Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 28


Icandelo 28

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuOliver Cowdery, eFayette, eNew York, Septemba 1830. UHiram Page, ilungu leBandla, wayenelitye elithile ebanga ngokuphandle ukuba ufumana izityhilelo ngoncedo lwalo ngokunxulumene nokwakha iZiyon nohlobo lweBandla. Amalungu aliqela alahlekiswa ngala mabango, kwaye nkqu uOliver Cowdery waphenjelelwa ngokungalunganga ngoloo hlobo. Kanye phambi kwenkomfa echongiweyo, uMprofeti wabuza ngokunyanisekileyo eNkosini ngokunxulumene nomba, kwaye esi sityhilelo siyalendela.

1–7, UJoseph Smith uphethe izitshixo zeemfihlelo, kwaye kuphela nguye ofumana izityhilelo zeBandla; 8–10, UOliver Cowdery umele ukushumayela kumaLeymenayithi; 11–16, USathana ukhohlisa uHiram Page waza wamnika izityhilelo ezingeyonyani.

1 Qaphela, ndithi kuwe, Oliver, okokuba kuya kunikwa kuwe okokuba wena uya kuviwa libandla kwizinto zonke naziphina wena oya kuzifundisa zona ngoMonwabisi, ngokunxulumene nezityhilelo nemiyalelo endithe ndayinika.

2 Kodwa, qaphela, inene, inene, ndithi kuwe, akukho namnye oya konyulwa ukufumana imiyalelo nezityhilelo kweli bandla ngaphandle kwesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., kuba uyifumana nkqu njengoMoses.

3 Kwaye wena uya kuba nentobeko kwezi zinto endiya kuzinika yena, nkqu njengoAron, ukubhengeza ngokunyanisekileyo imiyalelo nezityhilelo, ngamandla negunya ebandleni.

4 Kwaye ukuba wena ukhokelwe nangaliphina ixesha nguMonwabisi ekuthetheni okanye ekufundiseni, okanye ngamaxesha onke ngokwendlela yomyalelo ebandleni, umele ukwenza oko.

5 Kodwa wena awusayi kubhala ngendlela yomyalelo, kodwa ngobulumko;

6 Kwaye wena awusayi kumyalela lowo usentlokweni yakho, nasentlokweni yebandla;

7 Kuba ndimnike izitshixo zeemfihlelo, nezezityhilelo ezitywiniweyo, kude kube ndiya kubanyulela omnye endaweni yakhe.

8 Kwaye ngoku, qaphela, ndithi kuwe okokuba uya kuya kumaLeymenayithi uze ushumayele ivangeli yam kuwo; nanjengokuba ngokunjalo efumana iimfundiso zakho wena uya kwenza ibandla lam lisekwe phakathi kwawo; kwaye wena uya kufumana izityhilelo, kodwa zibhale ingabi ngokomyalelo.

9 Kwaye ngoku, qaphela, ndithi kuwe okokuba akutyhilwangwa, kwaye akukho mntu waziyo apho isixeko iZiyon siya kwakhiwa khona, kodwa kuya kunikwa emva koku. Qaphela, ndithi kuwe okokuba siya kuba semideni ngakumaLeymenayithi.

10 Wena awusayi kushiya le ndawo kude kube semva kwenkomfa; kwaye isicaka sam uJoseph siya konyulwa songamele kwinkomfa ngelizwi layo, kwaye oko akutshoyo kuwe wena uya kukuxela.

11 Kwaye kwakhona, wena uya kuthabatha umzalwana wakho, uHiram Page, phakathi kwakhe nawe kuphela, kwaye umxelele okokuba ezo zinto athe wazibhala zivela elityeni ayizozam kwaye uSathana umkhohlisile;

12 Kuba, qaphela, ezi zinto azonyulelwanga yena, nayiphina enye into eya konyulwa yeli bandla ephikisana neminqophiso yebandla.

13 Kuba zonke izinto zimele ukwenziwa ngocwangco, nangesivumelwano esiqhelekileyo ebandleni, ngomthandazo wokholo.

14 Kwaye wena uya kuncedisa ekulungiseni zonke izinto, ngokunxulumene neminqophiso yebandla, phambi kokuba wena uya kuthabatha uhambo lwakho phakathi kwamaLeymenayithi.

15 Kwaye kuya kunikwa wena ukususela kwixesha wena uya kuhamba, kude kube kwixesha wena oya kubuyela, koko wena oya kukwenza.

16 Kwaye wena umele kukuvula umlomo wakho amaxesha onke, ubhengeza ivangeli yam ngesandi sokugcoba. Amen.