Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 106


Icandelo 106

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Novemba 25, 1834. Esi sityhilelo sijoliswe kuWarren A. Cowdery, umkhuluwa kaOliver Cowdery.

1–3, UWarren A. Cowdery ubizwa njengegosa elongameleyo lasekhaya; 4–5, UkuBuya kweSibini akuyi kubaphangela abantwana bokukhanya njengesela; 6–8, Iintsikelelo ezinkulu zilandela ukusebenza okuthembekileyo eBandleni.

1 Yintando yam okokuba isicaka sam uWarren A. Cowdery onyulwe aze amiselwe abe ngumbingeleli omkhulu owongamele ibandla lam, emhlabeni waseFreedom neengingqi ezingqongileyo;

2 Kwaye ashumayele ivangeli yam yanaphakade, aze aphakamise ilizwi lakhe aze alumkise abantu, ingabi kuphela endaweni eyiyeyakhe, kodwa kwiikhawunti ezikufuphi;

3 Kwaye anikele ixesha lakhe lonke kolu bizo lukhulu nolungcwele, ngoku endilunika yena, efuna ngenkuthalo ubukumkani bezulu nobulungisa babo, nazo zonke izinto ezi ziya kongezelelwa apho kubo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.

4 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ukuza kweNkosi kusondele, kwaye kuphangela ihlabathi njengesela ebusuku—

5 Ke ngoko, bhinqani izinqe zenu, ukuze nibe ngabantwana bokukhanya, kwaye loo mhla awusayi kuniphangela njengesela.

6 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, kwakukho uvuyo emazulwini xa isicaka sam uWarren waqubuda kwintonga yam yobukhosi, waza wazahlula ebuqhingeni babantu;

7 Ke ngoko, sisikelelekile isicaka sam uWarren, kuba ndiya kuba nenceba kuye; kwaye, nangona enekratshi lentliziyo, ndiya kumphakamisa njengokuba eya kuzithoba phambi kwam.

8 Kwaye ndiya kumnika ubabalo nokuqiniseka apho anokuma khona; kwaye ukuba uqhubekeka elingqina elinyanisekileyo nokuba lukhanyiso ebandleni ndimlungiselele isithsaba kwiindawo zokuhlala zikaBawo. Nkqu kunjalo. Amen.