Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 4


Icandelo 4

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuyise, uJoseph Smith Omkhulu, eHarmony, ePennsylvania, Februwari 1829.

1–4, Ukusebenza ngokukhalipha kusindisa abefundisi beNkosi; 5–6, Iimpawu ezisulungekileyo zobuThixo zibenza balungele ubufundisi; 7, Izinto zikaThixo zimele ukuphengululwa.

1 Ngoku qaphela, umsebenzi omangalisayo kufutshane nje uza ngaphambili phakathi kwabo abantwana babantu.

2 Ke ngoko, Owu abo baqala emsebenzini kaThixo, bonani ukuba nimsebenzela ngentliziyo yenu yonke, ngamandlakazi, ngengqondo nangokomelela, ukuze nibe nokuma phambi koThixo ningenatyala ngomhla wokugqibela.

3 Ke ngoko, ukuba nineminqweno yokusebenzela uThixo nibizelwe ukusebenza;

4 Kuba qaphelani intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; kwaye yabonani, lowo uyiphosayo irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, onjalo ubeka kuvimba oko kungatshabalaliyo, kodwa uzisa usindiso emphefumlweni wakhe;

5 Kwaye ukholo, ithemba, nothando lwenene, nothando, ngeliso elinye elijonge uzuko lukaThixo, zenza afanele umsebenzi.

6 Khumbulani ukholo, isidima, ulwazi, ubungcathu, umonde, ukulunga kobuzalwana, ubuthixo, nothando lwenene, ukuthobeka, inkuthalo.

7 Celani, kwaye niya kuphiwa; nkqonkqozani, niya kuvulewa. Amen.