Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 67


Icandelo 67

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, kutsha nje ngoNovemba 1831. Ithuba yayilelo lenkomfa ekhethekileyo, nopapasho lwezityhilelo ebesezifunyenwe eNkosini ngoMprofeti lwaqwalaselwa kwaza kwasetyenzwa ngalo (bona kwisihloko secandelo 1). UWilliam W. Phelps wathi kutsha nje waseka umatshini wokushicilela weBandla eIndependence eMissouri. Inkomfa yagqiba ekubeni kupapashwe izityhilelo Book of Commandments (kwiNcwadi yeMiyalelo) kwaye kushicilelwe iikopi ezi 10,000 (ezathi ngenxa yeengxaki ebezingalindelekanga ethubeni zacuthelwa kuma 3,000 eekopi). Abaninzi babazalwana banika ubungqina obundilisekileyo bokokuba izityhilelo ezaziqokelelelwe upapasho ngoko zaziyinene ngokwenene, njengoko zazingqinwa nguMoya oyiNgcwele othululwe ngaphambili phezu kwazo. Imbali kaJoseph Smith irekhoda okokuba emva koko isityhilelo esaziwa njengecandelo 1 sasisele sifunyenwe, enye intetho egxekayo yabakho ngokunxulumene nolwimi olusetyenziswe ezityhilelweni. Isityhilelo esikhoyo salandela.

1–3, INkosi iyayiva imithandazo yabadala Bayo ize ibalunguze; 4–9, Icela umngeni koyena mntu ulumkileyo aphinde kabini ezona zincinane zezityhilelo Zayo; 10–14, Abadala abathembekileyo baya kudliswa ubomi nguMoya baze babone ubuso bukaThixo.

1 Qaphelani kwaye niphulaphule, Owu nina badala bebandla lam, abazihlanganise kunye, abamithandazo yabo ndiyivileyo, nabantliziyo zabo ndizaziyo, nabaminqweno yabo inyukele phambi kwam.

2 Qaphelani kwaye yabonani, amehlo am aphezu kwenu, namazulu nomhlaba asezandleni zam, nobutyebi banaphakade bobam okokuba ndibunikise.

3 Nizame ukukholelwa okokuba nimele ukufumana iintsikelelo ezanikelwa kuni; kodwa qaphelani, inene ndithi kuni bekukho izoyiko ezintliziyweni zenu, kwaye inene esi sisizathu sokokuba ningazange nifumane.

4 Kwaye ngoku mna, iNkosi, ndininika ubungqina benyaniso yale miyalelo elele phambi kwenu.

5 Amehlo enu ebephezu kwesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., nolwimi lwakhe nilwazile, neemposiso zakhe nizazile; kwaye nifune ezintliziyweni zenu ulwazi ukuze nibe nokucacisa ngaphaya kolwimi lwakhe; kanjalo oku niyakwazi.

6 Ngoku, khangelani Book of Commandments (kwiNcwadi yeMiyalelo), nkqu nemincinane ngokugqithisileyo ephakathi kwayo, kwaye nonyule lowo ulumke ngokugqithisileyo phakathi kwenu;

7 Okanye, ukuba kukho nabanina phakathi kwenu oya kwenza omnye ofana nawo, ngoko nikulungele ukuthi okokuba aniyazi ukuba iyinyani;

8 Kodwa ukuba aninako ukwenza omnye ofana nawo, niphantsi kwesigwebo okuba aninako ukunika ubungqina bokokuba iyinyani.

9 Kuba niyazi okokuba akukho kungalungisi kuyo, kwaye oko kulungileyo kuhla kuvela ngasentla, kuvela kuBawo wezikhanyiso.

10 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni okokuba lilungelo lenu elilodwa, kwaye ndininika isithembiso esimiselwe kobu bufundisi, nanjengokuba nizihluba emoneni nakwizoyiko, kwaye nizithoba phambi kwam, kuba anithobekanga ngokwaneleyo, ikhuselo liya kukrazulwa kwaye niya kundibona nize nazi ukuba ndinguye—ingengokwasenyameni nakwingqondo yemvelo, kodwa ngokwasemoyeni.

11 Kuba akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphina ixesha esenyameni, ngaphandle kokuba umiliswe ngakumbi nguMoya kaThixo.

12 Ingenguye nawuphina umntu wemvelo onako ukuhlala ebusweni bukaThixo, ingekuko nasemva kwengqondo yenyama.

13 Aninako ukumelana nobuso bukaThixo ngoku, kwanalo ulungiselelo lweengelosi; ngako oko, qhubekekani nikumonde nide nigqityeleliswe.

14 Ningavumeli iingqondo zenu zibuyele umva; kwaye xa nifanelekile ngexesha lam elifanelekileyo, niya kubona nize nazi okokuba oko kwanikelwa phezu kwenu ngezandla zesicaka sam uJoseph Smith, Omnci. Amen.