Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 46


Icandelo 46

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya eBandleni, eKirtland, eOhio, Matshi 8, 1831. Kweli xesha laliselitsha leBandla, umfuziselo omanyeneyo wokulawula iinkqubo zeBandla wawungekathi wenziwe. Nangona kunjalo, isithethe sokwamkela kuphela amalungu nabandwendweli abanyanisekileyo kwindibano zomthendeleko nezinye iindibano zeBandla zathi noko zanokufana jikelele. Esi sityhilelo sibonisa intando yeNkosi ngokunxululumene nokulawula nokuqhuba iindibano nesikhokelo Sakhe ekufuneni nasekucaluleni iziphiwo zoMoya.

1–2, Abadala bamele ukuqhuba iindibano njengoko bakhokelwa nguMoya oyiNgcwele; 3–6, Abafuni benyaniso abamelanga ukukhethelwa ngaphandle kwiinkqubo zomthendeleko; 7–12, Celani kuThixo nize nifune izipho zoMoya; 13–26, Uluhlu lwezinye lwezi zipho lunikiwe; 27–33, Iinkokeli zeBandla zinikwe amandla okucalula izipho zoMoya.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, kuba inene ndithi kuni okokuba ezi zinto zathethwa kuni ukuninceda nokufunda.

2 Kodwa nangona ezo zinto zibhaliweyo, kusoloko kunikwa abadala bebandla lam ukususela kwasekuqaleni, kwaye kuya kusoloko kunjalo, ukuqhuba zonke iindibano njengoko belawulwa kwaye bekhokelwa nguMoya oyiNgcwele.

3 Nangona kunjalo niyayalelwa ningaze nikhuphele namnye ngaphandle kwiindibano zenu zesidlangalala, ezibanjwa phambi kwehlabathi.

4 Niyayalelwa kanjalo ningakhupheli namnye ngaphandle ongowebandla kwiindibano zenu zomthendeleko; nangona kunjalo, ukuba kukho owonayo, makangathabathi atye ade abe wenze uxolelwaniso.

5 Kwaye kwakhona ndithi kuni, anisayi kukhuphela namnye ngaphandle kwiindibano zenu zomthendeleko abafuna ngenzondelelo ubukumkani—ndithetha oku ngokunxulumene nabo bangengabo abebandla.

6 Kwaye kwakhona ndithi kuni, ngokunxulumene neendibano zenu zoqiniso, ukuba ngaba kukho nabani na abangengabo abebandla, abafuna ngenzondelelo ubukumkani, aniyi kuba khuphela ngaphandle.

7 Kodwa niyayalelwa kuzo zonke izinto nicele kuThixo, onika engenakumbi; kwaye noko uMoya ukungqinayo kuni nkqu kunjalo ndinga ningenza kubo bonke ubungcwele bentliziyo, nihamba ngokuthe mbo phambi kwam, nicingela isiphelo sosindiso lwenu, nisenza zonke izinto ngomthandazo nombulelo, ukuze ningalahlekiswa ngoomoya abangcolileyo okanye iimfundiso zoomtyholi, okanye imiyalelo yabantu; kuba ezinye zezabantu, kwaye ezinye zezoomtyholi.

8 Ngako oko, lumkani hleze nikhohliswe, nokokuba nibe aninakukhohliswa funani ngenzondelelo ezona zipho, nisoloko nikhumbula oko nikunikiweyo;

9 Kuba inene ndithi kuni, zinikelwa ukunceda abo bathanda mna baze bagcine yonke imiyalelo yam, nalowo ufuna ukwenza njalo; ukuze bonke babe nokuncedakala abo bafunayo okanye bacela kum, abacelayo kwaye ingabi kokomqondiso ukuze babe nokuzichithela ezinkanukweni zabo.

10 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ndinga ningasoloko nikhumbula, kwaye nisoloko nigcine ezingqondweni zenu oko ezo zipho zikuko, okokuba zinikwe ibandla.

11 Kuba bonke abanazo zonke izipho ezinikwe bona; kuba izipho ezininzi, kwaye wonke umntu unikwe isipho ngoMoya kaThixo.

12 Kwabathile kunikwe esinye, nakwabathile kunikwe esinye, ukuze zonke zibe nokuncedisana.

13 Kwabanye sinikwe ngoMoya oyiNgcwele ukwazi okokuba uYesu Krestu nguNyana kaThixo, nokokuba wabethelelelwa izono zehlabathi.

14 Kwabanye sinekelwe ukukholelwa emazwini abo, okokuba banako kanjalo ukuba nobomi obungunaphakade ukuba baqhubekeka bethembekile.

15 Kwaye kwakhona, kwabathile sinikwe ngoMoya oyiNgcwele ukwazi iindlela ezingafaniyo zolungiselelo, njengoko kuya kukholiseka kwa kuyo iNkosi, ngokunxulumene njengoko iNkosi iya kuthanda, okufanele iinceba zayo ngokunxulumene kwiimeko zabantwana babantu.

16 Kwaye kwakhona, sinikwe ngoMoya oyiNgcwele kwabanye ekwazini iindlela ezininzi zokuwusebenzisa, nokokuba zezikaThixo, ukuze ukubonakaliswa koMoya kube nokunikwa kubo bonke abantu bancedakale ngawo.

17 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, kwabathile sinikwe, ngoMoya kaThixo, ilizwi lobulumko.

18 Komnye sinikwe ngelizwi lolwazi, ukuze bonke babe nokufundiswa ukulumka nokuba nolwazi.

19 Kwaye kwakhona, kwabathile sinikelwe ukuba nokholo ukuze baphile;

20 Kwaye kwabanye sinikelwe ukuba nokholo lokuphilisa.

21 Kwaye kwakhona, kwabathile sinikelwe ukusebenza kwemimangaliso;

22 Kwaye kwabanye sinikelwe ukuprofetha;

23 Kwaye kwabanye sinikelwe ukucalula komoya.

24 Kwaye kwakhona, sinikelwe kwabathile bathethe ngeelwimi;

25 Kwaye komnye sinikelwe ukutolika iilwimi.

26 Kwaye zonke ezi zipho zivela kuThixo, ukunceda abantwana bakaThixo.

27 Kwaye kubhishophu webandla, nakwabanjalo njengoko uThixo aya konyula aze abamisele ekulunguzeni phezu kwebandla baze babe ngabadala ebandleni, bafanele ukusifumana sinikwe bona banakane zonke ezoo zipho hleze kube kuya kubakho nabani na phakathi kwenu ozisebenzisayo kwaye abe akanguye okaThixo.

28 Kwaye kuya kwenzeka okokuba lowo ucela eseMoyeni uya kufumana kuMoya;

29 Kuba kwabathile sinokunikelwa ukuba nazo zonke izipho, ukuze kube nokubakho kwentloko, ukuze ngoko onke amalungu abe nokuncedakala yiloo nto.

30 Lowo ucela eseMoyeni ecela ngokunxulumene nentando kaThixo; ngako oko kuyenzeka nkqu njengoko ecela.

31 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, zonke izinto zimele ukwenziwa egameni likaKrestu, nantoni na eniyenza kuMoya;

32 Kwaye nimele ukunika umbulelo kuThixo nikuMoya ngayo nayiphi na intsikelelo enisikelelwe ngayo.

33 Kwaye nimele ukwenza isidima nobungcwele njalo niqhubekeka phambi kwam. Nkqu kunjalo. Amen.