Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 31


Icandelo 31

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuThomas B. Marsh, Septemba 1830. Ithuba laba ngokukhawuleza lilandela inkomfa yeBandla (bona isihloko secandelo 30). UThomas B. Marsh wayebhaptizwe ngaphambili enyangeni waza wamiselwa wangumdala eBandleni phambi kokuba esi sityhilelo sinikwe.

1–6, UThomas B. Marsh ubizelwa ukushumayela ivangeli kwaye uyaqinisekiswa ngempilo-ntle yosapho lwakhe; 7–13, Uyacetyiswa ukuba abe nomonde, athandaze rhoqo, aze alandele uMonwabisi.

1 Thomas, nyana wam, usikelelekile wena ngenxa yokholo lwakho emsebenzini wam.

2 Qaphela, ube neembandezelo ezininzi ngenxa yosapho lwakho; nangona kunjalo, ndiya kukusikelela nosapho lwakho, ewe, abancinane bakho; kwaye umhla uyeza abaya kukholelwa kwaye bazi inyaniso kwaye babebanye kunye nawe ebandleni lam.

3 Phakamisa intliziyo yakho uze ugcobe, kuba ilixa lemishini yakho lifikile; kwaye ulwimi lwakho luya kukhululwa, kwaye uya kubhengeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu oluya kwesi sizukulwana.

4 Uya kubhengeza izinto esezityhiliwe kwisicaka sam, uJoseph Smith, Omnci. Uya kuqalisa ukushumayela ukususela kweli xesha ukuya phambili, ewe, uvuna kwintsimi evuthiweyo elungele ukutshiswa.

5 Ke ngoko, phosa irhengqe yakho ngomphefumlo wakho wonke, kwaye izono zakho zixolelwe, kwaye uya kuthwaliswa nzima izithungu phezu komqolo wakho, kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakho. Ngako oko, usapho lwakho luya kuphila.

6 Qaphela, inene ndithi kuwe, mka kubo nje okwexesha elincinane, uze ubhengeze ilizwi lam, kwaye ndiya kubalungiselela indawo.

7 Ewe, ndiya kuzivula iintliziyo zabantu, kwaye baya kukwamkela. Kwaye ndiya kuseka ibandla ngesandla sakho;

8 Kwaye uya kubomeleza kwaye ubalungiselele ngokuchasene nexesha xa beya kuhlanganiswa.

9 Yiba nomonde ezimbandezelweni, ungonyelisi ngokuchasene nabo bonyelisayo. Lawula indlu yakho ngobulali, kwaye ume nkqo.

10 Qaphela, ndithi kuwe okokuba uya kuba ngugqirha ebandleni, kodwa ungabi nguye ehlabathini, kuba alisayi kukwamkela.

11 Hamba indlela yakho nokuba uya phina ndiya kuba nawe, kwaye kuya kunikwa kuwe ngoMonwabisi oko uya kukwenza nalapho uya kuya khona.

12 Thandaza rhoqo, hleze ungene ekuhendweni uze uphulukane nomvuzo wakho.

13 Thembeka kuye esiphelweni, kwaye yabona, ndikunye nawe. La mazwi asingawo awomntu nawabantu, kodwa ngawam, nkqu uYesu Krestu, uMkhululi wakho, ngentando kaBawo. Amen.