Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 14


Icandelo 14

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuDavid Whitmer, eFayette, eNew York, Juni 1829. Usapho lakwaWhitmer lwalunomdla kakhulu kuguqulelo lweNcwadi kaMormoni. UMprofeti waseka indawo yokuhlala kwikhaya likaPeter Whitmer Omkhulu, apho wahlala khona wade umsebenzi woguqulelo waya ekugqityweni laze ilungelo lokopo lwencwadi eza ngaphambili lakhuselwa. Abathathu boonyana bakaWhitmer, ngamnye ethe wafumana ubungqina njengokuqiniseka komsebenzi, elowo ethe waba nokuzixhalisa nzulu phezu komba wemfanelo yabo. Esi sityhilelo nezimbini ezilandelayo (icandelo 15 nele 16) zanikwa kuphendulwa umbuzo ngeYurim neTumim. UDavid Whitmer ethubeni waba lelinye lamaNgqina amaThathu eNcwadi kaMormoni.

1–6, Abasebenzi esidiliyeni baya kuzuza usindiso; 7–8, Ubomi obungunaphakade sesona sipho sikhulu sikaThixo; 9–11, UKrestu wadala amazulu nomhlaba.

1 Umsebenzi omkhulu nomangalisayo sele kukufutshane ukuba uze ngaphambili ebantwaneni babantu.

2 Qaphela, ndinguThixo; nika inyameko elizwini lam, elikhawulezayo nelinamandla, elibukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi zombini amalungu nomongo; ke ngoko nika inyameko elizwini lam.

3 Qaphela, intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ke ngoko, nabani na onqwenela ukuvuna makaphose irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, aze avune ngeli thuba imini isekho, ukuze agcinele phezulu umphefumlo wakhe usindiso lwanaphakade ebukumkanini bukaThixo.

4 Ewe, nabani na oya kuphosa irhengqe yakhe aze avune, onjalo ubizwe nguThixo.

5 Ke ngoko, ukuba uya kucela kum uya kufumana; ukuba uya kunkqonkqoza uya kuvulelwa.

6 Funa ukuzisa ngaphambili nokuseka iZiyon yam. Gcina imiyalelo yam ezintweni zonke.

7 Kwaye, ukuba ugcina imiyalelo yam uze unyamezele kuye esiphelweni uya kuba nobomi obungunaphakade, esona sipho sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo.

8 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba uya kucela kuBawo egameni lam, ngokholo ukholelwa, uya kufumana uMoya oyiNgcwele, onika intetho, uze ube nokuma njengengqina lezinto zoko uya kukuva kwaye ukubone, kananjalo uze ube nokubhengeza inguquko kuso esi sizukulwana.

9 Qaphela, ndinguYesu Krestu, uNyana kaThixo ophilayo, owadala amazulu nomhlaba, ukukhanya okungenako ukufihlwa ebumnyameni;

10 Ngako oko, ndimele ukuzisa ngaphambili ivangeli yam epheleleyo ivela kwabeeNtlanga isiya kwindlu kaSirayeli.

11 Kwaye qaphela, wena David kwaye wena ubizelwe ukuncedisa; into leyo ukuba uyayenza, kwaye uthembekile, uya kusikelelwa kunye emoyeni nasenyameni, kwaye uya kuba mkhulu umvuzo wakho. Amen.