Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 7


Icandelo 7

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti no-Oliver Cowdery, eHarmony, ePennsylvania, Aprili 1829, xa ba buzayo ngeYurim neTumim okokuba uYohane oyiNtanda, umfundi obethandwa, okokuba usahleli enyameni okanye wafa. Isityhilelo siyimbonakalo yoguqulelo lwembali eyenziwe kwizintsu ezibhalwe nguYohane waza wazifihla ngokwakhe.

1–3, UYohane oyiNtanda uya kuphila ide iNkosi ibuye; 4–8, UPetros, uYakobi, noYohane baphethe izitshixo zevangeli.

1 Kwaye iNkosi yathi kum: Yohane, ntandane yam, unqwenela ntoni? Kuba xa uya kucela oya kuba kuko, uya kunikwa.

2 Kwaye ndathi kuyo: Nkosi, ndinike amandla phezu kokufa, wokokuba ndibe nokuphila ndize ndizise imiphefumlo kuwe.

3 Kwaye iNkosi yathi kum: Inene, inene, ndithi kuwe, ngenxa yokuba wena unqwenele oku wena uya kuhlala ndide ndibuye eluzukweni kwam, kwaye uya kuprofetha phambi kwezizwe, izalamane, iilwimi nabantu.

4 Kwaye ngenxa yesi sizathu iNkosi yathi kuPetros: Ukuba ndiya kukwenza okokuba uhlale ndide ndibuye, kuyintoni na oko kuwe? Kuba unqwenele okukokwam okokuba ube nokuzisa imiphefumlo kum, kodwa wena unqwenele oko wena unga unganqwenela ukuza ngokukhawuleza ebukumkanini bam.

5 Ndithi kuwe, Petros, lo ibe ngumnqweno olungileyo; kodwa ntandane yam unqwenele oko ubuno kwenza ngokungakumbi, okanye umsebenzi kunjalo othe kratya phakathi kwabantu kunalowo uwenzileyo ngaphambili.

6 Ewe, wenze umsebenzi omkhulu ngakumbi; ke ngoko ndiya kumenza njengomlilo ovuthayo nolungiselelo lwengelosi; uya kufundisa kwabo baye kuba ziindlalifa zosindiso abahleli emhlabeni.

7 Kwaye ndiya kukwenza ufundisele wena kwaye nomntakwenu uYakobi; kwaye kuni bathathu ndiya kuninika la mandla nezitshixo zobu bufundisi ndide ndibuye.

8 Inene ndithi kuwe, niya kufumana nobabini ngokunxulumene neminqweno yenu, kuba nobabini ninovuyo koko nikunqweneleyo.