Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 113


Icandelo 113

Iimpendulo kwimibuzo ethile kwimibhalo kaIsaya, zinikwe nguJoseph Smith uMprofeti, kufuphi okanye eFarWest, eMissouri, Matshi 1838.

1–6, IGatya likaYese, intonga ivela isuka apho, nengcambu kaYese iyaziswa; 7–10, Iintsalela ezichithachithiweyo zeZiyon zinelungelo kububingeleli kwaye zibizelwe ukubuyela eNkosini.

1 Ngubani oliGatya likaYese ekuthethwe ngalo kwiivesi yo-1, neye-2, eye-3, eye-4, neye-5 zesahluko se-11 sikaIsaya?

2 Inene itsho njalo iNkosi: NguKrestu.

3 Yintoni intonga ekuthethwe ngayo kwivesi yokuqala yesahluko se-11 sikaIsaya, emele ukuvela kwiGatya likaYese?

4 Qaphelani, itsho njalo iNkosi: Sisicaka ezandleni zikaKrestu, esiyinxenye yenzala kaYese nanjengekaEfrayim, okanye yendlu kaYosefu, kuso kubekwe amandla amaninzi.

5 Yintoni ingcambu kaYese ekuthethwe ngayo kwivesi ye-10 yesahluko se-11?

6 Qaphelani, itsho njalo iNkosi, iyinzala kaYese, nanjengekaYosefu, ububingeleli ngokufanelekileyo bubobazo, nezitshixo zobukumkani, zebhanile, nezokulungiselela ukuzihlanganisela kwabantu bam ngemihla yokugqibela.

7 Imibuzo kaElias Higbee: Yintoni ethethwa ngumyalelo kwisahluko sama-52 kuIsaya, ivesi yoku-1, ethi: Nxiba amandla akho, Owu Ziyon—kwaye uIsaya ubhekisa kwabaphi abantu?

8 Ubhekisa kwabo uThixo amele ukubabiza ngemihla yokugqibela, abamele ukuphatha igunya lobubingeleli ekuziseni kwakhona iZiyon, nenkululeko kaSirayeli; kwaye ukunxiba ukomelela kwayo kukunxiba igunya lobubingeleli, iZiyon, yona, enelungelo kulo ngokomlibo; kanjalo ekubuyeleni kwelo gunya ebilahlekene nalo.

9 Simele ukuqonda ntoni ngeZiyon ngokuzikhulula kwesiqu sayo kwiimbophelelo zentamo yayo; kwivesi yesi-2?

10 Simele ukuqonda okokuba iintsalela ezisasaziweyo zivuselelwe ekubuyeleni eNkosini ukusuka apho zaziwele khona; xa zikwenza oko, isithembiso seNkosi sesokuba iya kuthetha kuzo, okanye izinike isityhilelo. Khangela kwiivesi, eye-6, eye-7, neye-8. Iimbophelelo zentamo yayo ziziqalekiso zikaThixo phezu kwayo, okanye iintsalela zikaSirayeli kwimeko yazo yokuchithachithwa phakathi kweeNtlanga.