Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 136


Icandelo 136

Ilizwi nentando yeNkosi, zinikwe ngoMongameli uBrigham Young eWinter Quarters, inkampu kaSirayeli, kwiOmaha Nation, entshona yodonga loMlambo iMissouri, kufutshane neCouncil Bluffs, eIowa.

1–16, Kuyachazwa ukuba yayinjani inkampu kaSirayeli, uhambo lwangasentshonalanga; 17–27, AbaNgcwele bayalelwa ekuphileni ngamabanga amaninzi evangeli; 28–33, AbaNgcwele bamele ukucula, badanise, bathandaze, nokufunda ubulumko; 34–42, Abaprofeti bayabulawa ukuze babe nokunikwa imbeko baze abakhohlakeleyo bagwetywe.

1 Ilizwi nentando yeNkosi ngokunxulumene neNkampu kaSirayeli kwiihambo zabo eziya ngaseNtshonalanga:

2 Vumelani bonke abantu beBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, nabo bahamba kunye nabo, balungiselelelwe kwiinkampani, bagcine yonke imiyalelo nemimiselo yeNkosi uThixo wethu ngomnqophiso nesithembiso.

3 Mazilungiselelwe iinkampu kubekho iikapteyini zamakhulu, iikapteyini zamashumi amahlanu, iikapteyini zamashumi, nomongameli nabacebisi bakhe ababini besentloko yabo, phantsi kwesikhokelo saBapostile abaLishumi elineSibini.

4 Kwaye lo iya kuba ngumnqophiso wethu—okokuba siya kuhamba kuyo yonke imimiselo yeNkosi.

5 Nkampani nganye mayizibonelele ngazo zonke izipani, iinqwelo, imiphako, iimpahla zokunxiba, nezinye izinto eziyimfuneko zohambo, abangenako ukubanazo.

6 Xa iinkampani zilungiselelwe mazihambe ngamandlakazi azo, zilungiselele abo baza kuhlala.

7 Nkampani nganye, kunye nookapteyni bayo noomongameli, mayigqibe okokuba mababe bangaphi abanako ukuhamba kwintwasahlobo elandelayo, ngoko ikhethe inani elaneleyo lamadoda awomeleleyo namadoda azingcaphephe, ekuthatheni izipani, iimbewu, nezixhobo zokulima, ahambe njengoovulindlela alungiselele ukutyala izilimo zentwasahlobo.

8 Nkampani nganye mayamkele isahluko esilinganayo, ngokwesabelo sepropati yayo, ekuthabatheni amahlwempu, abahlolokazi, abangenayise, neentsapho zabo baye emkhosini, ukuze ukubhomboloza kwabahlolokazi nabangenayise kunganyukeli ezindlebeni zeNkosi ngokuchasene naba bantu.

9 Nkampani nganye mayilungiselele izindlu, namasimi okukhulisa iinkozo, abo baza kushiyeka ngasemva kweli xesha, kwaye oku yintando yeNkosi ngokunxulumene nabantu bayo.

10 Wonke umntu makasebenzise yonke impembelelo yakhe nepropati ekufuduseni aba bantu ukuya kwindawo apho iNkosi iya kumisa isteyki seZiyon.

11 Kwaye ukuba nenza oku ngentliziyo enyulu, nakuko konke ukuthembeka, niya kusikelelwa; niya kusikelelwa kuyo yonke imihlambi yenu yempahla emfutshane, nemihlambi yempahla enkulu, nasemasimini enu, nasezindlwini zenu, nakwiintsapho zenu.

12 Izicaka zam uEzra T. Benson noErastus Snow mabalungiselele inkampani.

13 Kwaye izicaka zam uOrson Pratt noWilford Woodruff mabalungiselele inkampani.

14 Kanjalo, izicaka zam uAmasa Lyman noGeorge A. Smith mabalungiselele inkampani.

15 Kwaye zanyule oomongameli, nokapteyni bamakhulu, bamashumi amahlanu, nabamashumi.

16 Kwaye izicaka zam ebezanyulelwe ukuhamba nokufundisa oku, intando yam, kwabangcwele okokuba mazibe nokulungela ukuya kwilizwe loxolo.

17 Hambani indlela yenu nize nenze njengoko ndinixeleleyo, kwaye ningazoyiki iintshaba zenu; kuba aziyi kuba namandla okunqanda umsebenzi wam.

18 IZiyon iya kukhululwa ngexesha elilelam elifanelekileyo.

19 Kwaye ukuba nawuphina umntu uya kufuna ukuziphakamisa, aze angafuni icebiso lam, akasayi kuba namandla, nobuyatha bakhe buya kwenziwa bubonakale.

20 Funani; nize nigcine izithembiso omnye komnye; nize ninganqweneli oko kukokomzalwana wenu.

21 Zigcineni enkohlakalweni ningafumane nilibize igama leNkosi, kuba ndiyiNkosi uThixo wakho, nkqu uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, noIsake noYakobi.

22 Ndinguye lowo wakhokelela abantwana bakaSirayeli baphume elizweni laseYiputa; ngengalo eyoluliweyo kwimihla yokugqibela, ukusindisa abantu bam amaSirayeli.

23 Yekani ukuba nembambano omnye nomnye; yekani ukuthetha ububi omnye ngomnye.

24 Yekani ukunxila; kunye amazwi enu makasoloko ehlaziya omnye nomnye.

25 Ukuba uboleke okommelwane wakho, uya kubuyisela oko wena ukubolekileyo; kwaye ukuba awunako ukukuhlawula ngoko ke hamba ngokukhawuleza uze umxelele ummelwane wakho, hleze akugwebe.

26 Ukuba uya kufumana oko ummelwane wakho akulahlileyo, uya kufuna ngenkuthalo ude ube uya kubuyisela kuye kwakhona.

27 Uya kukhuthala ekulondolozeni oko unako, ukuze ube nokuba ligosa elilumkileyo; kuba oko sisipho esikhululekileyo esivela eNkosini uThixo wakho, kwaye wena uligosa layo.

28 Ukuba wena wonwabile, dumisa iNkosi ngokucula, ngomculo, ngokudanisa, nangomthandazo wendumiso nombulelo.

29 Ukuba nina nilusizi, nibiza iNkosi uThixo wenu ngesikhungo, ukuze imiphefumlo yenu ibe novuyo.

30 Ningazoyiki iintshaba zenu, kuba zisezandleni zam ndaye ndiya kwenza intando yam ngazo.

31 Abantu bam bamele ukulingwa ezintweni zonke, ukuze babe nokulungiselelwa ukufumana uzuko ngabo, nkqu uzuko lweZiyon; kwaye lowo ungayi kunyamezela ukohlwaywa akabufanelanga ubukumkani bam.

32 Lowo ungaziyo makafunde ubulumko ngokuzithoba kwaye ebiza eNkosini uThixo wakhe, ukuze amehlo akhe abe nokuvulwa ukuze abe nokubona, neendlebe zakhe zivuleke ukuze abe nokuva;

33 Kuba uMoya wam uthunyelwe ngaphambili kulo ihlabathi ukukhanyisela abathobekileyo nabatyumkileyo, nasekugwetyweni kwabangahloneli Thixo.

34 Abazalwane benu banilahlile nobungqina benu, nkqu isizwe esinigxothele ngaphandle;

35 Kwaye ngoku uyeza umhla wentlekele, nkqu imihla yosizi, njengomfazi ebanjwe yinimba; kwaye usizi lwabo luya kuba lukhulu bade babe baguquke ngokukhawuleza, ewe, ngokukhawuleza kakhulu.

36 Kuba bababulala abaprofeti, nabo babethunyelwe kubo; kwaye bachitha igazi elimsulwa, elikhala lisuka emhlabeni ngokuchasene nabo.

37 Ke ngoko, maningamangaliswa zezi zinto, kuba anikabi nyulu; anikabi nako ukunyamezela uzuko lwam; kodwa niya kulubona ukuba nithembekile ekugcineni onke amazwi am endininikileyo, ukususela kwimihla ka-Adam kuye kuAbraham, ukususela kuAbraham kuye kuMoses, ukususela kuMoses kuye kuYesu nabapostile bakhe, nokususela kuYesu nabapostile bakhe kuye kuJoseph Smith, endimbizileyo ngeengelosi zam, izicaka zam ezilungiselelayo, nangelizwi elilelam liphuma emazulwini, ukuzisa ngaphambili umsebenzi wam;

38 Owabeka isiseko, kwaye wayethembekile; kwaye ndamthathela kum.

39 Abaninzi bamangaliswa ngenxa yokufa kwakhe; kodwa kwakuyimfuneko okokuba amele ukutywina ubungqina bakhe ngegazi lakhe, ukuze abe nokuzukiswa baze abakhohlakeleyo babe nokugwetywa.

40 Andinikhululanga na ezintshabeni zenu, kuphela koko ndishiye ubungqina begama lam?

41 Ke ngoko, phulaphulani, ngoku, Owu bantu bebandla lam; nani badala mamelani kunye; nifumene ubukumkani bam.

42 Khuthalani ekugcineni yonke imiyalelo yam, hleze izigwebo zize phezu kwenu, nokholo lwenu lusilele, zize iintshaba zenu zinivuyelele. Njalo akukho ngakumbi okwa kaloku. Amen noAmen.