Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 112


Icandelo 112

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuThomas B. Marsh, eKirtland, eOhio, Julayi 23, 1837, ngokunxulumene naBapostile abaLishumi elineSibini beMvana. Esi sityhilelo safunyanwa ngomhla aBadala uHeber C. Kimball no-Orson Hyde bashumayela okokuqala ivangeli eNgilane. UThomas B. Marsh ngeli xesha wayenguMongameli weKhoram yaBapostile abaLishumi elineSibini.

1–10, AbaLishumi elineSibini bamele ukuthumela ivangeli baze baphakamise ilizwi lesilumkiso kuzo zonke izizwe nabantu; 11–15, Bamele ukuthabatha umnqamlezo wabo, balandele uYesu, baze badlise izimvu Zakhe; 16–20, Abo bafumana uBumongameli boKuqala bafumana iNkosi; 21–29, Ubumnyama bugquma umhlaba, kwaye kuphela ngabo bakholwayo kwaye ababhaptiziweyo abaya kusindiswa; 30–34, UBumongameli boKuqala nabaLishumi elineSibini baphethe izitshixo zexesha lokuzihlanganisela lenzaliseko yamaxesha.

1 Inene itsho njalo iNkosi kuwe sicaka sam Thomas: Ndiyivile imithandazo yakho; namalizo akho aze phezulu njengesikhumbuzo phambi kwam, egameni labo, abazalwana bakho, ababekhethelwe ukunika ubungqina begama lam nokulithumela ngaphesheya phakathi kwazo zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nabantu, baze bamisele ngoncedo lwezicaka zam.

2 Inene ndithi kuwe, bekukho izinto ezimbalwa entliziyweni yakho nezikuwe, mna iNkosi endandingakholisekanga zizo.

3 Nangona kunjalo, njengokuba uzithobile uya kuphakanyiswa; ke ngoko, zonke izono zakho zixolelwe.

4 Mayomelele intliziyo yakho phambi kobuso bam; kwaye uya kunika ubungqina begama lam, ingabi kuphela nje eziNtlangeni, kodwa kanjalo kumaYuda; kwaye uya kuthumela ngaphambili ilizwi eziphelweni zomhlaba.

5 Zamela wena, ke ngoko, intsasa ngentsasa; kwaye imihla ngemihla ilizwi lakho elilumkisayo lihambele ngaphambili; kwaye xa ubusuku busiza ungavumeli abemi bomhlaba balale, ngenxa yentetho yakho.

6 Makwaziwe ukuhlala kwakho eZiyon, uze ungayisusi indlu yakho; kuba mna, iNkosi, ndinomsebenzi omkhulu omawuwenze, ekupapasheni igama lam phakathi kwabantwana babantu.

7 Ke ngoko, bhinqa isinqe sakho usebenze. Iinyawo zakho mazinxityiswe kanjalo, kuba wena wonyuliwe, kwaye nendlela yakho ibekwe phakathi kweentaba, naphakathi kwezizwe ezininzi.

8 Kwaye ngelizwi lakho abaninzi abaphakamileyo baya kuziswa ekuthobekeni, kwaye ngelizwi lakho abaninzi abathobekileyo baya kuphakanyiswa.

9 Ilizwi lakho liya kuba yinkalimo kumkreqi; kwaye kwinkalimo yakho maliyeke ubugwenxa balo ulwimi lomngcikivi.

10 Yiba ngothobekileyo; kwaye iNkosi uThixo wakho iya kukhokela ngesandla sayo, ize ikunike impendulo emithandazweni yakho.

11 Ndiyayazi intliziyo yakho, kwaye ndiyivile imithandazo yakho ngokunxulumene nabazalwana bakho. Uze ungakhethi cala ngakubo ekubathandeni ngaphezulu kwabanye abaninzi, kodwa uthando lwakho malube lolwabo njengoko lulolwesiqu sakho; kwaye uthando lwakho maluphuphume kubo bonke abantu, nakubo bonke abathanda igama lam.

12 Kwaye bathandazele abazalwana bakho abaLishumi elineSibini. Baluleke kabukhali ngenxa yegama lam, kwaye mabalulekelwe zonke izono zabo, kwaye uze uthembeke phambi kwam nasegameni lam.

13 Kwaye emva kwezihendo zabo, nenkxwaleko enkulu, qaphela, mna, iNkosi, ndiya kuba velela, kwaye ukuba abazenzi lukhuni iintliziyo zabo, baze bangaziqinisi iintamo zabo ngokuchasene nam, baya kuguqulwa, kwaye ndiya kubaphilisa.

14 Ngoku, ndithi kuwe, kwaye endikuthetha kuwe, ndikuthetha nakubo bonke abaLishumi elineSibini: Phakamani nize nibhinqe izinqe zenu, nithabathe umnqamlezo wenu, nindilandele, nize nidlise izimvu zam.

15 Ningaziphakamisi iziqu zenu; ningasivukeli isicaka sam uJoseph; kuba inene ndithi kuni, ndikunye naye, nesandla sam siya kuba phezu kwakhe; nezitshixo endizinike yena, kananjalo nakuni, azisayi kuthatyathwa kuye ndide ndifike.

16 Inene ndithi kuwe, sicaka sam Thomas, uyindoda endiyanyulele ukuphatha izitshixo zobukumkani bam, njengokuphathelele kwabaLishumi elineSibini, ngaphesheya phakathi kwazo zonke izizwe—

17 Ukuze wena ube nokuba sisicaka sam sokuvala ucango lobukumkani kuzo zonke iindawo apho isicaka sam uJoseph, nesicaka sam uSidney, nesicaka sam uHyrum, zingenako ukuza;

18 Kuba kubo ndibeke umthwalo wamabandla onke wexesha elincinane.

19 Ngako oko, nokuba kuphina apho baya kukuthuma khona, yiya, kwaye ndiya kuba kunye nawe; nakuyo nayiphina indawo oya kubhengeza kuyo igama lam umnyango onamandla uya kuvulelwa wena, ukuze babe nokwamkela ilizwi lam.

20 Nabanina owamkela ilizwi lam wamkela mna, nabanina ondamkeleyo, wamkela abo, boBumongameli boKuqala, endibathumileyo, endibenze abacebisi ngenxa yegama lam kuni.

21 Kwaye kwakhona, ndithi kuwe, nabanina oya kumthuma egameni lam, ngelizwi labazalwana, abaLishumi elineSibini, ngokusemthethweni okhethiweyo nogunyaziswe nguwe, uya kuba namandla okuvula umnyango wobukumkani kuso sonke isizwe nasiphina oya kuba thuma kuso—

22 Nanjengokuba baya kuthoba iziqu zabo phambi kwam, baze bahlale elizwini lam, baze baphulaphule elizwini loMoya wam.

23 Inene, inene, ndithi kuni, ubumnyama bugquma wonke umhlaba, nobumnyama obukhulu bengqondo zabantu, nayo yonke inyama isuke yonakala phambi kobuso bam.

24 Qaphelani, impindezelo iyeza ngokukhawuleza phezu kwabemi bomhlaba, imini yomsindo, imini yokutsha, imini yenkangala, yokulila, yokuzila, neyesijwili; njengesaqhwithi iya kuza phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba, itsho iNkosi.

25 Kwaye phezu kwendlu yam iya kuqala, kwaye ukusuka endlwini yam iya kuya ngaphambili, itsho iNkosi;

26 Kuqala phakathi kwabo baphakathi kwenu, itsho iNkosi, ababange ukulazi igama lam kwaye abandazi, baza banyelisa ngokuchasene nam phakathi endlwini yam, itsho iNkosi.

27 Ke ngoko, bonani ekubeni anizikhathazi iziqu zenu ngokunxulumene nemicimbi yebandla lam kule ndawo, itsho iNkosi.

28 Kodwa yenzani nyulu iintliziyo zenu phambi kwam; nize niye kulo lonke ihlabathi, nize nishumayele ivangeli yam kuzo zonke izidalwa ezingekayamkeli;

29 Kwaye lowo ukholwayo aze abhaptizwe uya kusindiswa, kwaye lowo ungakholwayo, kwaye engebhaptizwanga, uya kugwetywa.

30 Kuba kuni, abaLishumi elineSibini, nabo, bobuBumongameli boKuqala, abanyulwe kunye nawe babengabacebisi bakho neenkokeli zakho, amandla obu bubingeleli bawanikiwe, ngale mihla yokugqibela nangeli xesha lokugqibela, kuyo ilixesha lokuzihlanganisela lenzaliseko yamaxesha,

31 Amandla lawo owaphetheyo, ngokunxulumene nabo bonke abo bafumene ixesha lokuzihlanganisela nangaliphi na ixesha ukususela ekuqalekeni kwendalo;

32 Kuba inene ndithi kuni, izitshixo zeli xesha lokuzihlanganisela, enilifumeneyo, zize ezantsi zivela koobawo, nasemva kwako konke zithunyelwa ezantsi zivela ezulwini zisiza kuni.

33 Inene ndithi kuni, qaphelani ukuba lukhulu kangakanani ubizo lwenu. Hlambululani iintliziyo zenu neengubo zenu, hleze igazi lesi sizukulwana libuzwe ezandleni zenu.

34 Thembekani ndide ndize, kuba ndiyeza kamsinya; nomvuzo wam ukunye nam ukuvuza wonke umntu ngokunxulumene njengoko umsebenzi wakhe uya kubanjalo. NdinguAlfa no-Omega. Amen.