Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 61


Icandelo 61

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eludongeni loMlambo iMissouri, kwiGophe likaMcIlwaine, Agasti 12, 1831. Kuhambo lwabo olubuyela eKirtland, uMprofeti nabadala abalishumi bahamba behla ngoMlambo iMissouri besemaphenyaneni. Kusuku lwesithathu lohambo, baba namava eengozi ezininzi. Umdala William W. Phelps, kumbono wasemini, wabona umtshabalalisi ekhwele esemandleni phezu kobuso bamanzi.

1–12, INkosi imisele iintshabalalo ezininzi phezu kwamanzi; 13–22, Amanzi ayeqalekisiwe nguYohane, nomtshabalalisi ukhwele phezu kobuso bawo; 23–29, Abanye banamandla okuyalela amanzi; 30–35, Abadala bamele ukuhamba ngababini ngababini baze bashumayele ivangeli; 36–39, Bamele ukulungiselela ukuza koNyana woMntu.

1 Qaphelani, kwaye nimamele ilizwi lalowo unamandla onke, lowo uvela ephakadeni lanaphakade, nkqu uAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo.

2 Qaphelani, inene itsho njalo iNkosi kuni, Owu nina badala bebandla lam, abahlanganisene phezu kwale ndawo, abazono zabo ngoku zixolelweyo, kuba mna, iNkosi, ndixolela izono, kwaye ndinenceba kwabo bazivumayo izono zabo ngeentliziyo ezithobekileyo;

3 Kodwa inene ndithi kuni, okokuba akuyiyo imfuneko yeli qela lilonke labadala bam bahambe ngokukhawuleza phezu kwamanzi, ekubeni abemi kwelinye icala betshabalalela ekungakholweni.

4 Nangona kunjalo, ndiniyekele okokuba nibe nokunika ubungqina; qaphelani, kukho iingozi ezininzi phezu kwamanzi, kwaye nangaphezulu ngakumbi emva koku nakwixesha elizayo;

5 Kuba mna, iNkosi, ndimisele emsindweni wam iintshabalalo ezininzi phezu kwamanzi; ewe, nangakumbi phezu kwala manzi.

6 Nangona kunjalo, yonke inyama isesandleni sam, kwaye lowo unokholo phakathi kwenu akayi kutshabalala ngamanzi.

7 Ngako oko, kufanelekile okokuba isicaka sam uSidney Gilbert nesicaka sam uWilliam W. Phelps bakhawulezise ekuthunyweni nasemisebenzini yabo.

8 Nangona kunjalo, andiyi ndiniyekele okokuba niya kwahlukana kude kube niya kohlwayelwa zonke izono zenu, ukuze nibe nokuba banye, ukuze nibe anina kutshabalalela enkohlakalweni;

9 Kodwa ngoku, inene ndithi, kufanelekile kum okokuba nahlukane. Ngako oko vumelani izicaka zam uSidney Gilbert noWilliam W. Phelps bathabathe iqela labo langaphambili, nize nibavumele bathabathe uhambo lwabo ngokukhawuleza ukuze bazalise umsebenzi wabo, kwaye ngokholo baya koyisa;

10 Kwaye njengokuba beya kuthembeka baya kulondolozwa, kwaye mna, iNkosi, ndiya kuba nabo.

11 Kwaye vumelani intsalela ithabathe oko kuyimfuneko kwezinxibo.

12 Vumelani isicaka sam uSidney Gilbert athabathe oko kungeyiyo imfuneko kunye naye, njengoko niya kuvumelana.

13 Kwaye ngoku, qaphelani, ngokufanele nina ndaninika umyalelo ngokunxulumene nezi zinto; kwaye mna, iNkosi, ndiya kuqiqa kunye nani njengakubantu kwimihla yakudala.

14 Qaphelani, mna iNkosi, ekuqalekeni ndawasikelela amanzi; kodwa kwimihla yokugqibela, ngomlomo wesicaka sam uYohane, ndawaqalekisa amanzi.

15 Ngako oko, imihla iya kuza yokuba kungabikho nyama iya kukhuseleka phezu kwamanzi.

16 Kwaye kuya kuthiwa kwimihla ezayo okokuba akukho namnye unako ukunyukela kumhlaba weZiyon phezu kwamanzi, kodwa lowo uthe tye entliziyweni.

17 Kwaye, njengokuba mna, iNkosi, ekuqalekeni ndawuqalekisa umhlaba, nkqu kunjalo kwimihla yokugqibela ndithe ndawusikelela, ngexesha lawo, ukuze usetyenziswe ngabangcwele bam, ukuze babe nokudla ukutyeba kwawo.

18 Kwaye ngoku ndininika umyalelo wokokuba oko ndikuthetha komnye ndikuthetha kubo bonke, ukuze nibe niya kulumkisa abazalwana benu ngokunxulumene nala manzi, ukuze bangezi ngokuhamba phezu kwawo, hleze ukholo lwabo lusilele baze babanjwe emigibeni;

19 Mna, iNkosi, ndimisele, kwaye umtshabalalisi ukhwele phezu kobuso bawo, kwaye andiwurhoxisi ummiselo.

20 Mna, iNkosi, bendinomsindo kuni izolo, kodwa namhlanje umsindo wam umkile.

21 Ngako oko, vumelani abo ngokunxulumene nendikuthethileyo, abamele ukuthabatha uhambo lwabo ngokukhawuleza—kwakhona ndithi kuni, bavumeleni bathabathe uhambo lwabo ngokukhawuleza.

22 Kwaye akunamsebenzi kum, emva kancinane, ukuba kunokwenzeka okokuba bazalise umsebenzi wabo, nokokuba bahamba ngamanzi okanye ngomhlaba; vumelani oku kube njengoko kwenziwe kwazeka kubo ngokunxulumene nezigwebo zabo ngexesha elizayo.

23 Kwaye ngoku, ngokunxulumene nezicaka zam, uSidney Rigdon, uJoseph Smith, Omnci., no-Oliver Cowdery, ningabavumeli kwakhona beze phezu kwamanzi, ngaphandle kube kungomjelo, xa besiya emakhayeni abo; okanye ngamanye amazwi abasayi kuza behamba phezu kwamanzi, ngaphandle kokuba kuphezu komjelo.

24 Qaphelani, mna, iNkosi, ndinyule indlela yohambo lwabangcwele bam; kwaye qaphelani, le yindlela—okokuba emva kokushiya umjelo baya kuhamba ngomhlaba, njengokuba beyalelwe ukuhamba nokuya phezu komhlaba weZiyon;

25 Kwaye baya kwenza njengabantwana bakaSirayeli, bemisa iintente zabo ngasendleleni.

26 Kwaye, qaphelani, lo myalelo niya kuwunika bonke abazalwana benu.

27 Nangona kunjalo, kolowo unikiweyo unikwe amandla okuyalela amanzi, kuye kunikwe ngoMoya ukwazi zonke iindlela zakhe;

28 Ngako oko, mvumeleni enze njengoko uMoya kaThixo ophilileyo umyalela, nokokuba kuphezu komhlaba okanye phezu kwamanzi, njengoko kusele kum ukwenza ngexesha elizayo.

29 Kwaye kuni kunikelwe indlela yabangcwele, okanye indlela yabangcwele benkampu yeNkosi, ukuba bahambe.

30 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, izicaka zam, uSidney Rigdon, uJoseph Smith, Omnci., no-Oliver Cowdery, abayi kuvula milomo yabo ezintlanganisweni zabakhohlakeleyo kude kube bafika eCincinnati;

31 Kwaye kuloo ndawo baya kuphakamisela phezulu amazwi abo kuThixo ngokuchasene nabo bantu, ewe, kulowo umsindo wakhe uphenjelelwe ngokuchasene nenkohlakalo yabo, abantu abakufutshane kakuhle ekuvuthelweni intshabalalo.

32 Kwaye ukusukela oko bavumeleni bahambele iintlaganiso zabazalwana babo, kuba imisebenzi yabo nkqu ngoku ifuneka ngoku ngakumbi phakathi kwabo kunaphakathi kweentlanganiso zabakhohlakeleyo.

33 Kwaye ngoku, ngokunxulumene nentsalela, bavumeleni bahambe baze babhengeze ilizwi phakathi kweentlanganiso zabakhohlakeleyo, njengokuba kunikiwe;

34 Kwaye njengokuba besenza oku baya kuzikhulula iingubo zabo, kwaye abayi kuba nachaphaza phambi kwam.

35 Kwaye bavumeleni bahambe kunye, okanye ngababini ngababini, njengoko kubonakala kubalungele, kuphela vumelani isicaka sam uReynolds Cahoon, nesicaka sam uSamuel H. Smith, endikholisiweyo nguye, bangohlulwa bade babuyele emakhayeni abo, kwaye oku kungenjongo elumkileyo ekum.

36 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, kwaye oko ndikuthetha komnye ndikuthetha kubo bonke, yomelelani, bantwana abancinane; kuba ndiphakathi kwenu, kwaye andinishiyanga;

37 Kwaye njengokuba nizithobile phambi kwam, iintsikelelo zobukumkani zezenu.

38 Bhinqani izinqe zenu nize nilumke kwaye niqabuke, nijonge phambili ekuzeni koNyana woMntu, kuba uza kwilixa eningalicingelanga.

39 Thandazani rhoqo ukuze ningangeni ekuhendweni, ukuze nibe nokumelana nemini yokuza kwakhe, nokukuba kusebomini okanye ekufeni. Nkqu kunjalo. Amen.