Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 30


Icandelo 30

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuDavid Whitmer, uPeter Whitmer Omnci., noJohn Whitmer, eFayette, eNew York, Septemba 1830, kulandela inkomfa entsuku-ntathu eFayette, kodwa phambi kokuba abadala beBandla bahlukane. Ekuqaleni lo msebenzi wawupapashwe njengezityhilelo ezithathu; wadityaniswa walicandelo elinye nguMprofeti esenzela uhlelo lweMfundiso neMinqophiso ngowe-1835.

1–4, UDavid Whitmer uyaqeqeshwa ngokusilela ukusebenza ngenkuthalo; 5–8, UPeter Whitmer Omnci. uza kukhapha uOliver Cowdery kwimishini eya kumaLeymenayithi; 9–11, UJohn Whitmer ubizelwa ukushumayela ivangeli.

1 Qaphela, ndithi kuwe, David, okokuba woyike abantu waza awathembela kum ngamandla njengoko ufanele.

2 Kodwa ingqondo yakho ibe kwizinto zomhlaba ngaphezu kwezinto zam, uMenzi wakho, nakubulungiseleli othe wena wabizelwa kubo; kwaye akuwunikanga inyameko uMoya wam, nakwabo babebekwe phezu kwakho, kodwa uthe wathundezwa ngabo ndingabayalelanga.

3 Ngako oko, ushiywa ukuba ubuzele isiqu sakho esandleni sam, kwaye uguquguqule ngezinto othe wazifumana.

4 Kwaye ikhaya lakho liya kuba sendlwini kayihlo, ndide ndikunike eminye imiyalelo. Kwaye uya kwenza ubulungiseleli ebandleni, naphambi kwehlabathi, nakuzo iingingqi ezingqongileyo. Amen.

5 Qaphela, ndithi kuwe, Peter, okokuba uya kuthabatha uhambo lwakho nomntakwenu uOliver; kuba ixesha lifikile lokuba kufanelekile kum okokuba uya kuwuvula umlomo wakho ubhengeze ivangeli yam; ke ngoko, ungoyiki, kodwa nika inyameko emazwini nakwicebiso lomntakwenu, aya kukunika lona.

6 Kwaye mawubandezeleke kuzo zonke iimbandezelo zakhe, usoloko unyusela intliziyo yakho kum ngomthandazo nokholo, usenzela ukuhlangulwa kwakhe nokwakho; kuba ndimnike amandla okwakha ibandla lam phakathi kwamaLeymenayithi;

7 Kwaye andinyulanga namnye ukuba abe ngumcebisi wakhe phezu kwakhe ebandleni, ngokunxulumene nemiba yebandla, ngaphandle kokuba ibe ngumntakwabo, uJoseph Smith, Omnci.,

8 Ngako oko, nika inyameko ezi zinto kwaye ukhuthale ekugcineni imiyalelo yam, kwaye uya kusikelelwa ebomini obungunaphakade. Amen.

9 Qaphela, ndithi kuwe, sicaka sam John, okokuba wena uya kuqala ukususela kweli xesha ukuya phambili ukubhengeza ivangeli yam, njengokungathi lilizwi lexilongo.

10 Kuba umsebenzi wakho onzima uya kuba kumntakwenu uPhilip Burroughs, nakuloo ngingqi ingqongileyo, ewe, naphina apho unako ukuviwa, ndide ndikuyalele ukuba uhambe apho.

11 Kwaye umsebenzi wakho uwonke uya kuba seZiyon, ngomphefumlo wakho wonke, ukususela ngoku kuye phambili; ewe, uya kusoloko uwuvulile umlomo wakho ngenjongo yam, ungoyiki oko abantu banokwenza, kuba ndikunye nawe. Amen.