Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 137


Icandelo 137

Umbono onikwe uJoseph Smith uMprofeti, etempileni eKirtland, eOhio, Januwari 21, 1836. Ithuba lalilelokunikwa kwemimiselo ukulungiselela ubingelelo lwetimpile.

1–6, UMprofeti ubona umntakwabo uAlvin kubukumkani beselestiyali; 7–9, Imfundiso yosindiso lwabafileyo ityhiliwe; 10, Bonke abantwana basindisiwe kubukumkani beselestiyali.

1 Amazulu ayevulekile phezu kwethu, kwaye ndabona ubukumkani beselestiyali bukaThixo, nobuqaqawuli babo, nokokuba ndandisemzimbeni okanye ngaphandle andinakutsho.

2 Ndabona ubuhle obugqithileyo besango iindlalifa zobo bukumkani eziya kungena ngalo, elalinjengesangqa samadangatye omlilo;

3 Kanjalo netrone evuthayo kaThixo, kuyo kwakuhleli uYise noNyana.

4 Ndabona izitrato ezihle zobo bukumkani, obabunembonakalo yokugangathwa ngegolide.

5 Ndabona uBawo uAdam noAbraham; nobawo nomama wam; umntakwethu uAlvin, owayesele kukudala okoko walalayo;

6 Kwaye ndamangaliswa ukuba walizuza njani na ilifa kobo bukumkani, ndibona okokuba wayehambe kobu bomi phambi kokuba iNkosi yenze isandla sayo sihlanganise uSirayeli ixesha lesibini, kwaye wayengabhaptizelwanga uxolelo lwezono.

7 Njalo kweza ilizwi leNkosi kum, lisithi: Bonke abo bafe ngaphandle kolwazi lwale vangeli, ababengethe bayamkela ukuba babevunyelwe ukuhlala, baya kuba ziindlalifa zobukumkani beselestiyali bukaThixo;

8 Kanjalo bonke abaya kufa ngoku ukuya kwixesha elizayo bengenalo ulwazi lwayo, ababengebeyamkele ngeentliziyo zabo zonke, baya kuba ziindlalifa zobo bukumkani;

9 Kuba mna, iNkosi, ndiya kugweba bonke abantu ngokwemisebenzi yabo, ngokunxulumene neminqweno yeentliziyo zabo.

10 Kwaye ndabona kanjalo okokuba bonke abantwana abafa phambi kokufika kwiminyaka yokuziphendulela basindisiwe kobukumkani beselestiyali bezulu.