Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 17


Icandelo 17

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuOliver Cowdery, uDavid Whitmer, noMartin Harris, eFayette, eNew York, Juni 1829, phambi kokubona kwabo amacwecwe akroliweyo aqulathe imbali yeNcwadi kaMormoni. UJoseph nonobhala wakhe, uOliver Cowdery, bafunde kuguqulelo lwamacwecwe eNcwadi kaMormoni okokuba amangqina amathathu akhethekileyo aya kunyulwa (bona Etere 5:2–4; 2 Nifayi 11:3; 27:12). UOliver Cowdery, uDavid Whitmer, noMartin Harris bachukunyiswa ngumnqweno ophenjelelweyo ukuba babe ngamangqina amathathu akhethekileyo. UMprofeti wabuza eNkosini, saze esi sityhilelo sanikwa kuphendulwa ngeYurim neTumim.

1–4, Ngokholo amaNgqina amaThathu aya kuwabona amacwecwe nezinye izinto ezinyulu; 5–9, UKrestu unika ubungqina bobunyulu beNcwadi kaMormoni.

1 Qaphelani, ndithi kuni, okokuba nimele ukuthembela elizwini lam, kuthi okokuba nenza ngenjongo epheleleyo yentliziyo, niya kuba nokubona amacwecwe, kananjalo nentsimbi eyingcina sifuba, ikrele likaLabhan, iYurim neTumim, ezazinikwe umntakwabo Yerede phezu kwentaba, xa wathetha neNkosi ubuso ngobuso, nezalathisi ezimangalisayo ezazinikwe uLihayi xa wayesentlango, kwimida yoLwandle oluBomvu.

2 Kwaye kungenxa yokholo lwenu okokuba niya kufumana ukuwabona, nangalo ukholo ababenabo abaprofeti bakudala.

3 Kwaye emva kokuba nifumene ukholo, kwaye niwabonile ngamehlo enu, niya kunika ubungqina ngawo, ngamandla kaThixo;

4 Kwaye oku niya kukwenza ukuze isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., angabi nakutshatyalaliswa, ukuze ndibe nokuzisa kangangoko kulo msebenzi iinjongo zam ezilungileyo ebantwaneni babantu.

5 Kwaye niya kungqina ukuba niwabonile, nanjengesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., wawabonayo; kuba kungenxa yamandla am ethe wawabona, kwaye oko kungenxa yokuba waba nokholo.

6 Kwaye uguqulele incwadi, nkqu nalaa nxenye endimyalele yona, nanjengokuba iNkosi yenu noThixo wenu ephila iyinene.

7 Ngako oko, nifumene amandla afanayo, nokholo olufanayo, nesipho esifanayo njengaye;

8 Kwaye ukuba nenza le miyalelo yokugqibela eyiyeyam, endininike yona, amasango esihogo awayi koyisa ngokuchasene nani; kuba ubabalo lwam lunonele, kwaye niya kuphakanyiswa ngomhla wokugqibela.

9 Kwaye mna, Yesu Krestu, iNkosi yenu noThixo wenu, ndikuthethile kuni, ukuze ndibenokuzisa kangako iinjongo zam ezilungileyo ebantwaneni babantu. Amen.