Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 35


Icandelo 35

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, kufuphi okanye eFayette, eNew York, Disemba 7, 1830. Ngeli xesha, uMprofeti wayebambeka phantse yonke imihla ekwenzeni uguqulelo lweBhayibhile. Uguqulelo lwaqala kusekutsha nje ngoJuni 1830, kwaye bobabini uOliver Cowdery noJohn Whitmer babesebenza njengoonobhala. Ukususela ngoku bathe bababizela kweminye imisebenzi, uSidney Rigdon wabizwa ngonyulo olunyulu ukuba asebenze njengonobhala woMprofeti kulo msebenzi (bona ivesi 20). Njengentshayelelo kwimbali yesi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichazanje: “NgoDisemba uSidney Rigdon wafika [evela eOhio] ezokubuza iNkosi, kwafika kunye naye uEdward Partridge. … Kufutshane nje emva kokufika kwaba bazalwana babini, kungoko yathethayo iNkosi.”

1–2, Amadoda angaba ngoonyana bakaThixo njani; 3–7, USidney Rigdon ubizelwa ukubhaptiza nokunikezela uMoya oyiNgcwele; 8–12, Imiqondiso nemimangaliso ziza ngokholo; 13–16, Izicaka zeNkosi ziya kubhula izizwe ngamandla oMoya; 17–19, UJoseph Smith uphethe izitshixo zeemfihlelo; 20–21, Abonyulwa baya kuyinyamezela imini yokuza kweNkosi; 22–27, USirayeli uya kusindiswa.

1 Mamelani ilizwi leNkosi uThixo wenu, nkqu uAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, omgaqo wakhe ungumjikelo omnye wanaphakade, ukwanguye namhlanje njengayizolo nangonaphakade.

2 NdinguYesu Krestu, uNyana kaThixo, owabethelelelwa izono zehlabathi, nkqu njengabaninzi beya kukholelwa egameni lam, okokuba babe ngoonyana bakaThixo, nkqu omnye okum njengoko mna ndimnye kuBawo, njengoBawo emnye kum, ukuze sibe banye.

3 Qaphela, inene, inene, ndithi kwisicaka sam uSidney, ndikukhangele wena nemisebenzi yakho. Ndiyivile imithandazo yakho, ndaza ndakulungiselela umsebenzi omkhulu ngakumbi.

4 Wena usikelelwe, kuba wena uya kwenza izinto ezinkulu. Qaphela wena wathunyelwa ngaphambili, nkqu njengoYohane, ukulungisa indlela phambi kwam, naphambi koEliya oya kuza, kwaye wena akukwazanga oko.

5 Wena wabhaptizela inguquko ngamanzi, kodwa abawufumana uMoya oyiNgcwele;

6 Kodwa ngoku ndinika wena umyalelo, wokokuba uya kubhaptiza ngamanzi, kwaye baya kufumana uMoya oyiNgcwele ngokubeka izandla, nkqu njengabapostile bakudala.

7 Kwaye kuya kwenzeka okokuba kuya kubakho umsebenzi omkhulu elizweni, nkqu phakathi kweeNtlanga, kuba ubuyatha babo namasikizi abo aya kwenziwa abonakale emehlweni abo bonke abantu.

8 Kuba ndinguThixo, kwaye ingalo yam ayimfutshane; kwaye ndiya kubonisa imimangaliso, imiqondiso, neminqa, kubo bonke abo bakholelwa egameni lam.

9 Kwaye noobani na abaya kuyicela egameni lam beselukholweni, baya kukhupha oomtyholi; baya kuphilisa imilwelwe; baya kwenza iimfama zifumane ukubona, nezithulu zive, nezidenge zithethe, neziqhwala zihambe.

10 Kwaye ixesha ngokukhawuleza liyeza lokuba izinto ezinkulu ziya kuboniswa ngaphambili ebantwaneni babantu;

11 Kodwa ngaphandle kokholo akukho nto iya kuboniswa ngaphambili ngaphandle kweentshabalalo phezu kweBhabhilon, ezifana nezo zenza zonke izizwe zasela kwiwayini yengqumbo yobuhenyu bazo.

12 Kwaye akukho namnye owenza okulungileyo ngaphandle kwabo balungele ukwamkela ivangeli yam epheleleyo, leyo endiyithumele ngaphambili kwesi sizukulwana.

13 Ngako oko, ndibiza izinto ezibuthathaka zehlabathi, ezo zingenamfundo kwaye zicekiswa, zize zibhule izizwe ngamandla oMoya wam;

14 Kwaye ingalo yabo iya kuba yingalo yam, kwaye ndiya kuba likhaka labo nombophi wabo; kwaye ndiya kubhinqisa izinqe zabo, kwaye baya kundilwela ngokukhalipha; kwaye neentshaba zabo ziya kuba phantsi kweenyawo zabo; kwaye ndiya kuliyeka ikrele liwe egameni labo, kwaye ngomlilo womsindo wam ndiya kubalondoloza.

15 Kwaye amahlwempu nabanobulali baya kuba nevangeli ishunyayelwe kubo, kwaye baya kujonga ngaphambili ixesha lokuza kwam, kuba likufutshane

16 Kwaye baya kufunda umzekeliso womkhiwane, kuba nkqu ngoku sele ihlobo likufuphi.

17 Kwaye ndithumele ngaphambili ivangeli yam epheleleyo ngesandla sesicaka sam uJoseph; kwaye ebuthathakeni ndithe ndamsikelela;

18 Kwaye ndinikele kuye izitshixo zemfihlelo zezoo zinto ebezitywiniwe, nkqu izinto ebezivela kwisiseko zehlabathi, nezinto eziya kuza ukususela kweli xesha kude kube lixesha lokuza kwam, ukuba uhlala kum, kwaye ukuba akunjalo, omnye ndiya kumbeka endaweni yakhe.

19 Ngako oko, mkhuseleni ukuze ukholo lwakhe lungasileli, kwaye oko kuya kunikwa ngoMonwabisi, uMoya oyiNgcwele, owazi zonke izinto.

20 Kwaye umyalelo endimnika wona—kukuba nina niya kubhalela yena; kwaye izibhalo ziya kunikwa, nkqu njengoko zinjalo esifubeni esisesam, elusindisweni lwabanyulwa bam kanye;

21 Kuba baya kuliva ilizwi lam, kwaye baya kundibona, kwaye abasayi kulala, kwaye baya kuyinyamezela imini yokuza kwam; kuba baya kuhlanjululwa, nkqu njengoko ndihlambulukile.

22 Kwaye ngoku ndithi kuni, hlalani kunye naye, kwaye uya kuhamba kunye nam; ningamshiyi, kwaye ngokuqinisekileyo ezi zinto ziya kuzalisekiswa.

23 Kwaye njengokuba ningabhali, qaphelani, kuya kunikelwa kuye aprofethe; kwaye nina niya kushumayela ivangeli yam nize nibize kubaprofeti abangcwele ekuqinisekiseni amazwi akhe, njengoko aya kinikwa yena.

24 Gcinani yonke imiyalelo neminqophiso nina enibotshelelwe ngayo; kwaye ndiya kuwenza amazulu ashukumele ukulunga kwenu, kwaye uSathana uya kunkwantya neZiyon iya kugcoba phezu kweenduli ize ichume;

25 Kwaye uSirayeli uya kusindiswa ngexesha lam kanye elifanelekileyo; kwaye ngezitshixo endithe ndazinika baya kukholelwa, kwaye akasayi kubhidaniswa kwakhona konke-konke.

26 Phakamisani iintliziyo zenu nize nivuye, ukukhululwa kwenu kuyasondela.

27 Musa ukoyika, mhlambi omncinane, ubukumkani bobakho ndide ndifike. Qaphelani, ndiyeza kamsinya. Nkqu kunjalo. Amen.