Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 33


Icandelo 33

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuEzra Thayre noNorthrop Sweet, eFayette, eNew York, Oktobha 1830. Ekwaziseni esi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith yaqinisekisa ukuba “iNkosi…isoloko ikulungele ukuyalela abo bafuna ngenkuthalo beselukholweni.”

1–4, Abasebenzi babizelwe ukubhengeza ivangeli ngelixa leshumi elinanye; 5–6, IBandla lisekiwe, kwaye abanyulwa bamele ukuhlanganiswa; 7–10, Guqukani, kuba ubukumkani bezulu busondele; 11–15, IBandla lakhelwe phezu kolwalwa lwevangeli; 16–18, Lungiselelani ukuza koMyeni.

1 Qaphelani, ndithi kuni, zicaka zam Ezra noNorthrop, vulani nina iindlebe zenu nize niphulaphule kwilizwi leNkosi uThixo wenu, ozwi lakhe likhawulezayo kwaye linamandla, libukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi amalungu nomongo, umphefumlo kwanomoya; kwaye ligweba iingcinga neenjongo zentliziyo.

2 Kuba inene, inene, ndithi kuni okokuba nibizelwe ukunyusa amazwi enu njengokungathi sisandi sexilongo, ukubhengeza ivangeli yam kwisizukulwana esigoso nesigwenxa.

3 Kuba qaphelani, intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; kwaye lilixa leshumi elinanye, kwaye lixesha lokugqibela endiya kubizela abasebenzi esidiliyeni sam.

4 Kwaye isidiliya sam sithe sonakala kwisuntswana lonke; kwaye akukho namnye owenza okulungileyo ngaphandle nje kwabambalwa; kwaye bayaphazama amaxesha amaninzi ngenxa yobubingeleli bobuxoki, bonke beneengqondo ezonakeleyo.

5 Kwaye inene, inene, ndithi kuni, okokuba eli bandla ndithe ndaliseka ndaze ndalibizela ngaphambili liphume entlango.

6 Kwaye nkqu kunjalo ndiya kubahlanganisa abanyulwa bam ukusuka kwiimbombo zone zomhlaba, nkqu njengoko beya kubabaninzi abaya kukholelwa kum, kwaye baphulaphule ilizwi lam.

7 Ewe, inene, inene, ndithi kuni, okokuba intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ngako oko, phoselani iirhengqe zenu, nize nivune ngamandlakazi enu onke, ingqondo, nokomelela.

8 Vulani imilomo yenu kwaye iya kuzaliswa, kwaye niya kuba nkqu njengoNifayi wakudala, owahamba entlango esuka eYerusalem.

9 Ewe, vulani imilomo yenu kwaye ningoyikiseli, kwaye niya kuthwaliswa izithungu phezu kwemiqolo yenu, kuba yabona, ndikunye nani.

10 Ewe, vulani imilomo yenu kwaye iya kuzaliswa, nisithi: Guqukani, guqukani, kwaye nilungise indlela yeNkosi, nizityeneneze iindlela zayo; kuba ubukumkani bezulu busondele;

11 Ewe, guqukani kwaye nibhaptizwe, nonke ngabanye benu, nisenzela uxolelo lwezono zenu; ewe, manibhaptizwe nkqu ngamanzi, kwaye ngoko kuze ubhaptizo lomlilo neloMoya oyiNgcwele.

12 Qaphelani, inene, inene, ndithi kuni, le yivangeli yam; kwaye khumbulani okokuba baya kuba nokholo kum okanye abanako nangayiphi indlela ukusindiswa;

13 Kwaye phezu kolu lwalwa ndiya kwakha ibandla lam; ewe, phezu kolu lwalwa nakhelwe, kwaye ukuba niyaqhubekeka, amasango esihogo akasayi koyisa ngokuchasene nani.

14 Kwaye niya kukhumbula izivumo zebandla neminqophiso ukuba niyigcine.

15 Kwaye nabani na onokholo niya kumqinisela ebandleni lam, ngokubeka izandla, kwaye ndiya kuthobela isipho soMoya oyiNgcwele phezu kwabo.

16 Kwaye iNcwadi kaMormoni nezibhalo ezingcwele zinikwe ndim zibe ngumyalelo wenu; namandla oMoya wam odlisa ubomi zonke izinto.

17 Ngako oko, thembekani, nithandaza rhoqo, ninezibane zenu zilungisiwe kwaye zivutha, nani nine-oli, ukuze nibe nikulungele ukuza koMyeni

18 Kuba qaphelani, inene, inene, ndithi kuni, okokuba ndiyeza kamsinya, Nkqu kunjalo. Amen.