Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 3


Icandelo 3

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, Julayi 1828, ngokunxulumene kwilahleko yamaphepha ali-116 oqobo lwencwadi aguqulelwe esuka kwinxenye yokuqala yeNcwadi kaMormoni, eyayibizwa ngokuba yincwadi kaLihayi. Umprofeti wawavumela la maphepha ethandabuza ukuwasusa elungcinweni lwakhe aye kolo lukaMartin Harris, othe wasebenza isithuba esifutshane njengonobhala kuguqulelo lweNcwadi kaMormoni. Isityhilelo sanikwa ngeYurim neTumim. (Bona kwicandelo 10.)

1–4, Indlela yeNkosi ingumjikelo omnye wanaphakade; 5–15, UJoseph Smith umele ukuguquka okanye alahlekelwe sisipho sokuguqulela; 16–20, INcwadi kaMormoni iza ngaphambili ukusindisa imbewu kaLihayi.

1 Imisebenzi, namacebo, neenjongo zikaThixo azinako ukutyhafiswa, zingenako nokuphuthiswa.

2 Kuba uThixo akahambi kwiindlela ezinamagoso-goso, engajikeli ekunene nangasekhohlo, engaphambuki nakuloo nto athe wayithetha, ke ngoko iindlela zakhe zithe tye, kwaye indlela yakhe ingumjikelo omnye wanaphakade.

3 Khumbulani, khumbulani okokuba ayingomsebenzi kaThixo otyhafiswayo, kodwa ngumsebenzi wabantu;

4 Kuba nangona umntu anokuba nezityhilelo ezininzi, aze abe namandla okwenza imisebenzi emininzi enamandlakazi, aze ukuba uzigwagwisa ngokomelela kwakhe, aze azenze into engento iingcebiso zikaThixo, aze alandele emva kokulawulwa yintando yakhe neminqweno yenyama, umele ukuwa aze azizisele impindezelo yoThixo olilungisa phezu kwakhe.

5 Qaphelani, ninikwe ezi zinto, kodwa ibiqatha kangakanani imiyalelo yenu; nize nikhumbule kananjalo izithembiso ezazenziwe kuni, ukuba aniyonanga.

6 Kwaye qaphelani, kukangaphi nisoloko nisona imiyalelo nemithetho kaThixo, kwaye nithe naqhubekeka kwiimpembelelo zabantu.

7 Kuba, qaphelani, animelanga ukuba noyike umntu ngaphezu kukaThixo. Nangona abantu bazimisele ukuphuthisa iingcebiso zikaThixo, baze bawanyelise amazwi akhe—

8 Kungoko benimele ukuthembeka; kwaye ngethe wanolulela ingalo yakhe waza wanixhasa nimelane neentolo zomlilo zotshaba; kwaye ngebe nam kwixesha ngalinye lenkathazo.

9 Qaphelani, okokuba uJoseph, kwaye uthe wonyulelwa ukwenza umsebenzi weNkosi, kodwa ngenxa yokona, ukuba uthe akaqaphela uya kuwa.

10 Kodwa khumbulani, uThixo unenceba; ke ngoko, guqukani kuko oko nithe nakwenza okuphikisana nomyalelo endithe ndaninika wona, kwaye nisanyuliwe, kwaye kwakhona nibizelwe emsebenzini;

11 Ngaphandle kokuba nenze oku, niya kunikezelwa nize nibe njengabanye abantu, nize ningabi sabi nasipho.

12 Kwaye xa nithe nahlangulwa phezulu koko athe uThixo waninika ukubona namandla okuguqulela, nihlangulelwe phezulu kuko oko kunyulu ezandleni zomntu okhohlakeleyo,

13 Othe waphuthisa iingcebiso zikaThixo, wophula ezininzi ngaphezulu izithembiso ezazenziwe ngcwele phambi koThixo, waza wathembela kokwakhe ukugweba nokuzigwagwisa ebulumkweni obubobakhe.

14 Kwaye oku sisizathu sokuba uthe walahlekana namalungelo akho awodwa eli xesha—

15 Kuba uthe wayekela ingcebiso yomkhokeli wakho ukuba inyhashwe kwasekuqaleni.

16 Nangona kunjalo, umsebenzi wam uya kuya ngaphambili, kuba njengokuba kunje ngolwazi loMsindisi luthe lweza ehlabathini, ngobungqina bamaYuda, nkqu kunjalo ulwazi loMsindisi luya kuza ebantwini bam—

17 Kwaye kumaNifayithi, nakumaYakobhethe, namaYosefayithi, namaZoramayithi, ngobungqina boyise babo—

18 Kwaye obu bungqina buya kuza kulwazi lwamaLeymenayithi, namaLemuwelayithi, namaIshmayelayithi, abeye bephelela ekungakholweni ngenxa yobugwenxa boyise babo, abo iNkosi yabayekela ekutshabalaliseni abazalwana babo amaNifayithi, ngenxa yobugwenxa namasikizi abo.

19 Kuba ngayo kanye le njongo amacwecwe akhuselwe, aqulathe ezi mbali—zokokuba izithembiso zeNkosi zingathi zizaliseke, athe wazenza ebantwini bakhe;

20 Kwaye ukuba amaLeymenayithi athe eza kulwazi loyise bawo, nokokuba athi azi izithembiso zeNkosi, nokokuba anokukholelwa kwivangeli nokuthembela kuko ukulunga kukaYesu Krestu, aze azukiswe ngokholo egameni lakhe, nangayo inguquko yawo ukuze abe nokusindiswa. Amen.