Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 52


Icandelo 52

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kubadala beBandla, eKirtland, eOhio, Juni 6 1831. Inkomfa yabanjelwa eKirtland, iqala ngowe-3 kwaye ivalwa ngowe-6 kuJuni. Kule nkomfa imimiselo yokuqala ecacileyo yeofisi yombingeleli omkhulu yenziwa, neembonakaliso ezithile zoomoya ababubuxoki nabakhohlisayo yacalulwa yaza yakhalinyelwa.

1–2, Inkomfa elandelayo yalathelwa ukuba ibanjelwe eMissouri; 3–8, Izigqibo zabadala abathile zokuba bahambe kunye ziyenziwa; 9–11, Abadala bamele ukufundisa oko abapostile nabaprofeti bakubhalileyo; 12–21, Abo bakhanyiselwe nguMoya bazisa ngaphambili iziqhamo zokudumisa nobulumko; 22–44, Abadala abahlukeneyo bonyulelwa ukuya ngaphambili bashumayele ivangeli ngeli xesha baya eMissouri enkomfeni.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi ebadaleni abo ibabizileyo yaza yabakhetha kule mihla yokugqibela, ngelizwi loMoya—

2 Usithi: Mna, iNkosi, ndiya kwenza kwazeke kuni oko ndiya kwenza ukususela kweli xesha kude kube yinkomfa elandelayo, eya kubanjelwa eMissouri, phezu komhlaba endiya kuwungcwalisela ebantwini bam, abayintsalela kaYakobi, nabo baziindlalifa ngokomnqophiso.

3 Ngako oko, inene ndithi kuni, vumelani izicaka zam uJoseph Smith, Omnci., noSidney Rigdon bathabathe uhambo lwabo ngokukhawuleza nje, amalungiselelo enako ukwenzeka ekubeni bashiye amakhaya abo, baze baye kumhlaba waseMissouri.

4 Kwaye njengokuba bethembekile kum, kuya kwenziwa kwaziwe kubo oko baya kukwenza;

5 Kwaye njengokuba bethembekile, kuya kwenziwa kanjalo kwaziwe kubo umhlaba welifa lenu.

6 Kwaye njengokuba bengathembekanga, baya kukhutshelwa ngaphandle, nkqu njengoko ndiya kwenza, kubonakala kulungile kum.

7 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, vumelani isicaka sam uLyman Wight nesicaka sam uJohn Corrill bathathe uhambo lwabo ngokukhawuleza;

8 Kananjalo nesicaka sam uJohn Murdock, nesicaka sam uHyrum Smith bathabathe uhambo lwabo ukuya kwindawo enye ngendlela yaseDetroit.

9 Kwaye bavumeleni bahambe ukusukela apho beshumayela ilizwi endleleni, besithi azikho ezinye izinto kunezo abaprofeti nabapostile bazibhalayo, nezo bazifundiswa ngoMonwabisi ngomthandazo wokholo.

10 Bavumeleni bahambe ngababini ngababini, kwaye ngoko mabashumayele endleleni kuzo zonke iintlangano, bebhaptiza ngamanzi, baze babeke izandla ecaleni kwamanzi.

11 Kuba itsho njalo iNkosi, ndiya kuwusika umsebenzi wam ubemfutshane ebulungiseni, kuba iyeza imihla endiya kuthumela ngaphambili umgwebo eloyisweni.

12 Kwaye vumelani isicaka sam uLyman Wight alumke, kuba uSathana unqwenela ukumhluza njengomququ.

13 Kwaye qaphelani, lowo uthembekileyo uya kwenziwa umlawuli phezu kwezinto ezininzi.

14 Kwaye kwakhona, ndiya kunika umfuziselo kwiinto zonke, ukuze ningabi nakukhohliswa, kuba uSathana ungapha nangapha elizweni, kwaye uhamba ngaphambili ekhohlisa izizwe—

15 Ngako oko lowo uthandazayo, unomoya otyumkileyo, onjalo wamkelekile kum ukuba uthobela imimiselo yam.

16 Lowo uthethayo, onomoya otyumkileyo, ulwimi lwakhe lunobulali kwaye luhlaziya, onjalo ngokaThixo ukuba uthobela imimiselo yam.

17 Kwaye kwakhona, lowo ungcangcazelayo phantsi kwamandla am uya kwenziwa omelele, kwaye uya kuzisa ngaphambili iziqhamo zokudumisa nobulumko, ngokunxulumene nezityhilelo neenyaniso endininike zona.

18 Kwaye kwakhona, lowo woyisayo aze angazisi ngaphambili iziqhamo, nkqu ngokunxulumene nalo mfuziselo, akanguye owam.

19 Ngako oko, ngalo mfuziselo niya kwazi oomoya kuzo zonke iimeko phantsi kwamazulu onke.

20 Kwaye imihla ifikile; ngokunxulumene nokholo lwabantu kuya kwenziwa njalo kubo.

21 Qaphelani, lo myalelo unikwe bonke abadala endibakhethileyo.

22 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, vumelani isicaka sam uThomas B. Marsh nesicaka sam uEzra Thayre bathabathe uhambo lwabo kanjalo, bashumayele ilizwi endleleni eya kwa kulo mhlaba.

23 Kwaye kwakhona, vumelani isicaka sam uIsaac Morley nesicaka sam uEzra Booth bathabathe uhambo lwabo, kanjalo bashumayele ilizwi endleleni eya kwa kulo mhlaba.

24 Kwaye kwakhona, vumelani izicaka zam uEdward Partridge noMartin Harris bathabathe uhambo lwabo kunye nezicaka zam uSidney Rigdon noJoseph Smith, Omnci.

25 Vumelani izicaka zam uDavid Whitmer noHarvey Whitlock kanjalo bathabathe uhambo lwabo, baze bashumayele endleleni eya kwa kulo mhlaba.

26 Kwaye vumelani izicaka zam uParley P. Pratt no-Orson Pratt bathabathe uhambo lwabo, baze bashumayele endleleni, nkqu besiya kwa kulo mhlaba.

27 Kwaye vumelani izicaka zam uSolomon Hancock noSimeon Carter kanjalo bathabathe uhambo lwabo ukuya kwa kulo mhlaba, baze bashumeyele endleleni.

28 Vumelani izicaka zam uEdson Fuller noJacob Scott kanjalo bathabathe uhambo lwabo.

29 Vumelani izicaka zam uLevi W. Hancock noZebedee Coltrin kanjalo bathabathe uhambo lwabo.

30 Vumelani izicaka zam uReynolds Cahoon noSamuel H. Smith kanjalo bathabathe uhambo lwabo.

31 Vumelani izicaka zam uWheeler Baldwin noWilliam Carter kanjalo bathabathe uhambo lwabo.

32 Kwaye vumelani izicaka zam uNewel Knight noSelah J. Griffin bobabini bamiselwe, baze bathabathe kanjalo uhambo lwabo.

33 Ewe, inene ndithi, vumelani bonke aba bathabathe uhambo baye kwindawo enye, kwiindlela zabo eziliqela, kwaye inye indoda ayiyi kwakhela phezu kwesiseko senye, ingayi kuhamba emzileni wenye.

34 Lowo uthembekileyo, onjalo uya kugcinwa aze asikelelwe ngeziqhamo ezininzi.

35 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, vumelani izicaka zam uJoseph Wakefield noSolomon Humphrey bathabathe uhambo lwabo ukuya kwimihlaba yasempumalanga;

36 Bavumeleni basebenze kunye neentsapho zabo, babhengeze ngokuthi azikho ezinye izinto kunezo abaprofeti nabapostile bazibonileyo, baza baziva kwaye ngokuqiniseke ngaphezulu kakhulu bazikholelwa, ukuze iziprofetho zibe nokuzalisekiswa.

37 Kwisiphumo sokukreqa, vumelani oko kwakubekwe phezu koHeman Basset kuthathwe kuye, kuze kubekwe phezu kwentloko kaSimonds Ryder.

38 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, vumelani uJared Carter amiselwe abe ngumbingeleli, kananjalo uGeorge James amiselwe abe ngumbingeleli.

39 Vumelani intsalela yabadala ilunguze phezu kwebandla, ize ibhengeze ilizwi kwiingingqi ezibangqongileyo; kwaye bavumeleni basebenze ngezandla zabo ukuze kungabikho nqulo lwezithixo nankohlakalo yenziwayo.

40 Kwaye khumbulani ezintweni zonke amahlwempu nabasweleyo, abagulayo nababandezekileyo, kuba lowo ungazenziyo ezi zinto, onjalo akanguye umfundi wam.

41 Kwaye kwakhona, vumelani izicaka zam uJoseph Smith, Omnci., noSidney Rigdon noEdward Partridge bathabathe kunye nabo iphepha-mvume elivela ebandleni. Kwaye vumelani kubekho elinye kanjalo elifunyanwa sisicaka sam uOliver Cowdery.

42 Kwaye njalo, nkqu njengoko nditshilo, ukuba nithembekile niya kuhlanganisana kunye nigcobe phezu komhlaba waseMissouri, ongumhlaba welifa lenu, ngoku ingumhlaba weentshaba zenu.

43 Kodwa, qaphelani, mna, iNkosi ndiya kukhawulezisa isixeko ngexesha laso, kwaye ndiya kubathwesa abathembekileyo ngokugcoba kunye nangokuvuya.

44 Qaphelani, mna ndinguYesu Krestu, uNyana kaThixo, ndaye ndiya kubanyusela phezulu ngomhla wokugqibela. Nkqu kunjalo. Amen.