwa;

23 Okokuba ivangeli yam epheleleyo ibe ibhengeziwe ngababuthathaka nabaqhelekileyo kuzo iziphelo zehlabathi, naphambi kookumkani nabalawuli.

24 Qaphelani, ndinguThixo kwaye ndikuthethile; le miyalelo iyiyeyam, kwaye inikwe izicaka zam ebuthathakeni bazo, ngokohlobo lolwimi lwazo, okokuba zibe nokuza ekuqondeni.

25 Kwaye nanjengokuba zaphazamayo iya kuthi yenziwe ukuba yaziwe;

26 Kwaye nanjengokuba zifune ubulumko ziya kuthi ziyalelwe;

27 Kwaye nanjengokuba zonayo ziya kuthi zibe nokohlwaywa, ukuze zibe nokuguquka;

28 Kwaye nanjengokuba ziya kuthobeka ziya kuthi zenziwe zomelele, kwaye zisikelelwe ngokuvela ngasentla, kwaye zifumane ulwazi ngamaxesha ngamaxesha.

29 Nasemva kokufumana imbali yamaNifayithi, ewe, nkqu isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., angathi abe namandla okuguqulela ngenxa yenceba kaThixo, ngamandla kaThixo, iNcwadi kaMormoni.

30 Kananjalo abo kunikwe le miyalelo kubo, banokuba namandla okubeka isiseko seli bandla, nokulizisa ngaphambili liphume emfihlakalweni kwaye liphume ebumnyameni, ekuphela kweliyinyani neliphilayo ibandla phezu kobuso bomhlaba wonke, kunye nalo mna, iNkosi, endikholisiweyo lilo, ndithetha ebandleni ngokuhlanganeyo kwaye ingekuye oyedwa—

31 Kuba mna iNkosi andinako ukujonga phezu kwesono nangelilelona lincinane iqondo lokusivumela;

32 Nangona kunjalo, lowo uguqukayo aze enze imiyalelo yeNkosi uya kuxolelwa;

33 Kwaye lowo ungaguqukiyo, kuye lowo kuya kuthatyathwa nkqu nokukhanya athe wakufumana; kuba uMoya wam awusayi kusoloko usebenza emntwini, itsho iNkosi yemiKhosi.

34 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, Owu bemi bomhlaba: Mna iNkosi ndiyavuma ukuzenza ezi zinto zaziwe yiyo yonke inyama;

35 Kuba andikhethi buso bamntu, kwaye ndiya kufuna ukuba bonke abantu babe baya kwazi ukuba loo mhla uza ungxamile; ilixa alikafiki, kodwa lisondele, xa uxolo luya kuthatyathwa emhlabeni, aze umtyholi abe namandla phezu kobukhosi obubobakhe.

36 Kananjalo iNkosi iya kuba namandla phezu kwabangcwele bayo, kwaye iya kulawula phakathi kwabo, kwaye iya kuhlela ngezantsi igwebe phezu koEdom, okanye ihlabathi.

37 Phengululani le miyalelo, kuba iyinene kwaye ithembekile, neziprofetho nezithembiso ezikuyo ziya kuzalisekiswa zonke.

38 Oko mna iNkosi endikuthethileyo, ndikuthethile, kwaye andizi kubeka siqu sam tyala; kwaye nangona amazulu nomhlaba angadlula, ilizwi lam alisayi kudlula, kodwa liya kuzaliseka, nokokuba kungelizwi lam okanye ilizwi lezicaka zam, oko kuyafana.

39 Kuba qaphelani, kwaye yabonani, iNkosi inguThixo, noMoya unika ubungqina, kwaye ubungqina buyinene, kwaye inyaniso ihleli ngonaphakade kanaphakade. Amen.