Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 109


Icandelo 109

Umthandazo owanikwa ekungcwalisweni kwetempile eKirtland, eOhio, Matshi 27, 1836. Ngokunxulumene nengxelo ebhalwe nguMprofeti, lo mthandazo wanikelwa kuye ngesityhilelo.

1–5, ITempile yaseKirtland yakhiwa njengendawo yoNyana woMntu yokutyelela; 6–21, Imele ukuba yindlu yomthandazo, yokuzila, ukholo, ukufunda, uzuko, nocwangco, nendlu kaThixo; 22–33, Banga abangaguqukiyo abachasa abantu beNkosi bangabhidaniswa; 34–42, Banga abaNgcwele bangahambela phambili besemandleni okuhlanganisela abalungileyo eZiyon; 43–53, Banga abaNgcwele bangakhululwa kwizinto ezimbi ezithululelwa phezu kwabakhohlakeleyo ngemihla yokugqibela; 54–58, Zanga izizwe nabantu namabandla zingalungiselelwa ivangeli; 59–67, Anga amaYuda, amaLeymenayithi, naye wonke uSirayeli angakhululwa; 68–80, Banga abaNgcwele bangathweswa ngesithsaba sozuko nembeko baze bazuze usindiso lwanaphakade.

1 Imibulelo mayibe segameni lakho, Owu Nkosi Thixo kaSirayeli, ogcina iminqophiso uze ubonise inceba ezicakeni zakho ezihamba ngokuthe tye phambi kwakho, ngeentliziyo zazo zonke—

2 Wena uyalele izicaka zakho ekwakheleni indlu egameni lakho kule ndawo [iKirtland].

3 Kwaye ngoku uyaqaphela, Owu Nkosi, okokuba izicaka zakho zenze ngokunxulumene nomyalelo wakho.

4 Kwaye ngoku sicela wena, Bawo oyiNgcwele, egameni likaYesu Krestu, uNyana wesifuba sakho, egameni lakhe kuphela usindiso lunako ukunikwa ebantwaneni babantu, sicela wena, Owu Nkosi, wamkele le ndlu, umsebenzi wezandla zethu, izicaka zakho, wena osiyalele ekubeni siyakhe.

5 Kuba uyazi okokuba siwenzile lo msebenzi ngenkxwaleko enkulu; kwaye kwintlupheko yethu sinikele izinto zethu ekwakheleni indlu egameni lakho, ukuze uNyana woMntu abe nokuba nendawo yokuzibonakalisa ebantwini bakho.

6 Kwaye njengokuba utshilo kwisityhilelo, esinikwe thina, usibiza njengabahlobo bakho, usithi—Bizani intlanganiso yenu endilisekileyo, njengoko ndiniyaleleyo;

7 Kwaye njengokuba nonke ningenalo ukholo, funani ngenkuthalo nize nifundisane omnye nomnye amazwi obulumko; ewe, funani kwezona zilungileyo iincwadi amazwi obulumko, funani ukufunda nkqu ngokufunda nzulu kananjalo ngokholo;

8 Lungiselelani iziqu zenu; lungisani yonke into efunekayo, nize nimise indlu, nkqu indlu yomthandazo, indlu yokuzila, indlu yokholo, indlu yokufunda, indlu yozuko, indlu yocwangco, indlu kaThixo;

9 Ukuze ukungena kwenu kube segameni leNkosi, ukuze ukuphuma kwenu kube segameni leNkosi, ukuze yonke imibuliso yenu ibe segameni leNkosi, ngezandla eziphakanyiselwe koseNyangweni—

10 Kwaye ngoku, Bawo oyiNgcwele, sicela wena usincede, bantu bakho, ngobabalo lwakho, ekubizeni intlanganiso endilisekileyo, ukuze ibe nokwenziwa embekweni yakho naselwamkelweni lwakho olunyulu;

11 Kwaye ngohlobo lokokuba nibe nokufunyanwa nifanelekile, emehlweni akho, ukuqinisekisa ukuzaliseka kwezithembiso ozenze kuthi, bantu bakho, kwizityhilelo ezinikwe thina;

12 Ukuze uzuko lwakho lube nokuphumla phantsi phezu kwabantu bakho, kwaye phezu kwale ndlu yakho, ngoku esiyinikela kuwe, ukuze ibe nokungcwaliswa ize inikelwe ibe ngcwele, nokokuze ubuso bakho obungcwele bubekho ngokuqhubekayo kule ndlu;

13 Nokokuze bonke abantu abaya kungena emnyangweni wendlu yeNkosi babe nokuva amandla ayo, baze bazive benyanzelekile ekuqapheleni okokuba uyingcwalisile, nokokuba iyindlu yakho, indawo yobungcwele bakho.

14 Kwaye uvumele, Bawo oyiNgcwele, okokuba bonke abo baya kunqula kule ndlu babe nokufundiswa amazwi obulumko kwezona ncwadi zilungileyo, nokokuba babe nokufuna imfundiso nkqu ngokufunda nzulu, kananjalo ngokholo, njengoko utshilo;

15 Nokokuze babe nokukhula kuwe, kwaye bazuze ukuzaliseka koMoya oyiNgcwele, baze balungiswe ngokwemithetho yakho, baze balungiselelwe ukufumana yonke into eyimfuneko;

16 Nokokuze le ndlu ibe yindlu yomthandazo, indlu yokuzila, indlu yokholo, indlu yozuko nekaThixo, nkqu indlu yakhe;

17 Ukuze konke ukungena kwabantu bakho, kuyo le ndlu, kube nokuba segameni leNkosi;

18 Ukuze konke ukuphuma kwabo kule ndlu kube nokuba segameni leNkosi;

19 Nokokuze yonke imibuliso yabo ibe nokuba segameni leNkosi, ngezandla ezingcwele, ziphakanyiselwe koseNyangweni;

20 Nokokuze kungabikho nto engacocekanga eya kuvunyelwa ingene endlwini yakho ukuze iyingcolise;

21 Kwaye xa abantu bakho besona, nabanina ongowabo, bamele ukuguquka ngokukhawuleza baze babuyele kuwe, baze bafumane ukuthandwa emehlweni akho, baze babuyiselwe kwiintsikelelo ozimisele, ekubeni zithululelwe phezu kwabo baya kukuzolela endlwini yakho.

22 Kwaye sicela kuwe, Bawo oyiNgcwele, okokuba izicaka zakho zibe nokuya phambili ukususela kule ndlu zixhotyiswe ngamandla, nokokuba igama lakho libe nokuba phezu kwabo, nozuko lwakho lubangqonge, neengelosi zakho zibe noxanduva phezu kwabo;

23 Kwaye ukususela kule ndawo babe nokuthwala iindaba ezinkulu nezizukileyo ngokugqithileyo, enyanisweni, kuye kwiziphelo zomhlaba, ukuze babe nokwazi okokuba lo ngumsebenzi wakho, nokokuba ubeke ngaphambili isandla sakho, ukuzalisekisa oko ukuthethe ngemilomo yabaprofeti, ngokunxulumene nemihla yokugqibela.

24 Sicela kuwe, Bawo oyiNgcwele, uzinzise abantu abaya kunqula, kwaye babambe ngembeko igama kwaye beme kule ndlu yakho, kuzo zonke izizukulwana nangonaphakade;

25 Ukuze kungabikho sixhobo senziwayo ngokuchasene nabo siya kuphumelela; kuba lowo ubombela umngxuma uya kuwa kwa kuwo ngokwakhe;

26 Ukuze kungabikho yelenqe lenkohlakalo eliya kuba namandla okubavukela nawoyisayo phezu kwabantu bakho phezu kwabo igama lakho liya kubekwa kule ndlu;

27 Kwaye ukuba nabaphina abantu baya kuvukela ngokuchasene naba bantu, ukuze umsindo wabo uphenjelelwe ngokuchasene nabo.

28 Kwaye ukuba baya kubetha aba bantu baya kubetha bona; uya kulwela abantu bakho njengoko wenzayo ngemini yemfazwe, ukuze babe nokukhululwa ezandleni zazo zonke iintshaba zabo.

29 Sicela wena, Bawo oyiNgcwele, ubhidanise, uze umangalise, uze ubazise ehlazweni nempixano, bonke abo basasaze iingxelo ezixokayo ngaphesheya, ehlabathini, ngokuchasene nesicaka sakho okanye izicaka, ukuba abayi kuguquka, xa ivangeli yanaphakade iya kubhengezwa ezindlebeni zabo;

30 Nokokuba yonke imisebenzi yabo ibe nokungabi nto, ize itshayelelwe kude ngesichotho, kwaye ngezigwebo oya kuzithumela phezu kwabo usemsindweni wakho, ukuze kube nokubakho isiphelo ebuxokini nezityholo ngokuchasene nabantu bakho.

31 Kuba wena uyazi, Owu Nkosi, okokuba izicaka zakho bezimsulwa phambi kwakho ekunikeni ubungqina begama lakho, ngazo babandezeleke zezi zinto.

32 Ke ngoko sibongozela phambi kwakho inkululeko ezeleyo nepheleleyo phantsi kwale dyokhwe;

33 Yaphule, Owu Nkosi; yaphule isuke ezintanyeni zezicaka zakho, ngamandla akho, ukuze sibe nokunyukela phezulu phakathi kwesi sizukulwana kwaye senze umsebenzi wakho.

34 Owu Yehova, yiba nenceba phezu kwaba bantu, kwaye njengokuba bonke abantu besona, xolela izigqitho zabantu bakho, uze uzenze zicime ngonaphakade.

35 Vumela ukuthanjiswa kwabafundisi kutywinelwe phezu kwabo ngamandla avela phezulu.

36 Makuzaliseke phezu kwabo, njengaphezu kwabo ngomhla wePentekoste, isipho seelwimi masithululelwe phezu kwabantu bakho, nkqu iilwimi ezabekayo ngathi zezomlilo, nokuchazwa kwazo.

37 Kwaye indlu yakho mayizaliswe, ngozuko lwakho, njengokungathi ngumoya ongxamileyo onamandla.

38 Beka phezu kwezicaka zakho ubungqina bomnqophiso, ukuze xa ziphuma kwaye zibhengeza ilizwi lakho zibe nokutywinela phezulu umthetho, kwaye zilungiselele iintliziyo zabangcwele bakho zonke ezo zigwebo wena osele uza kuzithumela, usemsindweni wakho, phezu kwabemi bomhlaba, ngenxa yezigqitho zabo, ukuze abantu bakho bangabi nakutyhafa ngomhla wenkathazo.

39 Kwaye nasiphina isixeko izicaka zakho eziya kungena kuso, nabantu beso sixeko bamkela ubungqina babo, uxolo lwakho nosindiso lwakho malube phezu kweso sixeko; ukuze babe nokuhlanganisela amalungisa ngaphandle kweso sixeko, ukuze abe nokuza ngaphambili eZiyon, okanye kwiziteyki zayo, iindawo zolonyulo lwakho, ngeengoma zovuyo lwanaphakade;

40 Nokokude kube oku kuphunyelelisiwe, mazingawi phezu kweso sixeko izigwebo zakho.

41 Kwaye nasiphina isixeko izicaka zakho eziya kungena kuso, nabantu beso sixeko bangabamkeli ubungqina bezicaka zakho, zize izicaka zakho zibalumkise ukuba bazisindise kwesi sizukulwana sigwenxa, makube phezu kweso sixeko ngokunxulumene noko wena okuthethileyo ngomlomo wabaprofeti bakho.

42 Kodwa khulula wena, Owu Yehova, sibongoza wena, izicaka zakho ezandleni zazo, uze uzihlambulule egazini lakho.

43 Owu Nkosi, asiyigcobeli intshabalalo yabantu abangabalingane bethu; imiphefumlo yethu ixabisekile phambi kwakho;

44 Kodwa ilizwi lakho limele ukuzaliseka. Nceda izicaka zakho ekuthini, ngobabalo lwakho uzinceda: Intando yakho mayenzeke, Owu Nkosi, ingabi yeyethu.

45 Siyazi ukuba wena uthethile ngomlomo wabaprofeti bakho izinto ezoyikekayo ngokunxulumene nabakhohlakeleyo, ngemihla yokugqibela—okokuba wena uya kuthulula izigwebo zakho, ngaphandle komlinganiselo;

46 Ke ngoko, Owu Nkosi, khulula abantu bakho kwintlekele yabakhohlakeleyo; yenza izicaka zakho zitywinele phezulu umthetho, zize zibophe ubungqina, ukuze zibe nokulungiselela ngokuchasene nemini yokutsha.

47 Sicela wena, Bawo oNgcwele, ukhumbule abo bagxothwe ngabemi beJackson khawunti, eMissouri, kwimihlaba yelifa labo, baze bemka, Owu Nkosi, le dyokhwe yembandezelo ebekwe phezu kwabo.

48 Wena uyazi, Owu Nkosi, okokuba bebecinezeleke kakhulu kwaye bebandezelwe ngabantu abakhohlakeleyo; kwaye iintliziyo zethu ziphuphuma lusizi ngenxa yemithwalo yabo ebuhlungu.

49 Owu Nkosi, kuya kude kubenini uyekele aba bantu ekuthwaleni le mbandezelo, nezililo zababo abamsulwa ezinyukela phezulu ezindlebeni zakho, negazi labo liza phezulu libubungqina phambi kwakho, kwaye lingenzi mboniso wobungqina bakho egameni labo?

50 Yiba nenceba, Owu Nkosi, phezu kweqela lezaphuli-mthetho, eligxothe abantu bakho, ukuze libe nokuyeka ukonakalisa, ukuze libe nokuguquka ezonweni zalo ukuba inguquko inokufunyanwa;

51 Kodwa ukuba aliyi kubanako, yenza kutyhileke ingalo yakho, Owu Nkosi, uze ukhulule abo ubanyule bayiZiyon ebantwini bakho.

52 Kwaye ukuba akunakuba yenye indlela, okokuba injongo yabantu bakho ayinakusilela phambi kwakho, umsindo wakho ube nokuphenjwa, nengqumbo yakho iwe phezu kwabo, ukuze babe nokuchithakalela kude, kunye ingcambu nesebe, phantsi kwezulu;

53 Kodwa njengokuba beya kuguquka, wena unobabalo kwaye unenceba, kwaye uya kujikela kude umsindo wakho xa ujonge phezu kobuso baBathanjiswa bakho.

54 Yiba nenceba, Owu Nkosi, phezu kwezizwe zonke zomhlaba; yiba nenceba, phezu kwezilawuli zelizwe lethu; inga loo migaqo, ethe yakhuselwa ngembeko nangokubekekileyo, umzekelo uMgaqo-siseko welizwe lethu, umiselwe ngoobawo bethu, ngonaphakade.

55 Khumbula ookumkani, iinkosana, ababekekileyo, nabo bakhulu bomhlaba, nabantu bonke, namabandla, bonke abangamahlwempu, abasweleyo, nababandezelekileyo bomhlaba;

56 Ukuze iintliziyo zabo zibe nokuthanjiswa xa izicaka zakho ziya kuhamba ziphume endlwini yakho, Owu Yehova, zinike ubungqina begama lakho; ukuze ukonakalisa kwabo kube nokunika indlela phambi kwenyaniso, nabantu bakho babe nokuzuza ukuthandwa emehlweni abo bonke;

57 Ukuze zonke iziphelo zomhlaba zibe nokwazi ukuba thina, zicaka zakho, silivile ilizwi lakho, nokokuba wena usithumile;

58 Kwaye phakathi kwezi, zicaka zakho zonke, oonyana bakaYakobi, babe nokuhlanganisela ngaphandle amalungisa akhele isixeko esingcwele egameni lakho, njengoko uziyalele.

59 Sicela wena wanyulele eZiyon ezinye iziteyki ngaphandle kwesi usonyulileyo, ukuze ukuhlanganisana kwabantu bakho kube nokuqengqeleka ngamandla amakhulu nobungangamsha, ukuze umsebenzi wakho ube nokunqanyulwa ebulungiseni.

60 Ngoku la mazwi, Owu Nkosi, siwathethe phambi kwakho, ngokunxulumene nezityhilelo nemiyalelo oyinike thina, esifaniswe neeNtlanga.

61 Kodwa wena uyazi okokuba unothando olukhulu ngabantwana bakaYakobi, ababesasazwe phezu kwentaba ixesha elide, ngemini enamafu nemnyama.

62 Ke ngoko sicela wena ube nenceba phezu kwabantwana bakaYakobi, ukuze iYerusalem, ukususela kweli lixa, ibe nokuqala ukukhululwa;

63 Kwaye idyokhwe yobukhoboka ibe nokuqala ukwaphulwa endlwini kaDavide;

64 Kwaye abantwana bakaYuda babe nokuqalisa ukubuyela emazweni endawanika uAbraham, uyise wabo.

65 Kwaye ndenze okokuba intsalela kaYakobi, ebiqalekisiwe yaza yabethwa ngenxa yezikreqo zayo, iguqulwe isuke kwimeko yayo enobundlobongela neneengcwangu iye ekuzalisekeni kwevangeli yanaphakade;

66 Ukuze ibe nokubeka phantsi izixhobo zayo zokuphalaza igazi, ize ipheze ukuvukela kwayo.

67 Kwaye yonke intsalela esasaziweyo kaSirayeli, ebigxothelwe eziphelweni zomhlaba, ibe nokuza kulwazi lwenyaniso, ikholwe kuMesiya, ize ikhululwe ekucinizelweni, ize igcobe phambi kwakho.

68 Owu Nkosi, khumbula isicaka sakho, uJoseph Smith, Omnci., neembandezelo zakhe zonke neentshutshiso—wayenqophisene njani noYehova, kwaye wafunga kuwe, Owu Thixo Somandla kaYakobi—nemiyalelo oyinike yena, nokokuba uzame ngokunyanisekileyo ukwenza intando yakho.

69 Yiba nenceba, Owu Nkosi, phezu kwenkosikazi yakhe nabantwana, ukuze babe nokunyuselwa ebusweni bakho, baze balondolozwe ngesandla sakho esikhuthazayo.

70 Yiba nenceba phezu kwabo bonke abazizizalwana ezisondeleyo zabo, ukuze izityholo zabo zibe nokwaphulwa zize zitshayelelwe kude njengokungathi yimpuphuma; ukuze babe nokuguqulwa baze bakhululwe kunye noSirayeli, kwaye bazi okokuba wena unguThixo.

71 Khumbula, Owu Nkosi, abongameli, nkqu bonke abongameli bebandla lakho, okokuba isandla sakho sokunene siba nokubaphakamisa, kunye neentsapho zabo zonke, nezizalwane zabo ezisondeleyo, ukuze amagama abo abe nokugcinwa aze abe nokukhunjulwa ngonaphakade ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

72 Khumbula lonke ibandla lakho, Owu Nkosi, kunye neentsapho zalo zonke, nezizalwana zalo ezisondeleyo, kunye nayo yonke imilwelwe yalo nababandezelekileyo, kunye nawo onke amahlwempu nabanobulali bomhlaba; ukuze ubukumkani, wena obumisileyo ngaphandle kwezandla, bube nokuba yintaba enkulu buze buzalise wonke umhlaba;

73 Ukuze ibandla lakho libe nokuza ngaphambili liphume kwintlango yobumnyama, lize likhanye ngaphambili kakuhle njengenyanga, licace njengelanga, lize loyikeke njengomkhosi oneebhanile;

74 Lize njengomtshakazi lihonjiselwe loo mini xa wena uya kutyhila amazulu, uze wenze iintaba ziqukuqele phantsi kubuso bakho, nemifula iya kunyuswa, iindawo ezirhabaxa zenziwe zaguda; ukuze ubuqaqawuli bakho bube nokuzalisa umhlaba;

75 Ukuze xa ixilongo liya kukhalela abafileyo, siya kuxwilelwa phezulu elifini sihlangane nawe, ukuze sibe nokusoloko sikunye neNkosi;

76 Ukuze iingubo zethu zibe nokuba msulwa, ukuze sibe nokunxityiswa ngeengubo zobulungisa, ngeentende ezandleni zethu, nezithsaba zobuqaqawuli phezu kweentloko zethu, size sivunele uvuyo lwanaphakade zonke iintlungu zethu.

77 Owu Nkosi Thixo Somandla, sive kwezi zibongozo zethu, uze usiphendule usezulwini, indawo yakho engcwele, apho wena uhleli usetroneni, ngobuqaqawuli, imbeko, amandla, ubungangamsha, amandlakazi, ubukhosi, inyaniso, ubulungisa, ukugweba, inceba, ukuzaliseka okungenakulinganiswa, ukususela ephakadeni kuye ephakadeni.

78 Owu yiva, Owu yiva, Owu sive, Owu Nkosi! Uze uphendule ezi zibongozo, uze wamkelele umbingelelo wale ndlu ezandleni zakho, umsebenzi wezandla zethu, esiyakhele egameni lakho;

79 Kananjalo eli bandla, libeke phezu kwalo igama lakho. Kwaye sincede ngamandla oMoya wakho, ukuze sibe nokuxuba amazwi ethu kunye nawezoo serafi ziqaqambileyo, zibengezelayo zingqonge itrone yakho, ngeendumiso zokudumisa, zicula uHosana kuThixo neMvana!

80 Kwaye vumela aba bakho bangabathanjisiweyo, bambathiswe ngosindiso, nabangcwele bakho badanduluke ngovuyo. Amen, no-Amen.