Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 34


Icandelo 34

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuOrson Pratt, eFayette, eNew York, Novemba 4, 1830. Umzalwana uPratt wayeneminyaka elishumi elinesithoba ngeloo xesha. Wayeguqulwe waza wabhaptizwa ngumntakwabo omdala kunaye, uParley P.Pratt, xa waqala ukuva ngokushunyayelwa kwevangeli ebuyiselweyo, kwiiveki ezintandathu ngaphambili. Esi sityhilelo safunyanwa kwikhaya likaPeter Whitmer Omkhulu.

1–4, Abathembekileyo baba ngoonyana bakaThixo ngeNtlawulelo; 5–9, Ukushunyayelwa kwevangeli kulungisa indlela yokuBuya kweSibini; 10–12, Isiprofetho siza ngamandla oMoya oyiNgcwele.

1 Nyana wam Orson, phulaphula kwaye uve uze uqaphele oko mna, iNkosi uThixo, ndiya kuthetha kuwe, nkqu uYesu Krestu uMkhululi wakho;

2 Ukukhanya nobomi behlabathi, ukhanyiselo olwabonakala ebumnyameni, baza ubumnyama abaluqiqa;

3 Lowo walithanda ihlabathi wade wancama ubomi obubobakhe, okokuba njengokuba beya kuba baninzi abaya kukholelwa babe nokuba ngoonyana bakaThixo. Ngako oko ungunyana wam;

4 Kwaye usikelelwe wena ngenxa yokuba uthe wakholelwa;

5 Kwaye usikelelwe ngakumbi ngenxa yokuba ubizelwe ndim ukushumayela ivangeli yam—

6 Ukuphakamisa ilizwi lakho njengokungathi kungesandi sexilongo, kunye kude nangokukhwaza, kwaye danduluka inguquko kwisizukulwana esigoso nesigwenxa, ulungiselela indlela yeNkosi yokubuya kwayo okwesibini.

7 Kuba qaphela, inene, inene, ndithi kuwe, ixesha lisondele lokokuba ndiya kuza ndiselifini ngamandla nobuqaqawuli obukhulu.

8 Kwaye iya kuba ngumhla omkhulu ngexesha lokuza kwam, kuba zonke izizwe ziya kungcangcazela.

9 Kodwa phambi kwaloo mhla mkhulu uya kuza, ilanga liya kuba mnyama, kwaye inyanga ijike ibe ligazi; kwaye iinkwenkwezi aziyi kuvuma nokukhanya kwazo, kwaye kwazona ziya kuwa, kwaye iintshabalalo ezinkulu zilindele abakhohlakeleyo.

10 Ngako oko, phakamisa ilizwi lakho kwaye ungoyikiseli, kuba iNkosi uThixo ithethile; ke ngoko profetha, kwaye kuya kunikwa ngamandla oMoya oyiNgcwele.

11 Kwaye ukuba unyanisekile, qaphela, ndikunye nawe ndide ndize—

12 Kwaye inene, inene, ndithi kuwe, ndiyeza kamsinya. Ndiyi Nkosi yakho noMkhululi wakho. Nkqu kunjalo. Amen.