Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 11


Icandelo 11

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kumntakwabo uHyrum Smith, eHarmony, ePennysylvania, Meyi 1829. Esi sityhilelo safunyanwa ngeYurim neTumim kuphendulwa isicengo nombuzo kaJoseph. Imbali kaJoseph icebisa okokuba esi sityhilelo safunyanwa emva kobuyiselo loBubingeleli buka-Aron.

1–6, Abasebenzi esidiliyeni baya kuzuza usindiso; 7–14, Funa ubulumko, dandulukela inguquko, thembela eMoyeni; 15–22, Gcina imiyalelo, uze ufunde nzulu ilizwi leNkosi; 23–27, Ungawukhanyeli umoya wesityhilelo nowesiprofetho; 28–30, Abo bamkela uKrestu baba ngoonyana bakaThixo.

1 Umsebenzi omkhulu nomangalisayo sele kukufutshane ukuba uze ngaphambili phakathi kwabantwana babantu.

2 Qaphela, ndinguThixo; nika inyameko elizwini lam, elikhawulezayo nelinamandla, elibukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi zombini amalungu nomongo; ke ngoko nika inyameko elizwini lam.

3 Qaphela, intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ke ngoko, nabani na onqwenela ukuvuna makaphose irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, aze avune ngeli thuba imini isekho, ukuze agcinele phezulu umphefumlo wakhe usindiso lwanaphakade ebukumkanini bukaThixo.

4 Ewe, nabani na oya kuphosa irhengqe yakhe aze avune, onjalo ubizwe nguThixo.

5 Ke ngoko, ukuba uya kucela kum uya kufumana; ukuba uya kunkqonkqoza uya kuvulelwa.

6 Ngoku, ukufuna ucelile, qaphela, ndithi kuwe, gcina imiyalelo yam, uze ufune ukuzisa ngaphambili nokuseka injongo yeZiyon.

7 Musa ukungxamela ubutyebi kodwa mayibe bubulumko; kwaye, qaphela, iimfihlelo zikaThixo ziya kutyhilwa kuwe, kwaye ngoko uya kwenziwa isityebi. Qaphela, lowo unobomi obungunaphakade usisityebi.

8 Inene, inene, ndithi kuwe, kwanajengokuba unqwenela okwam oko kuya kuba njalo kuwe; kwaye, ukuba uyanqwenela, uya kuba yindlela yokwenza okulunge ngakumbi kwesi sizukulwana.

9 Musa ukuthetha nto kodwa inguquko kwesi sizukulwana. Gcina imiyalelo yam, uze uncedise ekuziseni ngaphambili umsebenzi wam, ngokunxulumene nemiyalelo yam, kwaye uya kusikelelwa.

10 Qaphela, wena unesipho, okanye wena uya kuba nesipho ukuba uya kunqwenela okwam uselukholweni, ngentliziyo enyanisekileyo, ukholelwa emandleni kaYesu Krestu, okanye emandleni wam athetha kuwe;

11 Kuba, qaphela, ndim lowo uthethayo; qaphela, ndikukukhanya okukhanya ebumnyameni, kwaye ngamandla wam ndinikela la mazwi kuwe.

12 Kwaye ngoku, inene, inene, ndithi kuwe, beka ithemba lakho kuloo Moya okhokelela ekwenzeni ukulunga—ewe, wenze ngobulungisa, uhambe ngokuthobekileyo, ugwebe ngobulungisa; kwaye oku kunguMoya wam.

13 Inene, inene, ndithi kuwe, ndiya kunikela kuwe okoMoya wam, okuya kukhanyisela ingqondo yakho, okuya kuzalisa umphefumlo wakho ngovuyo;

14 Kwaye ngoko uya kwazi, okanye ngoku uya kwazi, zonke izinto naziphina ozinqwenelayo zam, ezinxulumene kwizinto zobulungisa, uselukholweni ukholelwa kum ezo uya kuzizuza.

15 Qaphela, ndikuyalela okokuba ufanele ukuba ungathelekeleli okokuba ubizelwe ukushumayela ude ube ubiziwe.

16 Linda kancinane nje ithuba elingelide, ude ube uya kuba nelizwi lam, ulwalwa lwam, ibandla lam, nevangeli yam, okokuba ube nokwazi okuqinisekileyo kwemfundiso yam.

17 Kwaye ngoko, qaphela, ngokunxulumene neminqweno yakho, ewe, nkqu nangokunxulumene naselukholweni lwakho kuya kwenziwa kuwe.

18 Gcina imiyalelo yam; bamba uxolo lwakho; bhenela eMoyeni wam;

19 Ewe, namathela kum ngentliziyo yakho yonke, ukuze ube nokuncedisa ekuziseni ekukhanyeni ezo zinto ekuthethwe ngazo—ewe, uguqulelo lo msebenzi wam; yiba nomonde ube uya kuwufeza.

20 Qaphela, lo ngumsebenzi wakho, ukugcina imiyalelo yam, ewe, ngamandlakazi enu, ingqondo nokomelela.

21 Musa ukufuna ukubhengeza ilizwi lam, kodwa kuqala funa ukuzuza ilizwi lam, kwaye ngoko ulwimi lwakho luya kukhululwa; ngoko ke, ukuba uyanqwena, uya kuba noMoya wam nelizwi lam, ewe, amandla kaThixo ekuqinisekiseni kwabantu.

22 Kodwa ngoku bamba uxolo lwakho; funda nzulu ilizwi lam elithe leza ngaphambili phakathi kwabantwana babantu, kananjalo funda nzulu ilizwi lam eliya kuza ngaphambili phakathi kwabantwana babantu, okanye elo ngoku liguqulelwayo, ewe, ude ube uzuze konke oko ndiya kukunika abantwana babantu kwesi sizukulwana, kwaye ngoko zonke izinto ziya kongezwa apho.

23 Qaphela wena Hyrum, nyana wam; funa ubukumkani bukaThixo, kwaye zonke izinto ziya kongezelwa ngokunxulumene noko kulungileyo.

24 Yakhela phezu kolwalwa lwam, oluyivangeli yam;

25 Ungawukhanyeli umoya wesityhilelo, nomoya wesiprofetho, kuba yeha kulowo ukhanyela ezi zinto;

26 Ke ngoko, londoloza entliziyweni yakho kude kube lixesha elisebulumkweni bam lokokuba uya kuya ngaphambili.

27 Qaphela, ndithetha kubo bonke abo baneminqweno elungileyo, kwaye bathe baphosela iirhengqe zabo ekuvuneni.

28 Qaphela, ndinguYesu Krestu, uNyana kaThixo. Ndibubomi nokukhanya kwehlabathi.

29 Ndikwanguye owathi weza kwabangabakhe, kwaye abangabam abandamkelanga;

30 Kodwa inene, inene, ndithi kuwe, njengokuba abaninzi bandamkelayo, ndiya kubanika amandla wokokuba babe ngoonyana bakaThixo, nkqu nakwabo bakholelwa egameni lam. Amen.