Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 57


Icandelo 57

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eZiyon, eJackson Khawunti, eMissouri, Julayi 20, 1831. Ekuthobeleni umyalelo weNkosi baye eMissouri apho Yona iya kubatyhilela “Ilizwe lelifa labo” (icandelo 52), abadala bahambe ukusuka eOhio baye kumda wentshona yeMissouri. UJoseph Smith ecinga ngemo yamaLeymenathi kwaye wabhadula engqondweni “Iya kudubula nini intlango njengerozi? Iya kwakhiwa nini iZiyon eluzukweni lwayo, kwaye iya kuma phi itempile yakho, apho zonke izizwe ziya kuza ngemihla yokugqibela?” Kamva wafumana esi sityhilelo.

1–3, I-Independence, eMissouri, yindawo yeSixeko iZiyon netempile; 4–7, AbaNgcwele bamele ukuthenga imihlaba baze bafumane amafa kuloo mmandla; 8–16, USidney Gilbert umele ukuseka ivenkile, uWilliam W. Phelps uza kuba ngumshicileli, aze uOliver Cowdery abe ngumhleli wemibhalo elungiselelwe upapasho.

1 Phulaphulani, Owu nina badala bebandla lam, itsho iNkosi uThixo, onihlanganise kunye, ngokunxulumene nemiyalelo yam, kulo mhlaba waseMissouri, ongumhlaba endiwonyulele ndawungcwalisela ukuhlanganisela abangcwele.

2 Ngako oko, lo ngumhlaba wesithembiso, nendawo yesixeko seZiyon.

3 Kuba itsho njalo iNkosi uThixo wenu, ukuba niya kufumana ubulumko nabu ubulumko. Qaphelani, indawo ngoku ebizwa i-Independence iyindawo engumbindi; kwaye iyindawo yetempile elele ngasentshonalanga, ngaphezu kwesiza esingekude ukusuka kwindlu yamatyala.

4 Ngako oko, kububulumko ukuba umhlaba uthengwe ngabangcwele, kananjalo wonke ummandla olelele ngasentshonalanga, nkqu ukuya emgceni obaleka ngokuthe ngqo phakathi kwamaYuda neeNtlanga;

5 Kananjalo wonke ummandla owenza imida ngamathafakazi, kangangoko abafundi bam beya kubanako ukuthenga imihlaba. Qaphelani, obu bubulumko, ukuze babe nokuyizuzela ilifa lanaphakade.

6 Kwaye vumelani isicaka sam uSidney Gilbert eme kwiofisi endimonyulele yona, amkele iimali, abe yiarhente ebandleni, athenge umhlaba kuzo zonke iingingqi ezingqongileyo, njengokuba enako ukwenza ebulungiseni, kwaye njengoko ubulumko buya kumkhokela.

7 Kwaye vumelani isicaka sam uEdward Partridge eme kwiofisi endimonyulele yona, aze ohlulele abangcwele ilifa labo, nkqu njengoko ndiyaleleyo; kananjalo abo abonyulele ukumncedisa.

8 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, vumelani isicaka sam uSidney Gilbert azityale kule ndawo, aze aseke ivenkile, aze abe nokuthengisa iimpahla ngaphandle kobuqhinga, ukuze abe nokuzuza imali yokuthenga imihlaba ngokufanele abangcwele, aze abe nokuzuza naziphi na izinto abafundi abanokuzifuna ukubatyala elifeni labo.

9 Kananjalo vumelani isicaka sam u Sidney Gilbert azuze imvume—qaphelani obu bubulumko, kwaye nabani na ofundayo menzeni aqonde—ukuze abe nokuthumela iimpahla kanjalo ebantwini, nkqu ngalowo uya kuqashwa njengonobhala emsebenzini wakhe;

10 Kwaye ngoko bonelani abangcwele bam, ukuze ivangeli yam ibe nokushunyayelwa kubo abo bahleli emnyameni nakwingingqi nethunzi lokufa.

11 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, vumelani isicaka sam uWilliam W. Phelps sityalwe kule ndawo, size senziwe sibe ngumshicileleli webandla.

12 Kwaye yabonani, ukuba ihlabathi aliyamkeli imibono yakhe—qaphelani nabu ubulumko—mvumeleni azuze nantoni na anako ukuyizuza ngobulungisa, ngokufanele abangcwele.

13 Kwaye vumelani isicaka sam uOliver Cowdery amncedise, nkqu njengoko ndiniyalileyo, nakuyiphi na indawo endiya kumnyulela kuyo, akope, aze alungise, aze akhethe, ukuze zonke izinto zibe nokulunga phambi kwam, njengoko kuya kuqinisekiswa nguMoya ngaye.

14 Kwaye ngoko vumelani abo babo endithe mabatyalwe emhlabeni weZiyon, ngokukhawuleza okunokwenzeka, kunye neentsapho zabo, benze ezo zinto nkqu njengoko ndithethileyo.

15 Kwaye ngoku ngokunxulumene nokuhlanganisela—Vumelani ubhishophu nearhente benze amalungiselelo ezoo ntsapho ziyalelwe ukuba ziza kulo mhlaba, ngokukhawuleza, aze azityale elifeni lazo.

16 Nakwintsalela yabadala kunye namalungu izikhokelo ezizezinye ziya kunikwa ukususela ngoku nakwixesha elizayo. Nkqu kunjalo. Amen.