Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 45


Icandelo 45

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya eBandleni, eKirtland, eOhio, Matshi 7, 1831. Ukutshayelela ukubhala esi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichaza okokuba “kweli xesha leBandla … iingxelo ezininzi ezibubuxoki … namabali abubuyatha, zapapashwa … zaze zajikeleza, … ukunqanda abantu ekuziphandeleni umsebenzi, okanye ekwamkeleni ukholo. … Kodwa ekugcobeni kwabaNgcwele, … ndafumana okulandelayo.”

1–5, UKrestu ungumthetheleli wethu kunye noYise; 6–10, Ivangeli ngumthunywa ekulungiseni indlela phambi kweNkosi; 11–15, UEnoki nabazalwana bakhe bamkelelwe yiNkosi Kuyo; 16–23, UKrestu watyhila imiqondiso yokuza kwakhe njengoko inikiwe eNtabeni yeMinquma; 24–38, Ivangeli iya kubuyiselwa, amaxesha abeeNtlanga aya kuzalisekiswa, kwaye isigulo esidakumbisayo siya kugubungela ilizwe; 39–47, Imiqondiso, imimangaliso, noVuko ziya kukhapha ukuBuya kweSibini; 48–53, UKrestu uya kuma eNtabeni yeMinquma, kwaye amaYuda aya kuwabona amanxeba ezandleni Zakhe nasezinyaweni; 54–59, INkosi iya kulawula ngeMileniyam; 60–62, UMprofeti uyalelwa ukuqalisa uguqulelo lweTestamente eNtsha, ngolwazi olubalulekileyo oluya kwenziwa ukuba lwaziwe; 63–75, AbaNgcwele bayalelwa ukuba bahlanganisane baze bakhe iYerusalem eNtsha, abantu abavela kuzo zonke izizwe baya kuya kuyo.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, ubukumkani obunikelwe kubo; mamelani nina nize ninike indlebe kulowo ubeke isiseko somhlaba, owenze amazulu nazo zonke izihlwele zawo, kwaye ngaye zonke izinto eziphilayo zenziwa, zaza zashukuma, zaza zabakho.

2 Kwaye kwakhona ndithi, phulaphulani elizwini lam, hleze kube ukufa kuya kuniphangela; kulo ilixa xa ningacingi ukuba ihlobo liya kudlula, nokuvuna kuphelile, kwaye nemiphefumlo yenu ingasindiswanga.

3 Mamelani kuye ongumthetheleli kunye noYise, ocengela injongo yenu phambi kwakhe—

4 Esithi: Bawo, qaphela iimbandezelo nokufa kwakhe ongenasono, kuye wawukholiseke kakuhle; qaphela igazi lonyana wakho eliphalalayo, igazi lakhe owamnikelayo ukuze wena ubenokuzukiswa;

5 Ngako oko, Bawo, sindisa aba bazalwane bakholelwa egameni lam, ukuze babe nokuza kum baze babe nobomi obungunaphakade.

6 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, kwaye nina badala mamelani kunye, nize nive ilizwi lam ngelixa libizayo namhlanje, nize ningazenzi lukhuni iintliziyo zenu;

7 Kuba inene ndithi kuni okokuba ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, ukukhanya nobomi behlabathi—ukhanyiso lwabonakala ebumnyameni basuka ubumnyama abaluqiqa.

8 Ndeza kwabangabam, baza abangabam abandamkela; kodwa njengokuba bebaninzi abandamkelayo ndabanika amandla okwenza imimangaliso emininzi, baza bangoonyana bakaThixo; kwaye nkqu kwabo bakholelwayo egameni lam ndabanika amandla okuzuza ubomi obungunaphakade.

9 Kwaye nkqu kunjalo ndithumele umnqophiso wam wanaphakade ehlabathini, ube lukhanyiso ehlabathini, kwaye ube yibhanile yabantu bam, neyabeeNtlanga ekufuneni kuyo, kwaye ube ngumthunywa phambi kobuso bam ekulungiseni indlela phambi kwam.

10 Ngako oko, yizani nina kuwo, kwaye nalowo uzayo ndiya kuqiqa njengasebantwini kwimihla yakudala, kwaye ndiya kunibonisa ukuqiqa kwam okomeleleyo.

11 Ngako oko, mamelani nina kunye kwaye nindivumele ndinibonise nkqu obam ubulumko—bakhe enithi nina unguThixo kaEnoki, nabazalwana bakhe,

12 Abohlulwayo emhlabeni, baza bamkelelwa kum—isixeko esigciniweyo kude kube ngumhla oya kuza wobulungisa—umhla owafunwa ngabo bonke abantu abangcwele, kwaye abazange bawufumane ngenxa yenkohlakalo namasikizi;

13 Kwaye bavuma ukuba bangabasemzini neendwendwe emhlabeni;

14 Kodwa bazuza isithembiso sokuba baya kuwufumana baze bawubone besenyameni yabo.

15 Ngako oko, phulaphulani ndaye ndiya kuqiqa nani, ndaye ndiya kuthetha nani ndize ndiprofethe njengasebantwini bemihla yakudala.

16 Kwaye ndiya kubonisa ngokucacileyo njengoko ndakubonisa kubafundi bam njengoko ndema phambi kwabo, disenyameni ndisithi: Njengoko nindicelile ngokunxulumene nemiqondiso yokuza kwam, ngomhla xa ndiya kuza ndisebuqaqawulini bam emafini asezulwini, ukuzalisekisa izithembiso endizenze kooyihlo,

17 Kuba njengokuba nithe nakhangela ukungabikho okude komoya wenu emizimbeni yenu kube bubukhoboka, ndiya kunibonisa ukuba umhla wenkululeko uya kuza njani na, kananjalo ubuyiselo lokusasazwa lukaSirayeli.

18 Kwaye ngoku nina nijonge kule tempile iseYerusalem, nina eniyibiza ngokuba yindlu kaThixo, kwaye iintshaba zenu zithi okokuba le ndlu ayisayi kuwa.

19 Kodwa, inene ndithi kuni, inkangala iya kuza phezu kwesi sizukulwana njengesela ebusuku, kwaye aba bantu baya kutshatyalaliswa baze basasazwe phakathi kwezizwe zonke.

20 Kwaye le tempile eniyibonayo ngoku iya kukhahlelwa phantsi ukuze kungabisayi kusala nelitye elinye phezu kwelinye.

21 Kwaye kuye kwenzeka, okokuba esi sizukulwana samaYuda singabi sadlula kude kube yonke inkangala esinixelele ngayo ngokunxulumene nabo iya kudlula.

22 Nina nithi okokuba niyazi isiphelo sehlabathi siyeza; nithi kanjalo okokuba niyazi ukuba amazulu nomhlaba aya kudlula;

23 Kwaye koku nithi ngenene, kuba kunjalo ngenene; kodwa ezi zinto ndinixelele zona azisayi kwenzeka kude kube konke kuya kuzalisekiswa.

24 Kwaye oku ndinixelele ngokunxulemene neYerusalem; kwaye loo mhla uya kuza, intsalela iya kusasazwa phakathi kwezizwe zonke;

25 Kodwa ziya kuhlanganiswa kwakhona; kodwa ziya kulinda kude ibe ixesha abeeNtlanga liyazalisekiswa.

26 Kwaye ngaloo mhla kuya kuviwa okweemfazwe namarhe eemfazwe, kwaye wonke umhlaba uya kuba kwizidubedube, kwaye iintliziyo zabantu ziya koyika, kwaye baya kuthi okokuba uKrestu ubambezela ukuza kwakhe kude kube sisiphelo somhlaba.

27 Kwaye uthando lwabantu luya konakala lubande, kwaye ubugwenxa buya kuba buninzi.

28 Kwaye xa amaxesha abeeNtlanga efikile, ukukhanya kuya kugqobhozela ngaphambili phakathi kwabo bahleli emnyameni, kwaye kuye kuba kukuzaliseka kwevangeli yam;

29 Kodwa abakwamkeli; kuba abakuqiqi ukukhanya, kwaye bajika intliziyo zabo zakude kum ngenxa yemiyalelo yabantu.

30 Kwaye kweso sizukulwana amaxesha abeeNtlanga aya kuzalisekiswa.

31 Kwaye kuya kubakho abantu abemi kweso sizukulwana, abangasayi kudlula kude kube baya kubona isibetho esiphuphumayo; kuba isifo esiyinkangala siya kugubungela ilizwe.

32 Kodwa abafundi bam baya kuma kwiindawo ezingcwele, kwaye abayi kushukunyiswa; kodwa phakathi kwabakhohlakeleyo, abantu abaya kuphakamisa amazwi abo baza baqalekise uThixo baze bafe.

33 Kwaye kuya kubakho iinyikima zomhlaba kanjalo endaweni ezininzi, neentshabalalo ezininzi; nangona kunjalo abantu baya kuziqaqadekisa iintliziyo zabo ngokuchasene nam, kwaye baya kuthabatha ikrele, omnye ngokuchasene nomnye, kwaye baya kubulalana.

34 Kwaye ngoku, xa mna iNkosi ndithethe la mazwi kubafundi bam, bakhathazeka.

35 Kwaye ndathi kubo: Maze ningakhathazeki, kuba, zonke ezi zinto ziya kwenzeka, niya kuba nokwazi ukuba izithembiso ezazenziwe kuni ziya kuzalisekiswa.

36 Kwaye xa ukukhanya kuya kuqala ukugqobhozela ngaphambili, kuya kuba nabo njengomzekeliso endiya kunibonisa wona—

37 Nina khangelani kwaye niqaphele imikhiwane, kwaye niyibone ngamehlo enu, kwaye nithi xa iqalisa ukuhluma, kwaye amagqabi awo sele ethambile, kungokuba ihlobo likufuphi;

38 Nkqu kunjalo kuya kuba kuloo mhla xa beya kubona zonke ezi zinto, ngoku ke baya kwazi ukuba ilixa likufuphi.

39 Kwaye kuya kwenzeka ukuba lowo undoyikayo uya kujonga phambili ukuza komhla omkhulu weNkosi, nkqu imiqondiso yokuza koNyana woMntu.

40 Kwaye baya kubona imiqondiso nemimangaliso, kuba iya kubonakaliswa ngaphambili emazulwini ngasentla, nasemhlabeni ngezantsi.

41 Kwaye baya kuqaphela igazi, nomlilo, nemiphunga yomsi.

42 Kwaye phambi kokuza komhla weNkosi, ilanga liya kuba mnyama, ize inyanga ijike ibe ligazi, neenkwenkwezi ziwe ezulwini.

43 Kwaye intsalela iya kuhlanganiselwa kule ndawo;

44 Kwaye ngoko baya kukhangela mna, kwaye, qaphela, ndiya kuza; kwaye baya kundibona emafini ezulu, ndinxityiswe ngamandla nobuqaqawuli obukhulu; nazo zonke iingelosi ezingcwele; kwaye lowo ungandilindiyo uya kukhutshelwa ngaphandle.

45 Kodwa phambi kokuba ingalo yeNkosi ibe iya kuwa, ingelosi iya kukhalisa ixilongo layo, kwaye abangcwele ebebelele baya kuza ngaphambili bandikhawulele ndiselifwini.

46 Ngako oko, ukuba nilele niseluxolweni nisikelelekile nina; kuba njengokuba nindibona ngoku kwaye nisazi ukuba ndim, nkqu kunjalo niya kuza kum nemiphefumlo yenu iya kuphila, nokukhululwa kwenu kuya kugqityeleliswa; nabangcwele baya kuza ngaphambili bevela kwiimbombo zone zomhlaba.

47 Ngoko ke ingalo yeNkosi iya kuwa phezu kwezizwe.

48 Kwaye ngoko iNkosi iya kubeka unyawo lwayo phezu kwentaba, kwaye iya kucandeka kubini, kwaye umhlaba uya kugungqa, kwaye uhexele ngapha nangapha, kwaye amazulu nawo aya kungcangcazela.

49 Kwaye iNkosi iya kuvakalisa ilizwi layo, zaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kuliva; kwaye nezizwe zomhlaba ziya kuba lusizi kwaye abo bahlekileyo baya kububona ubuyatha babo.

50 Kwaye intlekele iya kugubungela umgculeli, kwaye umgxeki uya kupheliswa; kwaye abo bebelinde ubugwenxa baya kugawulelwa phantsi baze baphoswe emlilweni.

51 Kwaye amaYuda ngoko aya kukhangela kum aze athi: Ngawantoni la manxeba asezandleni zakho nasezinyaweni zakho?

52 Ngoko ke aya kwazi ukuba ndiyiNkosi; kuba ndiya kuthi kuwo: La manxeba ngamanxeba kuwo ndenzakaliswa endlwini yabahlobo bam. Ndinguye owanyuselwa phezulu. NdinguYesu lowo wabethelelwayo. NdinguNyana kaThixo.

53 Kwaye ngoko baya kulila ngenxa yobugwenxa babo; ngoko baya kuba buhlungu ngenxa yokuba batshutshisa ukumkani wabo.

54 Kwaye ngoko izizwe zabahedeni ziya kukhululwa, baze abo bangawazanga umthetho baya kuba nxaxheba kuvuko lokuqala; kwaye kuya kunyamezeleka kubo.

55 Kwaye uSathana uya kukhonkxwa, ukuze angabi nandawo ezintliziyweni zabantwana babantu.

56 Kwaye ngaloo mhla, xa ndiya kuza ebuqaqawulini bam, umzekeliso uya kuzalisekiswa endathetha ngawo ngokunxulumene neentombi ezilishumi.

57 Kuba abo balumkileyo baza bayamkela inyaniso, baza bamkele uMoya oyiNgcwele ukuze ubesisikhokelo sabo, baza abakhohliswa—inene ndithi kubo, abayi kugawulelwa phantsi baze baphoselwe emlilweni, kodwa baya kuwunyamezela umhla.

58 Kwaye umhlaba uya kunikwa bona ubelilifa; kwaye baya kwanda baza bomelele, nabantwana babo baya kukhulela elusindisweni ngaphandle kwesono.

59 Kuba iNkosi iya kuba phakathi kwabo, kwaye nobuqaqawuli nayo buya kuba phezu kwabo, kwaye iya kuba ngukumkani wabo nommisi-mthetho wabo.

60 Kwaye ngoku, qaphelani, ndithi kuni, akuyi kunikwa kuni, ukwazi okungaphaya ngokunxulumene nesi sahluko, kude kube iTestamente eNtsha iguqulelwe, kwaye kuyo zonke ezi zinto ziya kwenziwa ukuba zaziwe;

61 Ngako oko ndinikela kuni ukuba nibe nokuyiguqulela ngoku, ukuze nibe nokulungiselela izinto ezizayo.

62 Kuba inene ndithi kuni, okokuba izinto ezinkulu zinilindele;

63 Niva ngeemfazwe emazweni asemzini; kodwa qaphelani, ndithi kuni, zikufutshane, nkqu eminyangweni yenu, kwaye asiyiyo iminyaka emininzi nibe niya kuva ngemfazwe kumazwe wenu.

64 Ngako oko mna, iNkosi, nditshilo, zihlanganiseni ukususela kumazwe asempumalanga, zihlanganiseni kunye nina badala bebandla lam; yiyani ngaphambili kumazwe asentshonalanga, bizani abemi baguquke, kwaye njengokuba beguquka, yakhelani mna amabandla.

65 Kwaye ngentliziyo enye nangengqondo enye, qokelelani ubutyebi benu ukuze nibe nokuthenga ilifa eliya konyulelwa nina ngoku nakwixesha elizayo.

66 Kwaye liya kubizwa ngokuba yiYerusalem eNtsha, ilizwe loxolo, isixeko esiligwiba, indawo yokhuseleko yabangcwele bakaThixo oseNyangweni;

67 Kwaye ubuqaqawuli beNkosi buya kuba nabo, kwaye uloyiko lweNkosi luya kuba lapho, njengokuba abakhohlakeleyo abayi kuza kulo, kwaye iya kubizwa iZiyon.

68 Kwaye kuya kwenzeka phakathi kwabakhohlakeleyo, okokuba wonke umntu ongayi kuthabatha ikrele lakhe ngokuchasene nommelwane wakhe anyanzeleke asabele ukhuseleko eZiyon.

69 Kwaye apho kuya kuhlanganisana kuyo bephuma kwisizwe ngasinye esiphantsi kwezulu; kwaye iya kuba kukuphela kwabantu abangayi kuba semfazweni omnye nomnye.

70 Kwaye kuya kuthiwa phakathi kwabakhohlakeleyo: Masingahambi siyokulwa ngokuchasene neZiyon, kuba abemi beZiyon bayoyikeka; ngako oko asinako ukumelana nabo.

71 Kwaye kuya kwenzeka okokuba amalungisa aya kuhlanganisana aphume phakathi kwezizwe zonke, kwaye aya kuza eZiyon, ecula iingoma zokugcoba kwanaphakade.

72 Kwaye ngoku ndithi kuni, gcinani ezi zinto ekuyeni phesheya ehlabathini kude kube kufanelekile kum, ukuze nibe niwufezile lo msebenzi emehlweni abantu, nasemehlweni eentshaba zenu, ukuze zibe nokwazi imisebenzi yenu nide nibe nifeze into endiniyalele yona;

73 Ukuze xa beya kuyazi, babe baya kucinga ezi zinto.

74 Kuba xa iNkosi iya kubonakala iya koyikeka kubo, kuba uloyiko lobabamba, kwaye baya kuma qelele baze bangcangcazele.

75 Kwaye zonke izizwe ziya koyika ngenxa yokoyikeka kweNkosi, namandla okomelela kwayo. Nkqu kunjalo. Amen.