Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 66


Icandelo 66

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Oktobha 29, 1831. UWilliam E. McLellin wathi wabongoza iNkosi ngasese ukuba yenze kwazeke ngoMprofeti impendulo kwimibuzo emihlanu eyayingaziwa nguJoseph Smith. Kwisicelo sikaMcLellin, uMprofeti wabuza iNkosi waza wafumana esi sityhilelo.

1–4, Umnqophiso wanaphakade kukuzalisekiswa kwevangeli; 5–8, Abadala bamele ukushumayela, bangqine, baze baqiqe nabantu; 9–13, Inkonzo ethembekileyo yobufundisi iqinisekisa ilifa lobomi obungunaphakade.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi kwisicaka sayo uWilliam E. McLellin—Usikelelekile wena, njengokuba umkile ebugwenxeni bakho, waze wamkela iinyaniso zam, itsho iNkosi uMkhululi wakho, uMsindisi wehlabathi, nkqu njengabaninzi bekholelwa egameni lam.

2 Inene ndithi kuwe, usikelelekile wena ngokwamkela umnqophiso wam wanaphakade, nkqu ukuzalisekiswa kwevangeli yam, ethunyelwe ngaphambili ebantwaneni babantu, ukuze babe nokuba nobomi baze benziwe abathathi nxaxheba bobuqaqawuli obuya kutyhilwa ngemihla yokugqibela, njengoko kwabhalwayo ngabaprofeti nabapostile ngemihla yakudala.

3 Inene ndithi kuwe, sicaka sam William, okokuba ucocekile, kodwa kungaphelelanga; guquka, ke ngoko, kwezo zinto zingakholisiyo ekuboneni kwam, itsho iNkosi, kuba iNkosi iya kuzibonakalisa kuwe.

4 Kwaye ngoku, inene, mna, iNkosi, ndiya kubonakalisa kuwe oko ndikuthandayo ngokunxulumene nawe, okanye oko kuyintando yam ngokunxulumene nawe.

5 Qaphela, inene ndithi kuwe, ukuba yintando yam okokuba umele ukubhengeza ivangeli yam ukususela elizweni ukuya elizweni, nokususela esixekweni ukuya esixekweni, ewe, kwezo ngingqi zingqonge apho ingekabhengezwa.

6 Ungahlali iintsuku ezininzi kule ndawo; unganyukeli kumhlaba weZiyon okwangoku; kodwa njengokuba unako ukuthumela, thumela; ngenye indlela, ungacingi ngepropathi yakho.

7 Yiya kumazwe asempumalanga, nika ubungqina kwindawo zonke, ebantwini bonke nakwizindlu zezikhungu zabo, uqiqa nabantu.

8 Vumela isicaka sam uSamuel H. Smith ahambe nawe, kwaye ungamshiyi, uze umnike imiyalelo yakho; kwaye lowo uthembekileyo uya kwenziwa omelele ezindaweni zonke; kwaye mna, iNkosi, ndiya kuhamba nani.

9 Bekani izandla zenu phezu kwemilwelwe, kwaye iya kuphila. Ningabuyi ndide mna, iNkosi, ndiya kunithumelela. Yibani nomonde ezimbandezelweni. Celani, kwaye niya kuphiwa; nkqonkqozani, kwaye niya kuvulelwa.

10 Ze ungafuni ukuxakeka. Shiya konke ukungalungisi. Ungakrexezi—isilingo obuthe wakhathazwa ngaso.

11 Gcina ezi ntetho, kuba ziyinyani kwaye zithembekile; kwaye uya kukhulisa iofisi yakho, uze utyhalele abantu abaninzi eZiyon ngeengoma zovuyo lwanaphakade phezu kweentloko zabo.

12 Qhubekeka kwezi zinto nangokude kuye esiphelweni, kwaye uya kuzuza isithsaba sobomi obungunaphakade esandleni sokunene sikaBawo, ozele lubabalo nenyaniso.

13 Inene, itsho njalo iNkosi uThixo wakho, uMkhululi wakho, nkqu uYesu Krestu. Amen.