Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 125


Icandelo 125

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eNauvoo, eIllinois, Matshi 1841, ngokunxulumene nabaNgcwele kummandla waseIowa.

1–4, AbaNgcwele baza kwakha izixeko baze bahlanganisane eziteykini zeZiyon.

1 Yintoni intando yeNkosi ngokunxulumene nabangcwele kuMmandla weIowa?

2 Inene, itsho njalo iNkosi, ndithi kuni, ukuba abo babiza iziqu zabo ngegama lam kwaye bezama ukuba ngabangcwele bam, ukuba baya kwenza intando yam baze bagcine imiyalelo yam ngokunxulumene nabo, mabazihlanganisele kunye ezindaweni endiya kuzonyulela bona ngesicaka sam uJoseph, baze bakhele izixeko egameni lam, ukuze babe nokulungiselela oko kugcinelwe ixesha elizayo.

3 Mabakhele isixeko egameni lam phezu komhlaba ojongene nesixeko saseNauvoo, kwaye bavumele igama iZarahemla lithiywe phezu kwayo.

4 Kwaye vumelani bonke abo bavela empumalanga, nasentshonalanga, nasentla, nasemzantsi, abaneminqweno yokuhlala kuloo ndawo, bathabathe ilifa labo ngokufanayo, ngokunjalo esixekweni seNashville, okanye esixekweni seNauvoo, nakuzo zonke iziteyki endizonyulileyo, itsho iNkosi.