Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 87


Icandelo 87

Isityhilelo nesiprofetho ngemfazwe, zinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, kufuphi okanye eKirtland Ohio, Disemba 25, 1832. Ngeli xesha iimpikiswano yaMazwe oMdibaniso ngobukhoboka nangokupheliswa kweerhafu zomanyano zoMzantsi Carolina zazikho kulo lonke. Imbali kaJoseph Smith ichaza ukuba “iimbonakalo zeenkathazo phakathi kwezizwe” zaziya “zibonakala ngakumbi” kuMprofeti “kunokuba zazithe zanjalo ngaphambili ukususela ekubeni iBandla laqalisa uhambo lwalo ukuphuma entlango.”

1–4, Imfazwe ixelwe kwa ngaphambili phakathi kweZiteyiti zaseNtla neZiteyiti zaseZantsi; 5–8, Iintlekele ezinkulu ziya kuhlela phezu kwabo bonke abemi bomhlaba.

1 Inene, itsho njalo iNkosi ngokunxulumene neemfazwe eziya kwenzeka kufutshane, ziqala kuvukelo lwaseMzantzi Carolina, eya kude ekugqibeleni iphelele ekufeni nakwinkxwaleko yemiphefumlo emininzi;

2 Kwaye ixesha liya kufika lokuba imfazwe iya kuthululelwa phezu kwezizwe zonke, kuqalela kule ndawo.

3 Kuba qaphela, iZiteyiti zaseZantsi ziya kwahlukana ngokuchasene neZiteyiti zaseNtla, kwaye iZiteyiti zaseZantsi ziya kubiza ezinye izizwe, nkqu isizwe saseBritani eNkulu, njengoko ibizwa, kwaye kanjalo baya kubiza ezinye izizwe, ukuze bazikhusele ngokuchasene nezinye izizwe; kwaye ngoko imfazwe iya kuthululwa phezu kwazo zonke izizwe.

4 Kwaye kuya kwenzeka, emva kweentsuku ezininzi, amakhoboka aya kuvukela ngokuchasene nabalawuli bawo, aya kucwangciswa aze aqeqeshelwe imfazwe.

5 Kwaye kuya kwenzeka kanjalo ukuba intsalela eshiyeke elizweni ibe iya kuzicwangcisa iziqu zayo, kwaye iya kuba nomsindo ngokugqithisileyo, kwaye iya kucaphukisa iiNtlanga ngokucaphuka okubuhlungu.

6 Kwaye njalo, ngekrele nangempalalo-yegazi abemi bomhlaba baya kulila; nangendlala, nangesibetho, nangenyikima, nangendudumo yezulu, kanjalo nangemibane eyoyikekayo eqaqambileyo, abemi bomhlaba baya kwenziwa bayive ingqumbo, nokucaphuka, nesandla esohlwayayo sikaThixo uSomandla, kude ukusetyenziswa kommiselo kwenze isiphelo esizeleyo sazo zonke izizwe;

7 Ukuze ukulila kwabangcwele, nokwegazi labangcwele, kube kuya kunqumama ukuya ezindlebeni zeNkosi yeSabawothi, ukusuka emhlabeni, baphindezelwa ezintshabeni zabo.

8 Ngako oko, yimani ezindaweni ezingcwele, kwaye ningagungqiswa, ide imini yeNkosi ifike; kuba qaphelani, iza kamsinya, itsho iNkosi. Amen.