Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 40


Icandelo 40

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, eFayette, eNew York, Januwari 6, 1831. Ekhokela ukubhalwa kwesi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichaza nje, “Kuba uJames Covel walalayo ilizwi leNkosi, waza waphindela kwimigaqo yakhe yangaphambili nabantu, iNkosi yanika mna noSidney Rigdon isityhilelo esilandelayo” (bona icandelo 39).

1–3, Uloyiko lwentshutshiso nezinto ezikhathalelwe lihlabathi kubangela ukwaliwa kwevangeli.

1 Qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba intliziyo yesicaka sam uJames Covel yayilingile phambi kwam, kuba wanqophisana nam okokuba uya kuthobela ilizwi lam.

2 Kwaye walamkela ilizwi ngovuyo, kodwa ngoko nangoko uSathana wamhenda; noloyiko lweentshutshiso nezinto ezikhathalelwe lihlabathi zambangela ukuba ale ilizwi.

3 Ngako oko wophula umnqophiso wam, kwaye kusele kum ukwenza kuye njengoko kubonakala kulungile kum. Amen.