Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 41


Icandelo 41

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya eBandleni, eKirtland, eOhio, Februwari 4, 1831. Esi sityhilelo siyalela uMprofeti nabadala beBandla bathandaze ukuze bafumane “umthetho” (bona kwicandelo 42). UJoseph Smith waye sandula ukufika eKirtland evela eNew York, uLeman Copley, ilungu leBandla eliseThompson, eOhio ekude kufuphi, “wacela uMzalwana uJosepho noSidney [Rigdon]…bahlale naye kwaye wayeza kubanika indlu neemfuneko.” Isityhilelo esilandelayo sicacisa apho uJoseph noSidney bamele ukuhlala khona kananjalo uEdward Partridge ubizwa ukuba abe yibhishophu yeBandla lokuqala.

1–3, Abadala baya kulawula iBandla ngomoya wesityhilelo; 4–6, Abafundi abayinene baya kufumana baze bagcine umthetho weNkosi; 7–12, UEdward Partridge ubizwe njengebhishophu eBandleni.

1 Phulaphulani kwaye nimamele, Owu nina bantu bam, itsho iNkosi noThixo wenu, nina endivuyiswa kukunisikelela ngezona zinkulu zazo zonke iintsikelelo, nina nindimamelayo; kwaye nina ningandimameliyo abo bacekisa igama lam, ndiya kuniqalekisa, ngesona sinzima kuzo zonke iziqalekiso.

2 Phulaphulani, Owu nina badala bebandla lam endibabizileyo, qaphelani ndininika umyalelo, wokokuba nihlanganisane kunye ekuvumelaneni ngelizwi lam;

3 Kwaye ngomthandazo wokholo lwenu niya kufumana umthetho wam, ukuze nibe nokwazi ukuba lilawulwa kanjani ibandla lam kwaye nenze zonke izinto zilunge phambi kwam.

4 Kwaye ndiya kuba ngumlawuli wenu xa ndisiza; kwaye qaphelani, ndiyeza kamsinya, kwaye niya kubona ukuba umthetho wam uyagcinwa.

5 Lowo wamkela umthetho wam kwaye awenze, onjalo ungumfundi wam; kwaye othi uwamkele aze angawenzi, onjalo akanguye umfundi wam, kwaye uya kukhutshelwa ngaphandle phakathi kwenu;

6 Kuba akufanelekanga ukuba izinto ezizezabantwana bobukumkani zinikwe abo bangafanelekanga, okanye ezinjeni, okanye iiperile ziphoswe phambi kweehagu.

7 Kwaye kwakhona, kufanelekile ukuba isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., owakhelwe indlu, amakahlale kuyo aze aguqulele.

8 Kwaye kwakhona, kufanelekile okokuba isicaka sam uSidney Rigdon ahlale njengoko kubonakala kumlungele, njengokuba egcina imiyalelo yam.

9 Kwaye kwakhona, ndibize isicaka sam uEdward Partridge; kwaye ndinike umyalelo, wokokuba onyulwe ngelizwi lebandla, aze amiselwe abe yibhishophu ebandleni, ashiye urhwebo lwakhe aze achithe lonke ixesha lakhe kwimisebenzi yebandla;

10 Alungise zonke izinto njengoko ziya kunyulelwa kuye emithethweni yam ngomhla endiya kubanika wona.

11 Kwaye oku kungenxa yentliziyo yakhe enyulu phambi kwam, kuba ufana noNataniyeli wakudala, kuye ekungekho nkohliso.

12 La mazwi anikwe nina, kwaye anyulu phambi kwam; ngako oko, lumkelani ukuba niwaphatha njani, kuba aya kuphendulelwa phezu kwemiphefumlo yenu ngemini yomgwebo. Nkqu kunjalo. Amen.