Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 49


Icandelo 49

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuSidney Rigdon, uParley P. Pratt, noLeman Copley, eKirtland, eOhio, Meyi 7, 1831. ULeman Copley wayamkela ivangeli kodwa esaphethe ezinye iimfundiso zeShakers (United Society of Believers in Christ’s Second Appearing) [Abakholwayo baseUnited Society ekubonakaleni kukaKrestu okwesibini], apho ebengowakhona ngaphambili. Ezinye iinkolelo zeShakers yayizezokuba uKubuya kweSibini kukaKrestu sele kwenzekile kwaye wabonakala ekwimo yomfazi, uAnn Lee. Babe ngaluthathi ubhaptizo ngamanzi ngokwemfuneko. Babewuchasa umtshato kwaye bekholelwa kubomi bokuhlala ngokupheleleyo ungatshatanga. Ezinye iShakers kanjao zazikwalela ukutya inyama. Ekutshayeleleni esi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichaza nje, “Ukuze ndibe nokuqonda okugqibelele ngaphezulu kwesi sihloko, ndabuza eNkosini, ndaze ndafumana okulandelayo.” Isityhilelo saphikisa ezinye iingqikelelo ezisisiseko seqela leShakers. Umzalwana okhankanywe ngaphambili wathabatha ikopi yesityhilelo wayisa kuluntu lweShakers (kufutshane eCleveland, eOhio) waza wayifundela lona liphelele, kodwa yachaswa.

1–7, Umhla nelixa lokuza kukaKrestu uya kuhlala ungaziwa ade Yena eze; 8–14, Abantu bamele ukuguquka, bakholwe yivangeli, baze bathobele imimiselo ukuzuza usindiso; 15–16, Umtshato umiselwe nguThixo; 17–21, Ukutyiwa kwenyama kuvunyelwe; 22–28, IZiyon iya kuchuma kwaye amaLeymenayithi adubule njengerozi phambi kokuBuya kweSibini.

1 Phulaphulani ilizwi, zicaka zam Sidney, noParley, noLeman; kuba qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba ndininika umyalelo wokokuba niya kuhamba nize nishumayele ivangeli yam eniyamkeleyo, nkqu njengoko nithe nayamkela, kwiShakers.

2 Qaphelani, ndithi kuni, abo banqwenela ukwazi inyaniso nje inxalenye, kodwa ingabi yiyo yonke, ngabangalungileyo phambi kwam kwaye kuyimfuneko beguqukile.

3 Ngako oko, ndithumela nina, zicaka zam Sidney noParley, ekushumayeleni ivangeli yam kubo.

4 Kwaye isicaka sam uLeman uya kumiselwa kulo msebenzi; aze abe nokuqondisana nabo, ingabi ngokunxulemene koko athe wakufumana kubo, kodwa ngokunxulumene noko kuya kufundisa yena efundiswa nini zicaka zam; kwaye ngokweza njalo ndiya kumsikelela, okanye akayi kuphumelela.

5 Itsho njalo iNkosi; kuba ndinguThixo, kwaye ndithumele owam uNyana oKuphela Kozelweyo ehlabathini ukuza akhulule ihlabathi, aze amisele ukuba lowo umamkelayo yena uya kusindiswa, kwaye lowo ungamamkeliyo uya kugwetywa

6 Kwaye benza kuNyana woMntu nkqu njengoko kudwelisiwe; waye wathabatha amandla akhe ngasekunene kobuqaqawuli bakhe, kwaye ngoku ulawula emazulwini, kwaye uya kulawula ade ahlele emhlabeni abeke zonke iintshaba phantsi kwenyawo zakhe, xesha elo likufuphi—

7 Mna, iNkosi uThixo, ndikuthethile; kodwa ilixa nomhla akukho owaziyo, nazingelosi ezulwini, nabanina oya kwazi ade afike.

8 Ngako oko, ndinga bonke abantu baya kuguquka, kuba bonke baphantsi kwesono, ngaphandle kwabo ndibalondolozele isiqu sam, abantu abangcwele eningabaziyo.

9 Ngako oko, ndithi kuni okokuba ndithumele kuni umnqophiso wam wanaphakade, nkqu lowo wawunguwo kwasekuqalekeni.

10 Kwaye lowo ndithembise ngawo ndiwuzalisekisileyo njalo, kwaye izizwe zomhlaba ziya kuqubuda kuwo; kwaye, ukuba akukokwazo, ziya kuza phantsi, kuba oko ngoku kuziphakamisileyo kuya kuthotywa amandla.

11 Ngako oko, ndininika umyalelo wokuba yiyani phakathi kwaba bantu, nize nithi kubo, njengompostile wam wakudala, ogama lakhe lalinguPetros:

12 Kholwani egameni leNkosi uYesu, owayesemhlabeni, kwaye uya kuza, nesiqalo nesiphelo;

13 Guqukani nize nibhaptizelwe egameni likaYesu Krestu, ngokunxulumene nomyalelo ongcwele, woxolelo lwezono;

14 Kwaye nabani owenza oku uya kwamkela isipho soMoya oyiNgcwele, ngokubekwa kwezandla zabadala bebandla.

15 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, okokuba nabani owalayo ukutshata akamiselwanga nguThixo, kuba umtshato umiselwe nguThixo ebantwini.

16 Ngako oko, kungumthetho okokuba umele kukuba nomfazi omnye, kwaye abo babini baya kuba nyamanye, kwaye konke oku kokokuba umhlaba ube nokuphendula isiphelo sendalo yawo;

17 Nokokuba ube nokuzaliswa ngomlinganiselo womntu, ngokunxulumene nendalo yakhe phambi kokwenziwa kwehlabathi.

18 Kwaye nabanina owalelweyo ukuba azikhwebule ezinyameni, ezo umntu angamelanga kuzitya onjalo, akamiselwanga nguThixo;

19 Kuba, qaphelani, izilo zasendle neentaka zezulu, nako oko kuvela emhlabeni, zimiselwe ukusetyenziselwa ukutya neengubo ngabantu, nokokuba abe nako kube kuninzi.

20 Kodwa akunikwanga okokuba umntu omnye abe noko kungaphezulu kunomnye, ngako oko ihlabathi lihleli esonweni.

21 Kwaye yeha kuloo mntu uphalaza igazi okanye wenza inkcitho yenyama kwaye engenamfuno yayo.

22 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, okokuba uNyana woMntu akezi ekwimo yomfazi, ingeyiyo neyomntu ohamba emhlabeni.

23 Ngako oko, musani ukukhohliswa, kodwa qhubekekani nime nithe nkqi, nijonge ngaphambili ukuba amazulu agungqume, nomhlaba ungcagazele uze uhexele ngapha nangapha njengendoda enxilileyo, nokokuba iintlambo zinyuswe, neentaba zenziwe zibe phantsi, neendawo ezirhabaxa zibe mpuluswa—kwaye konke oku xa ingelosi iya kukhalisa ixilongo layo.

24 Kodwa phambi komhla omkhulu weNkosi oya kuza, uYakobi uya kuchuma entlango, namaLeymenayithi aya kutyatyamba njengerozi.

25 IZiyon iya kudubula phezu kweenduli ize igcobe phezu kweentaba, kwaye iya kuhlanganisana kunye kwindawo endiyonyulileyo.

26 Qaphelani ndithi kuni, yiyani ngaphambili njengoko ndiniyaleleyo; guqukani kuzo zonke izono zenu; celani naye niya kuphiwa; nkqonkqozani naye niya kuvulelwa.

27 Qaphelani, ndiya kuhamba phambi kwenu kwaye ndibe ngumqoshelisi wenu; kwaye ndiya kuba phakathi kwenu, kwaye aniyi kubhidaniswa.

28 Qaphelani, ndinguYesu Krestu, kwaye ndiyeza kamsinya. Nkqu kunjalo. Amen.