Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 58


Icandelo 58

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eZiyon, eJackson Khawunti, eMissouri, Agasti 1, 1831. Ngaphambili nje, ngeSabatha yokuqala emva kokufika koMprofeti neqela lakhe eJackson Khawunti, eMissouri, kwabakho intlangano yebandla yathi yabakho, aze amalungu amabini amkelwa ngobhaptizo. Apha evekini, abanye babaNgcwele baseColesville ababevela kwiSebe iThompson nabanye bafika (bona icandelo 54). Abaninzi babefuna ngamandla ukufunda intando yeNkosi ngokunxulumene nabo kwindawo entsha yokuhlanganela.

1–5, Abo banyamezela iinkxwaleko baya kuthweswa ngozuko; 6–12, AbaNgcwele mabalungiselele umsitho weMvana nesidlo somsitho weNkosi; 13–18, Oobhishophu ngabagwebi bakwaSirayeli; 19–23, AbaNgcwele mabathobele imithetho yelizwe; 24–29, Abantu mabasebenzise igunya labo lokuzikhethela ekwenzeni okulungileyo; 30–33, INkosi iyayalela ize irhoxise; 34–43, Ekuguqukeni, abantu bamele ukuvuma nokulahla izono zabo; 44–58, AbaNgcwele mabathenge ilifa labo baze bahlanganisane eMissouri; 59–65, Ivangeli imele ukushunyayelwa kuzo zonke izidalwa.

1 Phulaphulani, Owu nina badala bebandla lam, nize nibazele indlebe ilizwi lam, nize nifunde kum oko intando yam ikunxulumanise nani, kananjalo kunxulumene neli lizwe endithe ndanithumela kulo.

2 Kuba inene ndithi kuni, unoyolo lowo uyigcinayo imiyalelo yam, nokokuba kusebomini okanye ekufeni; kwaye lowo uthembekileyo kwiinkxwaleko, umvuzo wonjalo mkhulu ngakumbi ebukumkanini bezulu.

3 Aninako ukuqaphela ngamehlo enu endalo, okwa kaloku nje, icebo loThixo wenu ngokunxulumene nezo zinto eziya kuza emva koku, nozuko oluya kulandela emva kwenkxwaleko enkulu.

4 Kuba emva kwenkxwaleko enkulu kuza iintsikelelo. Ngako oko umhla uyeza eniya kuthweswa ngozuko olukhulu; alikafiki ilixa, kodwa ihlobo selikufuphi.

5 Khumbulani oku, ebendinixelele ngaphambili, okokuba ningakubeka entliziyweni, nize nizuze oko kuya kulandela.

6 Qaphelani, inene ndithi kuni, ngesi sizathu ndinithumele—okokuba nithobeke, nokokuba iintliziyo zenu zibe nokulungiselela ukunika ubungqina bezinto ezisezayo;

7 Kananjalo ibe nokuhlonitshwa ekubekeni isiseko, nasekunikeni imbali yelizwe apho iZiyon kaThixo iya kuma khona;

8 Kananjalo okokuba isidlo sezinto ezityebileyo zibe nokulungiselelwa amahlwempu; ewe, isidlo sezinto ezityebileyo, sewayini egcinwe ngeentsipho, okokuba umhlaba ube nokukwazi ukuba imilomo yabaprofeti ayisayi kusilela;

9 Ewe, isidlo sendlu yeNkosi, esilungiswe kakuhle, apho kuzo zonke izizwe ziya kumenyelwa.

10 Okokuqala, abazizityebi nabafundileyo, abalumkileyo nabandilisekileyo;

11 Kwaye emva koko kuya kuza loo mini yamandla am; ngoko amahlwempu, iziqhwala, neemfama, nezithulu, ziya kuza emsithweni weMvana, zidle isidlo seNkosi, esilungiselelwe loo mini inkulu izayo.

12 Qaphelani, mna, iNkosi, nditshilo.

13 Nokuba ubungqina buya kuhamba buvela eZiyon, ewe, emlonyeni wesixeko selifa likaThixo—

14 Ewe, ngesi sizathu ndinizise apha, kwaye ndisonyule isicaka sam uEdward Partridge, ndaze ndamisela kuye umsebenzi wakhe kweli lizwe.

15 Kodwa ukuba akaguquki ezonweni zakhe, ezikukungakholelwa nobumfama bentliziyo, makalumke hleze awe.

16 Qaphelani umsebenzi wakhe unikwe yena, kwaye awuyi kunikwa kwakhona.

17 Kwaye lowo umi kulo msebenzi umiswe ukuba abe ngumgwebi kwaSirayeli, njengoko kwakunjalo kwimihla yamandulo, ekwahluleni amazwe elifa likaThixo kubantwana bakhe;

18 Nokugweba abantu bakhe ngobungqina bamalungisa, nangoncedo lwabacebisi bakhe, ngokunxulumene nemithetho yobukumkani enikwe ngabaprofeti bakaThixo.

19 Kuba inene ndithi kuni, umthetho wam uya kugcinwa kweli lizwe.

20 Makungabikho mntu ucinga ukuba ungumlawuli; kodwa makuyekwe uThixo amlawule lowo ugwebayo, ngokunxulumene necebiso lentando yakhe, okanye, ngamanye amazwi, lowo ucebisayo okanye uhleli phezu kwesihlalo sokugweba.

21 Makungabikho mntu waphula imithetho yelizwe, kuba lowo uyigcinayo imithetho kaThixo akukho mfuneko yokwaphula imithetho yelizwe.

22 Ngako oko, thobelani amandla akhoyo, ade alawule lowo ililungelo lakhe ukulawula, kwaye oyisele zonke iintshaba phantsi kweenyawo zakhe.

23 Qaphelani, imithetho enithe nayifumana evela esandleni sam yimithetho yebandla, kwaye koku kukhanya niya kuyibamba. Qaphelani, nabu ubulumko.

24 Kwaye ngoku, njengoko ndathetha ngokunxulumene nesicaka sam uEdward Partridge, eli lizwe lilizwe lokuhlala kwakhe, kwanabo athe wabonyulela ukuba ngabacebisi bakhe; kananjalo ilizwe lokuhlala lalowo endithe ndamnyula ukuba agcine uvimba wam;

25 Ngako oko, mabazise iintsapho zabo kweli lizwe, njengoko beya kucebisana phakathi kwabo kunye nam.

26 Kuba qaphelani, akufanelekanga ukuba ndiyalele kuzo zonke izinto; kuba lowo unyanzelwayo kwizinto zonke, onjalo ulivila aze angabi sisicaka esilumkileyo; ngako oko akafumani mvuzo.

27 Inene ndithi, abantu mabaxhinele ukuzinikela kwinjongo elungileyo, baze benze izinto ezininzi ngokwentando yabo ekhululekileyo, baze bazise ubulungisa obungakumbi;

28 Kuba amandla akubo, apho baziarhente zeziqu zabo. Kwaye njengokuba abantu besenza okulungileyo abasayi kuphulukana nomvuzo wabo nangayiphina indlela.

29 Kodwa lowo ungenzi nayiphina into kude kube uyayalelwa, aze afumane umyalelo ngentliziyo ethandabuzayo, aze awugcine ngobuvila, onjalo ugwetyiwe.

30 Ndingubani mna lowo wenze umntu, itsho iNkosi, uya kumenza angabi natyala lowo ungayithobeliyo imiyalelo yam?

31 Ndingubani mna, itsho iNkosi, othe wathembisa waze akazalisekisa?

32 Ndiyayalela baze abantu bangathobeli; ndiyarhoxisa kwaye bangafumani ntsikelelo.

33 Ngoko bathi ezintliziyweni zabo: Lo asinguwo umsebenzi weNkosi, kuba izithembiso zayo azizalisekanga. Kodwa yeha kwabo, kuba umvuzo wabo ugoxile ngaphantsi, kwaye awuveli ngasentla.

34 Kwaye ngoku ndinika nina izikhokelo eziqhubekekayo ngokunxulumene neli lizwe.

35 Bubulumko obukum bokokuba isicaka sam uMartin Harris abe ngumzekelo kulo ibandla, azise iimali zakhe phambi kwebhishophu yebandla.

36 Kananjalo, lo ngumthetho kuye wonke umntu oza kweli lizwe ukuze afumane ilifa; kwaye uya kwenza ngeemali zakhe njengoko umthetho ukhokela.

37 Kwaye bubulumko kanjalo okokuba kumele kubekho imihlaba ethengwe eIndependence, eyiyeyendawo kavimba, kananjalo neyendlu yokushicilela.

38 Kwaye ezinye izikhokelo ngokunxulumene nesicaka sam uMartin Harris ziya kunikwa yena ngokoMoya, okukuba abe nokufumana ilifa lakhe njengokubonwa elungile;

39 Kwaye makaguquke ezonweni zakhe, kuba uzungula ukunconywa lihlabathi.

40 Kananjalo yenzani isicaka sam uWilliam W. Phelps eme kwiofisi endimnyulele yona, aze afumane ilifa lakhe elizweni;

41 Kananjalo ufanele ukuguquka, kuba mna, iNkosi, andanelisekanga nguye, kuba ufuna ukuvelela, kwaye akalulamanga ngokwaneleyo phambi kwam.

42 Qaphelani, lowo uthe waguquka ezonweni zakhe, onjalo uxolelwe, kwaye mna, iNkosi, andizikhumbuli kwakhona.

43 Ngoko ke ninokwazi ukuba umntu uguqukile ezonweni zakhe—qaphelani, uya kuzivuma aze azilahle.

44 Kwaye ngoku, inene, ndithi ngokunxulumene nentsalela yabadala bebandla lam, ixesha alikafiki, kuba yiminyaka emininzi, ukuze bona bafumane ilifa labo kweli lizwe, ngaphandle kokuba bayafuna ngomthandazo wokholo, kuphela njengoko liya kunyulelwa kubo ngokweNkosi.

45 Kuba, qaphelani, baya kuhlanganisela abantu kunye ukususela kwiziphelo zomhlaba.

46 Ngako oko, zihlanganiseni kunye; baze abo bangonyulwanga bahlale kweli lizwe, nibayeke bashumayele ivangeli kwiingingqi eziningqongileyo; kwaye emva koko nibavumele babuyele emakhayeni abo.

47 Bavumeleni bashumayele ngendlela, baze benze ubungqina benyaniso kuzo zonke iindawo, baze babize izityebi, abaphakamileyo nabathobekileyo, nabangamahlwempu baguquke.

48 Kwaye nibavumele bakhe amabandla, njengokuba abemi bomhlaba beya kuguquka.

49 Kwaye vumelani kubekho iarhente eyonyulwe ngelizwi lebandla, ngalo ibandla eOhio, ukufumana iimali zokuthenga imihlaba eZiyon.

50 Kwaye ndinika isicaka sam uSidney Rigdon umyalelo, wokokuba uya kubhala inkcazo yomhlaba weZiyon, nengxelo yentando kaThixo, njengoko iya kwenziwa ukuba yaziwe nguMoya kuye;

51 Kwaye ileta nomrhumo, maziziswe kuwo onke amabandla ukuzuza iimali, zokubekwa ezandleni zikabhishophu, ngokwakhe okanye iarhente, njengokuba kubonakala kulungile kuye okanye njengoko eya kukhokela, ekuthengeni imihlaba ngokwelifa labantwana bakaThixo.

52 Kuba, qaphelani, inene ndithi kuni, iNkosi ithanda okokuba abafundi nabantwana babantu mabavule iintliziyo zabo, nkqu ekuthengeni le ngingqi ipheleleyo yelizwe, ngokukhawuleza njengokuba ixesha liya kuvuma.

53 Qaphelani, nabu ubulumko. Bavumeleni benze oku hleze bangazuzi naliphina ilifa, ngaphandle kokuba kube kungokuphalazwa kwegazi.

54 Kwaye kwakhona, njengokuba kwakukho umhlaba abawufumeneyo, makubekho amadoda okusebenza athunyelwayo eendidi zonke kweli lizwe, asebenzele abangcwele bakaThixo.

55 Mazenzeke zonke ezi zinto ngocwangco; kwaye kwenziwe amalungelo awodwa emihlaba aziwe amaxesha ngamaxesha, ngubhishophu okanye iarhente yebandla.

56 Kwaye vumelani umsebenzi wokuhlanganiswa ungangxanyisiswa, nangokusaba; kodwa mayenziwe njengoko iya kucetyiswa ngabadala bebandla kwiinkomfa, ngokunxulumene kulwazi abalufumana amaxesha ngamaxesha.

57 Kwaye vumelani isicaka sam uSidney Rigdon athambise aze abingelelele eli lizwe, nendawo yetempile, eNkosini.

58 Kwaye vumelani intlanganiso yenkomfa ibizwe; kwaye emva koko vumelani izicaka zam uSidney Rigdon noJoseph Smith, Omnci., babuye, kananjalo uOliver Cowdery kunye nabo, baphumelelise intsalela yomsebenzi endithe ndawonyulela bona elizweni elilelabo, nentsalela njengokuba iya kulawulwa ziinkomfa.

59 Kwaye ningavumeli mntu abuyele kweli lizwe ngaphandle kokuba unike ubungqina apha endleleni, boko akwaziyo kwaye akholelwa eqiniseke ngokugqithisileyo ngako.

60 Vumelani oko kuthe kwanikelwa kuZiba Peterson kuthatyathwe kuye; nimvumele eme njengelungu ebandleni, aze asebenze ngezandla zakhe, kunye nabazalwana, kude kube uqeqeshwe ngokwaneleyo ngezono zakhe zonke; kuba akazivumanga, kwaye ucinga ukuzifihla.

61 Vumelani intsalela yabadala beli bandla, abeza kweli lizwe, abanye babo abasikelelwe ngokugqithisileyo kwanangaphaya komlinganiselo, kanjalo babambe inkomfa phezu kweli lizwe.

62 Kwaye nivumele isicaka sam uEdward Partridge akhokele inkomfa eya kubanjwa ngabo.

63 Kananjalo bavumeleni babuye, beshumayela ivangeli endleleni, benika ubungqina bezinto ezityhiliweyo kubo.

64 Kuba, inene, isandi masihambele phambili ukusuka kule ndawo ukuya kulo lonke ihlabathi, kwaye kuzo iindawo ezikude zomhlaba—ivangeli mayishunyayelwe kuzo zonke izidalwa, belandelwa yimiqondiso yabo bakholwayo.

65 Kwaye qaphelani uNyana woMntu uyeza. Amen.