Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 100


Icandelo 100

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, ePerrysburg, eNew York, Oktobha 12, 1833. Abazalwana ababini, babethe bangabikho kwiintsapho zabo iintsuku eziliqela, baziva benexhala elithile ngazo.

1–4, UJoseph noSidney bashumayelela ivangeli usindiso lwemiphefumlo; 5–8, Iya kunikwa bona ngelixa kanye oko emabakuthethe; 9–12, USidney uza kuba ngumthetheli aze uJoseph abe ngumtyhili abe namandlakazi ebungqineni; 13–17, INkosi iya kuphakamisela phezulu abantu abanyulu, kwaye abathobekileyo baya kusindiswa.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuni, bahlobo bam Sidney noJoseph, iintsapho zenu ziphilile; zisezandleni zam, kwaye ndiya kwenza kuzo njengoko kubonakala kulungile kum; kuba kum kukho onke amandla.

2 Ke ngoko, landelani mna, nize nimamele kwicebiso endiya kulinika nina.

3 Qaphelani, kwaye yabonani, ndinabantu abaninzi kule ndawo, kwiingingqi ezingqongileyo; kwaye ucango olusebenzayo luya kuvulwa kwiingingqi ezingqonge kulo mhlaba wasempumalanga.

4 Ke ngoko, mna, iNkosi inivumele nize kule ndawo; kuba njalo bekufanelekele kum usindiso lwemiphefumlo.

5 Ke ngoko, inene ndithi kuni, phakamiselani amazwi enu kwaba bantu; thethani iingcinga endiya kuzibeka ezintliziyweni zenu, kwaye aniyi kubhidaniswa phambi kwabantu;

6 Kuba kuya kunikwa nina kwilixa kanye, ewe, ethubeni kanye, oko niya kukuthetha.

7 Kodwa ndininika umyalelo, okokuba niya kubhengeza nayiphina into eniyibhengeza egameni lam, kwintsulungeko yentliziyo, kumoya wobulali, ezintweni zonke.

8 Kwaye ndininika esi sithembiso, okokuba njengokuba nisenza oku uMoya oyiNgcwele uya kuthululelwa ngaphambili ekunikeni ubungqina ezintweni zonke naziphina eniya kuzithetha.

9 Kwaye kufanelekile kum okokuba wena, sicaka sam Sidney, ube ngumthetheli kwaba bantu; ewe, inene, ndiya kumisela wena kolu bizo, nkqu ube ngumthetheli kwisicaka sam uJoseph.

10 Kwaye ndiya kumnika igunya abe namandlakazi kubungqina.

11 Kwaye ndiya kukunika igunya ube namandlakazi ekucaciseni zonke izibhalo, ukuze ube ngumthetheli kuye, kwaye uya kuba ngumtyhili kuye, ukuze ube nokwazi ukuqiniseka kwazo zonke izinto eziphathelele kwizinto zobukumkani bam emhlabeni.

12 Ke ngoko, qhubani uhambo lwenu nize nivumele iintliziyo zenu zigcobe; kuba qaphelani, kwaye yabonani, ndikunye nani nkqu ukuya esiphelweni.

13 Kwaye ngoku ndininika ilizwi ngokunxulumene neZiyon. IZiyon iya kukhululwa, nangona isohlwaywa nje ixesha elincinane.

14 Abazalwana benu, izicaka zam uOrson Hyde noJohn Gould, basezandleni zam; nanjengokuba beyigcina imiyalelo yam baya kusindiswa.

15 Ke ngoko, mazithuthuzeleke iintliziyo zenu; kuba zonke izinto ziya kusebenza kunye zilungiselela bona abahamba bethe tye, nakungcwaliseko lwebandla.

16 Kuba ndiya kuphakamisela phezulu kwisiqu sam abantu abanyulu, abaya kundikhonza ebulungiseni;

17 Kwaye bonke ababiza egameni leNkosi, baze bagcine imiyalelo yayo, baya kusindiswa. Nkqu kunjalo. Amen.