Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 63


Icandelo 63

Isityhilelo esinikwe ngo Joseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Agasti 30, 1831.UMprofeti, uSidney Rigdon, no-Oliver Cowdery bafike eKirtland ngowama-27 Agasti bevela kutyelelo lwabo eMissouri. Imbali kaJoseph Smith ichaza esi sityhilelo: “Ngale mihla eselula yeBandla, kwakukho ixhala elikhulu lokuzuza ilizwi leNkosi phezu kwesihloko ngasinye esinxulumene nangayiphina indlela elusindisweni lwethu; kwaye njengokuba umhlaba weZiyon ngoku wawuyinto eyiyeyona ibalulekileyo yethutyana ejongiweyo, ndabuza eNkosini ngolwazi olungakumbi lokuhlanganisela abaNgcwele, nokuthengwa komhlaba, neminye imiba.”

1–6, Imini yomsindo iya kuza phezu kwabakhohlakeleyo; 7–12, Imiqondiso iza ngokholo; 13–19, Abanokrexezo entliziyweni baya kuluphika ukholo baze baphoselwe edikeni lomlilo; 20, Abathembekileyo bafumana ilifa phezu komhlaba owenziwe kumila kumbi; 21, Ingxelo ezeleyo yeziganeko kwiNtaba yokwenziwa kuMila kuMbi azikathi zityhilwe; 22–23, Abathobekileyo bafumana iimfihlelo zobukumkani; 24–31, Amafa eZiyon amele ukuthengwa; 32–35, INkosi imisela iimfazwe, kwaye abakhohlakeleyo babulala abakhohlakeleyo; 36–48, AbaNgcwele bamele ukuhlanganiselana eZiyon baze babonelele iimali zokuyakha; 49–54, Iintsikelelo ziqinisekiselwa abathembekileyo ngokuBuya kweSibini, eluVukweni, nangethuba leMileniyam; 55–58, Le yimini yokulumkisa; 59–66, Igama leNkosi alithathelwa ntweni ngabo balisebenzisa ngaphandle keegunya.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu, nize nivule iintliziyo zenu nize ninike indlebe nikude; nize nimamele, nina nibiza iziqu zenu abantu beNkosi, nize nive ilizwi leNkosi nentando yayo ngokunxulumene nani.

2 Ewe, inene, ndithi, yivani ilizwi lakhe umsindo wakhe uphenjelelweyo ngokuchasene nabakhohlakeleyo nabavukelayo;

3 Lowo uthanda ukuthatha nkqu abo anako ukubathatha, aze abalondoloze ebomini bona abo aya kubalondoloza;

4 Lowo wakhela phezulu entandweni eyiyeyakhe nolonwabo; aze atshabalalise xa ethanda, kwaye unako ukuphosela umphefumlo ezantsi esihogweni.

5 Qaphelani, mna, iNkosi, ndithetha ilizwi lam, kwaye liya kuthotyelwa.

6 Ngako oko, inene ndithi, mabanike inyameko abakhohlakeleyo, kwaye maboyike baze bangcangcazele abavukeli; kwaye abangakholelwayo babambe imilebe yabo, kuba imini yomsindo iya kuza phezu kwabo njengesaqhwithi, kwaye yonke inyama iya kwazi ukuba ndinguThixo.

7 Kwaye lowo ufuna imiqondiso uya kubona imiqondiso, kodwa engasiyiyo eyosindiso.

8 Inene, ndithi kuni, kukho abo phakathi kwenu bafuna imiqondiso, kwaye babekho abanjalo nkqu ukususela ekuqaleni;

9 Kodwa, qaphelani, ukholo aluzi ngemiqondiso, kodwa imiqondiso ilandela abo bakholelwayo.

10 Ewe, imiqondiso iza ngokholo, ingezi ngentando yabantu, nanjengoko bethanda, kodwa ngentando kaThixo.

11 Ewe, imiqondiso iza ngokholo, emisebenzini enamandlakazi, kuba ngaphandle kokholo akukho mntu ukholisa uThixo; kwaye kulowo uThixo anomsindo kuye akakholisekanga kakuhle; ngako oko, kulowo unjalo akabonakalisi miqondiso, kungomsindo kuphela ekuya kuba sisigwebo sabo.

12 Ngako oko, mna, iNkosi, andikholisekanga ngabo phakathi kwenu abafunele imiqondiso nemimangaliso ukholo, kwaye ingekuko okokulunga kwabantu eluzukweni lwam.

13 Nangona kunjalo, ndinika imiyalelo, kwaye abaninzi bemkile emiyalelweni yam baze abayigcina.

14 Bekukho phakathi kwenu abakrexezi nabakrexezikazi; abanye babo bemkile kuni, kwaye abanye basele nani ngokuba ngexesha elizayo abaya kutyhilwa.

15 Mabalumke abanjalo baze baguquke ngokukhawuleza, hleze sibe isigwebo siya kuza phezu kwabo njengesabatha, kwaye ubuyatha babo buya kwenziwa bubonakale, kwaye imisebenzi yabo iya kulandelana nabo emehlweni abantu.

16 Kwaye inene ndithi kuni, njengoko ndatshoyo ngaphambili, lowo ukhangela umfazi ukuba amkhanuke, okanye ukuba noobani na abaya kukrexeza ezintliziyweni zabo, abayi kuba nawo uMoya, kodwa baya kuluphika ukholo kwaye baya koyika.

17 Ngako oko, mna, iNkosi, nditshilo ukuba aboyikayo, nabangakholwayo, nawo onke amaxoki, nabani na othanda nowenza ubuxoki, norhweba ngobuhenyu, negqwirha, baya kuba nenxaxheba yabo kweloo dike livutha ngumlilo nesulfure, elikukufa kwesibini.

18 Inene ndithi, okokuba abayi kuba nanxaxheba eluvukweni lokuqala.

19 Kwaye ngoku qaphelani, mna, iNkosi, ndithi kuni anigwetywanga, ngenxa yokuba ezi zinto ziphakathi kwenu.

20 Nangona kunjalo, lowo unyamezela eselukholweni aze enze intando yam, onjalo uya koyisa, kwaye uya kufumana ilifa phezu komhlaba xa imini yokwenziwa kumila kumbi iya kuza;

21 Xa umhlaba uya kwenziwa kumila kumbi, nkqu ngokunxulumene nomfuziselo owawuboniswe kubapostile bam phezu kwentaba; kanti okwengxelo leyo ukuzaliseka anikakufumani.

22 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, njengokuba nditshilo okokuba ndiya kuyenza yazeke intando yam kuni, qaphelani ndiya kuyenza yazeke kuni, ingasiyiyo indlela yomyalelo, kuba kukho abaninzi abangakuqwalaseliyo ukugcina imiyalelo yam.

23 Kodwa kulowo uyigcinayo imiyalelo yam ndiya kunika iimfihlelo zobukumkani bam, kwaye onjalo kuye kuya kubakho umthombo wamanzi aphilileyo, ampompozelela ebomini obungunaphakade.

24 Kwaye ngoku, qaphelani, le yintando yeNkosi uThixo wenu ngokunxulumene nabangcwele bakhe, okokuba bamele ukuzihlanganisela kunye emhlabeni weZiyon, kungengakungxama, hleze kubekho isiphithiphithi, esizisa ubhubhane.

25 Qaphelani, umhlaba weZiyon—mna, iNkosi, ndiwubambe ezandleni ezizezam;

26 Nangona kunjalo, mna, iNkosi, ndinikela kuKesare izinto ezizezikaKesare.

27 Ngako oko, mna, iNkosi ndinga ningathenga imihlaba, ukuze nibe nenzuzo entle yehlabathi, ukuze nibe nokuba nebango ehlabathini, ukuze bangabi nokuxhokonxelwa emsindweni.

28 Kuba uSathana ubeka ezintliziyweni zabo ukuba nomsindo ngokuchasene nani, nasekuphalazeni kwegazi.

29 Ngako oko, umhlaba weZiyon awuyi kufunyanwa kodwa ngokuthengwa okanye ngegazi, ngenye indlela akukho lifa lenu.

30 Kwaye ukuba kungokuthengwa, qaphelani nisikelelekile;

31 Kwaye ukuba kungegazi, njengoko nalelwe ukuphalaza igazi, yabonani, iintshaba zenu ziphezu kwenu, kwaye niya kutyakatywa ukusuka esixekweni kuye esixekweni, nokusuka kwindlu yesikhungo ukuya kwindlu yesikhungo, kwaye kodwa bambalwa abaya kuma bafumane ilifa.

32 Mna, iNkosi, ndinomsindo ngabakhohlakeleyo; ndibambe uMoya wam kubemi bomhlaba.

33 Ndifungile ndisemsindweni wam, ndaze ndamisela iimfazwe phezu kobuso bomhlaba, kwaye abakhohlakeleyo baya kubulala abakhohlakeleyo, kwaye uloyiko luya kuza phezu komntu wonke;

34 Kwaye abangcwele njalo baya kuphuncula nzima; nangona kunjalo, mna, iNkosi, ndikunye nabo, kwaye ndiya kuhla ezulwini ukusuka ebusweni bukaBawo ndize nditshise abakhohlakeleyo ngomlilo ongacimiyo.

35 Kwaye qaphelani, oku akukafiki, kodwa kuza ngokuza.

36 Ngako oko, ndibona okokuba mna, iNkosi, ndimisele zonke ezi zinto phezu kobuso bomhlaba, ndinga okokuba abangcwele bam babe nokuhlanganisela phezu komhlaba weZiyon;

37 Nokokuba wonke umntu umele ukuthathela ubulungisa ezandleni zakhe nokuthembeka ezinqeni zabo, kwaye aphakamise ilizwi elilumkisayo kubemi bomhlaba; kwaye babhengeze kunye ngelizwi nangokusaba okokuba intshabalalo iya kuza phezu kwabakhohlakeleyo.

38 Ngako oko, vumelani abafundi bam eKirtland balungelelanise imicimbi yabo yethutyana, abo abahlala kule fama.

39 Vumelani isicaka sam uTitus Billings, okhathalelele okoko, athengise umhlaba, ukuze abe nokulungela ukuza kwentwasahlobo ukuthabatha uhambo lwakhe ukunyukela kumhlaba weZiyon, nabo bahlala phezu kobuso bawo, ngaphandle kwabo ndiya kubalondolozela kum, abangayi kuhamba ndide ndibe ndiya kubayalela.

40 Kwaye nenze zonke iimali ezinako ukuqoqoshwa, akunamsebenzi kum nokuba zincinane okanye zininzi, zithunyelwe phezulu kumhlaba weZiyon, kwabo endibanyulele ukuzamkela.

41 Qaphelani, mna, iNkosi, ndiya kunika isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., amandla okokuba abe uya kubanako ukucalula ngoMoya abo baya kunyukela kumhlaba weZiyon, nabo babafundi bam baya kusala.

42 Vumelani isicaka sam uNewel K. Whitney agcine ivenkile yakhe, okanye ngamanye amazwi, ivenkile, ikhe ibekho ixesha elincinane.

43 Nangona kunjalo, makagqithisele yonke imali anako ukuyigqithisela, ithunyelwe phezulu kumhlaba weZiyon.

44 Qaphelani, ezi zinto zisezandleni zakhe, mvumeleni enze ngokunxulumene nobulumko.

45 Inene ndithi, mvumeleni amiselwe njengearhente kubafundi abaya kusala, kwaye mvumeleni amiselwe kweli gunya;

46 Kwaye ngoku tyelelani ngokungxama amabandla, nicacise ezi zinto kuwo, nesicaka sam uOliver Cowdery. Qaphelani, le yintando yam, ukufumana iimali nkqu njengoko ndiyalele.

47 Lowo uthembekileyo aze anyamezele uya kuloyisa ihlabathi.

48 Lowo uthumela phezulu indyebo kumhlaba weZiyon uya kuzuza ilifa kweli hlabathi, kwaye imisebenzi yakhe iya kumlandela, kananjalo umvuzo kwihlabathi elizayo.

49 Ewe, kwaye banoyolo abafi abafela eNkosini, ukususela ngoku, xa iNkosi iya kuza, kwaye izinto ezindala ziya kudlula, kwaye zonke izinto zibe ntsha, baya kuvuka kwabafileyo kwaye abayi kufa emva koko, kwaye baya kuzuza ilifa phambi kweNkosi, esixekweni esingcwele.

50 Kwaye lowo uphilileyo xa iNkosi iya kuza, aze abe egcine ukholo, unoyolo yena; nangona kunjalo, konyulelwe kuye ukufa kwiminyaka yomntu.

51 Ngako oko, abantwana baya kukhula bade babe badala; abantu abadala baya kufa; kodwa abayi kulala eluthulini, kodwa baya kuguqulwa ngokuqhwanyaza kweliso.

52 Ngako oko, ngenxa yale njongo bashumayela abapostile ehlabathini uvuko lwabafileyo.

53 Ezi zinto zizinto nina enimele ukuzijonga; kwaye, nithethe ngokohlobo lweNkosi, ngoku zikufutshane, nakwixesha elizayo, nkqu ngomhla wokuza koNyana woMntu.

54 Kwaye kude ibe leloo lixa kuya kubakho iintombi eziziziyatha phakathi kweziziingqondi; kwaye ngeloo lixa kuza ukwahlulwa okupheleleyo kwamalungisa nabakhohlakeleyo; kwaye ngaloo mhla ndiya kuthumela iingelosi ezizezam ziphosele ngaphandle abakhohlakeleyo kwaye zibaphosele kumlilo ongacimiyo.

55 Kwaye ngoku qaphelani, inene ndithi kuni, mna, iNkosi, andikholisekanga sisicaka sam uSidney Rigdon; unyusele phezulu isiqu sakhe kwintliziyo yakhe, waza akayamkela ingcebiso, kodwa wahlungisa uMoya;

56 Ngako oko umbhalo wakhe awamkelekanga eNkosini, kwaye uya kwenza omnye; kwaye ukuba iNkosi ayiwamkeli, qaphelani akasemanga eofisini abonyulelwe yona.

57 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, abo banqwenelayo ezintliziyweni zabo, kubulali, kulumkisa aboni baguquke, bavumeleni bamiselwe kweli gunya.

58 Kuba lo ngumhla wokulumkisa, ingenguwo umhla wamazwi amaninzi. Kuba mna, iNkosi, andingowokuhlekisa ngemihla yokugqibela.

59 Qaphelani, ndivela ngasentla, kwaye amandla am alele ngaphantsi. Ndingaphezu konke, nakonke, nangako konke, kwaye ndiphanda zonke izinto, kwaye umhla uyeza wokuba zonke izinto ziya kuba phantsi kolawulo lwam.

60 Qaphelani, ndinguAlfa no-Omega, nkqu uYesu Krestu.

61 Ngako oko, lumkisani bonke abantu ngokuba balithathe njani igama lam emilebeni yabo—

62 Kuba qaphelani, inene ndithi, okokuba abaninzi bakho abaphantsi kwesi sigwebo, abasebenzisa igama leNkosi, baze balisebenzise kwilize, bengenagunya.

63 Ngako oko, vumelani ibandla liguquke ezonweni zalo, kwaye mna, iNkosi, ndiya kubabanga; kungenjalo baya kusikelwa ngaphandle.

64 Khumbulani okokuba oko kuvela kusiza ngasentla kunyulu, kwaye makuthethwe ngenkathalo, nangembophelelo yoMoya; kwaye koku akukho sigwebo, kwaye nifumana uMoya ngomthandazo; ngako oko, ngaphandle koku apho kusala isigwebo.

65 Vumelani izicaka zam, uJoseph Smith, Omnci., noSidney Rigdon, babafunele ikhaya, njengokuba befundiswa ngomthandazo ngoMoya.

66 Ezi zinto zihleli ziya koyisa ngomonde, ukuze ezinjalo zibe nokufumana ubukhaphukhaphu obugqithisileyo nobanaphakade bobuqaqawuli, kungenjalo, isigwebo esikhulu ngakumbi. Amen.